done(mvdh)13092000
MHLABA
UYAJIKELEZA

D.M. Lupuwana








Maskew Miller Longman

	iziqulatho


	Isinikezelo	v
	Umbulelo	v
	Ingotya yamaRharhabe ityelela isikolo saseNqini	1
	"Amahashe angoku adl'iipesika	11
	"Yindoda laa nto!	18
	Umthandazo	27
	EGwili-Gwili	39
	Injika-mpethu	46
	"Ugcine izifungo nezibhambathiso	56
	Imbophelelo	62
	Intsiza-mbulala	67
	UMqikela	72
	Amaziko amabini	77
	Ukusinda cebetshu	83
	Unyuko	86
	"Inkawu ityiw'ilila	90
	"Esenza imihlali yozuko lwakhe	96
ISINIKEZELO

Kowakwam uMuriel Zelpha Nonkosi (unakaVuvu) ondikhuthazileyo ukuba ndiyinyamekele le ncwadi ukuyibhala ndiyifeze ukuze ibone ilanga.  Nangomso, Kheswa.


UMBULELO

Kwiintombi zam uVuyolwetu Pumza, uHlonela Nelisa nethunjana lam uNoludwe Nandi, ngokuyigocagoca incwadana le ndakuyifeza ukuyiqhoqhoza ngomatshini belungisa iziphoso neziphene endingaba ndizenzile.  Nangomso,
maNtlwanekazi.
Ingotya yamaRharhabe ityelela isikolo saseNqini

Ngaminazana ithile, ngolokuqala usuku lweveki, ngomhla welinci linye lineminwana emithandathu kweyeNkanga, ngomnyaka we1969, lwanduluka ufafa olumadolo lukaMqede obelusakuba yinqununu kwisikolo saseNqini kwilali yaseTshoxa kuQoboqobo, lwaya kungena inkonzo kumaRhabe aseDiphende kwiRhabhula likaNgudle.  Inkonzo leyo lwayingena nabazalwana elicawa nabo: oobawo uNjengane, umNywabe omkhulu, noobawo uAmos Manyela, uGasela omkhulu olizwi ngathi kuyaduduma xa athethayo naxa ashumayelayo, nooMtila, nooMqotsi nooMadyo.

Yakuphuma inkonzo ebe mfutshane kakhulu, kuba kwakusukelwa umngcwabo owabe useMagcumeni, wanduluka kwakhona lo mfana kaMqede wemka ngaloo hola wendlela uvela kuQoboqobo usinga eQonce naselwagcibeni eMonti.  Zamana ukugqitha kuye zimqhumisela ngolumbhoxo uthuli zonke iimoto nezithuthi eziya eQonce  naseMonti.  Wayemana ukwalatha ngobhontsi, njengoko asaya kwenjenjalo umntu ocela ukukhweliswa ezimotweni.
Kuthe xa lo mzukulwana kaMqede ajonge eNgqeqe nakwaBambinja kwathi thu imoto ebala lisabumhlophe ikhwelwe ngumLungu.  Ithe kanti yiloo moto eza kusiza lo mnumzethu imbimbilize imqulathe kumbilini wayo.  Yatyhutyhumeza naye ke yada yaya kumtyekeza ngakuloo mzi undonga ziqatywe mhlophe kabawo uKhotso Sethunsa.  Ujike amabombo uMqede wasinga kulwalili lwelali ethe tshitshilili ezinyaweni zaloo nduli kulele kuyo ingotya nekumkani yamaRharhabe uMhlekazi uArchie Velile Sandile owalishiya eli phakade ngomnyaka we-1968.  Ngoku sibhalayo sekulawula unyana wakhe uMntwan'oMhle ukumkani uMxolisi Bazindlovu Sandile.  UMhlekazi lo uzimanye neNkosazana yamaMpondo aseNyandeni uNtombomhlaba   kakumkani uVictor Poto Ndamase.  

Akufika Komkhulu uMqede uye wakhahlela kwikumkanikazi uNolwandle ozala ingotya leyo yamaharhabe.  Akuba ebuzwe amavelaphi namayaphi Rharhabe. Akuba ebuzwe amavelaphi namaphi uMqede  utyatyadule wenjenje, "Nkosikazi Nolwandle, ngokuzithoba okukhulu ndize kowethu apha ngenjongo yokucela uMhlekazi uBazindlovu   ukuba aye kuzimasa itheko lonikezelo - mabhaso kubantwana besikolo, neziqinisekiso kubantwana bebanga lesithandathu.  Kambe ke, Ma wam, ndingavuya xa anokuphelekwa ngowakwakhe ukumkanikazi uNolizwe onokuba nguye onokudlulisa amabhaso kubantwana, njengoko uMhlekazi yena ndinwenela  ukuba abe sisithethi esiphambili.

Uphendule wenjenje uMa Nolwandle, "Hayi, Mqede mntwan'am, akulahlekanga ungayilozanga kananjalo xa uzele inyewe enjalo kowenu apha.  Zininzi iinduli zabantu ezifikayo zize kucela umhlekazi ukuba aye kongamela amatheko anjengeli ulithethayo.  Kambe ke uMhlekazi akakho ubheke eTranskei; endicebisa ukuba ukwenze mna, bhalela uNobhala  wakhe uMnumzana Sangotsha umchazele ukuba umema uMntwan'oMhle nenkosikazi yakowabo ukuba baye kuzimasa eli theko uthetha ngalo."
Akufika uMa Nolizwe ephuma ecaweni umsize umfana lowo kaMqede ngesingxobo namaphepha athe umfana lowo wabhalela uNobhala konke awabe ekuzele kowabo apho.  Watsho waliphuhlisa waliphumelelisa elokuba unqwenela ukuba ikumkani leyo nekumkanikazi baye kufikelela mathupha kwisikolo sayo ngomhla welinci elinye alinanto kweyoMnga ngomnyaka lowo we-1969.
Emva kokugxotha elo xelegu likukuncinithwa linxele likakhethisekile nokuthoba ngento eselwayo indulukile kanjalo intwana leyo yakwaMqede yaye yaya kudibanisa kwakuloo hola wendlela isuka eQonce iya eDikeni naseBhofolo.  Yamana ukwalatha ngobhontsi icela usizo kwezo moto zazibaleka ngesantya esibambis'amazinyo zivela eQonce.  Ngelikade kubekho moto ithe ukuthi qabe kwayo elundini yemisa yabuya umva.  Akuyalama uMqede wenze ingqobe ukuya kuyo ekuthe kanti yeyeendlezana ezizimvuze-mvuze bububele ugqirha Hundleby nowakwakhe.  UGqirha Hundleby lo wabe eyingqonyela yaseMthwaku esinaleni.  Kambe ngoko wayesel'esidla umhlala-phantsi.  Yaye yamginya uMqede loo moto yaphinyela iphothela loo magoso-goso namaji -kojiko aseGculurha yaye yaya kuthi thu kuloo nkalo imkrobisa kuQoboqobo umntu.  Yaye yaya kumhlanza eNgqudela nxamnye nomzi lowo wayehlala kuwo uMqede, wawufudula ungowomfama weJamani uRynold.  Akuba ephinyele loo matyholo uMqede uye waya kungena kowakwakhe uMaKheswa omsize ngento yokomula nokuqabula unxano.

Umzali wokuqala amphalazele ezo mbono zokumema ingotya yamaRharhabe lo mfana kaMqede nguma Violet Sizani, iTolokazi elizalwa kwaMfunda.  Akazanga awuhlanganise umlomo uMaViolet lowo akuva iimbono eziphakame kangako.  Wavakalisa umnqweno wokunga angalandelwa ngabazali balapho eTshoxa.  Latsho iTolokazi lamcebisa uMqede lowo ukuba aye kwingqungqumbana kaStenge, uNdoyisile igama, ukuba agaye abafana bokukhwela ooxholovane beenkabi zamahashe bakhawulele ikumkani kwinkalo yaseGculurha.  Okwenene uye walithakazelela umfana kaMqede elo cebiso, watsho esiya apho kuMumzana uNdoyisile Stenge othe walamkela ngolangazelelo nothakazelo elo wonga lokugaya abafana bomkhwelo.

2




Kwiveki elandelayo uhambile uMqede ukuya kugocagoca amaphepha oviwo lweBanga lesiThandathu eDikeni phantsi komhloli omkhulu wesekethe yaseDikeni, eHewu nakuQoboqobo, umnumzana S.C. Mvambo, noogxa bakhe abanumzana Makwabe, Ntsaluba noZani.
Akubuya uMqede eDikeni ufikele kudaba lokubhubha ngesiquphe kweTolokazi uMa Violet Sizani, nakwincwadi evela kumnumzana Sangotsha echaza ngokwamkelwa kwesicelo sakhe yikumkani yamaRharhabe.  Liqalile lamya kaloku ngoku uMqede ukushiya azicandel'umgalagala ngokuya kuchukumisa ingwe izihlalele emthini.  Kambe ke bathi abamaziyo lo mfana likhalipha eliyimelayo, iphuhle, iphumelele nayiphi na inyewe asukuba eyiphethe.
Wagxagxamisa wangxamisa lo mfana kaMqede ukwenza amalungiselelo.  Wabiza ikomiti yesikolo eyayichotshelwe ngubawo uSaunders Phumelele Mkiva, izizi.  Ikomiti leyo yawamkela ngothakazelelo lo mcimbi wokuza kwekumkani yamaRharhabe.  Ukusuka apho uMqede lowo nobawo uMkiva bathathana, nako ukuya Komkhulu eGwili-Gwili ngenjongo yokuya kucela umntwan'oMhle uZulu owayebambele uyise uMhlekazi uMgwebi Wulana ukuba uMntwan'oMhle lowo uZulu aze kwamkela ikumkani leyo yamaRharhabe xa ingena kumhlaba wakuQoboqobo awayeyinkosi yawo uMhlekazi uMgwebi lowo.  Kaloku uKumkani uBazindlovu Sandile nakuba eyikumkani nje akanakungena kumhlaba wenye inkosi ingamazi loo nkosi kumhlaba wayo.
Elo tyendyana lenkosi, uMntwan'oMhle uZulu, layibulela loo mbekokazi liyinikwa yinqununu leyo yaseNqini nosihlalo wekomiti.  Laphetha ngokuthembisa ukuya kufikelela mathupha apho esikolweni ukuya kwamkela ikumkani ngomhla wogayi.
Ukusuka apho Komkhulu eGwili-Ggwili inqununu nosihlalo wekomiti owayekwasisibonda saseTshoxa naseNgxalawe, baya eNgxalawe apho wayesisimamhlaba khona usibonda uMkiva.  Yona inqununu yayisiya kutyelela ubawo uHeavyside Lizo Kobese ukuba akhangelele ikumkani inkuku eyofika iyixhwithe Komkhulu eMngqesha xa ivela apho kwisikolo saseNqini.  Wathembisa ukuwenza lo msebenzi ubawo uKobese.
NgoMvulo umhla wamanci amabini aneminwana emine kweyeNkanga, uMqede wabiza intlanganiso yeetitshala axelenga nazo apho kwisikolo saseNqini waziphalazela olo daba loluzo lwekumkani kwisikolo sabo.  Umakhwekhwetha wegqalakazi letitshalakazi afundisa nalo uMqede, uNkosazana Ethelina Nomakhaya Mfunda, wacebisa ukuba uMqede lowo aye kumakhosikazi elali andilisekileyo awacele ukuba agaye abafazazana batyabeke umzi lowo wemfundo baqabe neendonga zawo zibe maweza-weza.  Kwakhona elo gqalakazi lakuva ukuba kucelwe nabafana bomkhwelo

3

lacebisa ukuba kucelwe uNosefu, inkosikazi kaNdoyisile Stenge, abenzele umphanda wokuthoba unxano.  Laqokela elo gqalakazi ngokucebisa kananjalo ukuba abafazazana abo ze bacelwe barhole iityali batshayelele umkhwelo ukuxhokosha nokuxhokonxa ihlombe labafana bomkhwelo aboba bephahle ikumkani.
Kwezo ntsuku zilandela olo loluzo lwekumkani wayengalali buhlayo uMqede kukuvavanya amabanga aphantsi nakukuthungathunga imizi ngemizi eshumayela olu daba lukhulu kangakanana loluzo lwekumkani okokuqala ezimbalini zeso sikolo saseNqini, naloo lali yaseTshoxa naseNgxalawe.  Kwashicilelwa amaphepha enkqubo yaloo mini yogayi.  Kambe ke nezithethi zazise zicwangcisiwe.  Ukuphetha inqununu yabhalela eQonce icela abasasazi bakwaRadio Xhosa nentatheli yeMvo zabaNtsundu ukuba baze kuzixhamlela bazihlomlele iindaba zaloo mhla mkhulu kunene.
Kwiveki elandela leyo yomhla omkhulu kwaba maxhaphetshu apho esikolweni eNqini kulungiswa umzi.  Abafazi baberhida begudisa izindlu, betyabeka neendonga bezizoba nangekalika.  Abantwana bona babetshenta imigaqwana esuka kwigumbi lokufundisela isiya kwelinye, bemisa amatye aphahle imigaqwana leyo bewazoba mhlophe, kumyezo wesikolo umhlaba bewuphethuphethula ngemihlakulo bewundindanisa ngeereki.  Tyhini! Wamaweza-weza umzi waseNqini ngephanyazo, into leyo eyaba nomtsalane nakumhambi odlula ngendlela.
UlwesiThathu lomhla welinci elingenanto kweyoMnga ngomnyaka we-1969 wohlala uhleli kwiinkumbhulo zabantu ababekho xa okokuqala kwimbali yesikolo saseNqini kwilali yaseTshoxa kwisithili sakuQoboqobo iKumkani yamaRharhabe, umntwan'oMhle uBazindlovu Sandile, waza kufikelela mathupha kwisikolo sasenqini.
Ngawo lo mhla sel'uxeliwe lazola nasebukhweni bezinja, akwabikho nelifu elilodwa esibhakabhakeni.  Yabalasela nendalo ukuba ntle yaba ngathi isikelela uluzo lomzukulwana kaFaku, kaGonya, kaSandile, kaNgqika, kaMlawu, kaRharhabe.  Loo mithi yesiphingo neminga iphahle isikolo saseNqini yabalasela ngamagqabi aluhlaza nangamaqakambana amthubi ayolisa ngobuqholo bevumba. Iilali eziphahle isikolo saseNqini zaseTshoxa,, eNgqudela, eNgxalawe naseMnandi zazambhathiswe yingubo eluhlaza kaqaqaqa.  Imilonji, amavukuthu, amabhaku noojobela emithini nasemivikweni zazibalasele nge-ntsholo emnandi.
Kuthe ngentlazane xenikweni imitha yelanga iqalayo ukuswabulukisa izinambhuzane, ikhoth'imibethe, wabonakala umntwana waseNqini esithi thu nkalwana zonke eziya esikolweni.  Amakhosikazi wona ayehamba ngamabini ngamathathu, kwangokunjalo namadoda.  Yathi iqina imini babe sebeyinkungu nelanga abantu.

4 
esikolweni. limbiza ngasedanyaneni lesikolo phaya zabe zenze uludwe.  Saqhuma isisi sabheka phezulu saya kuphelela esibhakabhakeni apho kungenakufikelela liso lamntu.
Amadoda amakhulu izinto zooWebhu, ooNtshoko, ooKaso, ooNgxale, ooCini othanda kakhulu ukukhumsha, ooNgqavu nooMfunda athi nqadalaia kumthunzi omnandi kanye emva kwaloo ndlwana yabe ifudula ihlala iinqununu zesikolo.
Kuthe kanye ngelixa lemini emaqanda, xa kufika elokugqibela igqala, ubawo uMaziko, uyise kaGrovu, kwavakala izingqi ezawutsho washukuma umhlaba.  Ubonakele umfazazana waseTshoxa erhol'ityali esitsho ngomtyangampo wentshayelelo.  Hayi ke kwafumana kwathi xhonkxosholo, xakalala wonke ubani etyis'indlebe neliso.  Kuthe kanti kukugaleleka kwabafana bomkhwelo bekhokelwe yingqungqumbana kaStenge.  Kuthe kungekudala beye kusithela ngakwabawo uDumezweni aba bafana baseTshoxa wabuya waphindelela ukutshayelela umfazazana waseTshoxa.  Kuthe kanti kukuza kwabafana baseNgxalawe bekhokelwe nguZolile kabawo uLizo Kobese.  Yayizizangxa zezixingaxi zooxholovane beenkabi zamahashe ezazihonjiswe ngezingqwashu ezimhlophe neziluhlaza.  Zimbi kwezi zingqwashu zazithe wambu apha ngaphambili kwezo nkabi zamahashe ngokunga ngumntu lo wasetyhini xa anxibe ifaskoti.  Watshayelela umfazazana akayeka, zaye iinkabi zabafana ziqhongole, zinyalasa, zinyongoba zinyantsula ebuninzini bamandla azo.  Ezinye zaziqhuqha, ezinye zixakathula, zimbi zidlisela ngemihambo.  Zazimanzi tixi ngumbilo obangelwa ngumsindo wazo.  Abanye kwaba bafana babezihambisa iinkabi zabo zamahashe esikhinindini sendlela bengoo' 'Andikhathali', noko sekucaca ukuba kukunyuka kweentsipho ukuza entloko.  Kaloku uNosefu, umCirhakazi omkhulu, wayewenze krakra umphanda onomabil'ebanda waba bafana.  Nanzo ke ezo nkabi zenze uludwe, uthotho, ukrozo nomngcelele zisiya kuloo nkalo yaseGculurha.  Zazikhala zikhalile iimoto nezithuthi ezivela neziya eQonce nakuQoboqobo.
Bathe bakufika kuloo nkalo yaseGculurha abafana bomkhwelo wabonakala umfo kaStenge ewangazelisa izandla, hayi ke bagxidika abafana emahasheni baphumla kumthunzi wezo ntshinyela zemithi yamahlathi akwaHoho, nango wona amahashe ekhumathele kuqaqaqa emkhemza, emgrumza, emana ukubetha ithatha, maxa wambi engxatha esenza igwebu.
Kuthe kungekudala bebeke iphika abafana yagaleleka imoto eyabe iqeshwe ngutitshala uMqede ukuza kukhokela nokuza kupheleka eyekumkani.  Le moto yomfana wakwaMqede yabe ithwele uMqede lowo kunye namahotyazana amabini awayefundisa nawo, uNtulikazi Venkile waseNqonqolo noYakupha

5

Ngqase waseTyeni kwimiDushane kaMhlekazi uZimlindile kaGushiphela kummandla waseQonce.  Zadlula zidlule iimoto ezivela ngaseQonce ziqhumisa olumbhoxo uthuli.  Kuthe kusenjalo wavakala utitshalakazi uYakupha esitsho ngelizwi elibukhali, "Nantso imoto kabawo uSangotsha!  " Ukhawuleze waya embindini wendlela uMqede wenza umqondiso wokuba ime.  Okwenene iye yatyeka endleleni ekuthe kanti kumbilini wayo iqulathe ithole lesilo ngokwalo, uMhlekazi uBazindlovu, nengonyamakazi uMa Nolizwe, noNobhala wakhe uMnumzana Sangotsha, imbongi umfo kaHoza kunye namaphakathikazi amabini awabe ephahle epheleke

ikumkanikazi.
Aqalile amahashe ukuxhonywa iisali ezazithulwe konke oku,notitshala uMqede umazisile uNobhala weKomkhulu ngala malungiselelo okuphahlwa kwekumkani ngomkhwelo.  Akuba elenzile ubawo uStenge ilizwi lokuba luqaliswe olo hambo kuvakele ukukrukruza kwezikhababa zeenkabi zamahashe ukutyhutyhumeza loo majiko-jiko endlela esuka eGculurha esinga kuQoboqobo.  Zazenze uludwe, uthotho, ukrozo nongcelele, imoto enethole lesilo nowakwalo ilandela ngemva, enotitshala uMqede neentakazana ezimbini ibekeke emva kwale iqulathe ithole lesilo.  Imbongi yesizwe, umfo kaHoza, yayimana ukwalatha ngapha nangapha ngekrwane layo, itsho ngeso sidlokolo sayo, ingabongi ngako itsho kuhlathuzele iinwele, ihlobisa igazi.
Wenza loo mtyhutyhumezo ke unesihomo, isithozela nesidima umkhwelo, wathi xa ukumgama ongangokugityiselwa kwelitye ukuya kuloo bhulorho iwela iimoto kumlambo weXesi wawukhokela umfo kaStenge ukutyeka kwicala elikwingalo yasekunene xa uvela ngaseQonce.  Nako ke loo mkhwelo unyuka loo mmango ujonge kwimizi yoobawo uCronje Ntshoko.  Uthe wakulungelelana nomzi lowo kabawo uNtshoko, umfo kaStenge waphethuka wathi ngqo kwisikolo eso saseNqini ehamba ngendlela leyo inqumla ibala lebhola ekhatywayo neyomnyazi.
Ngoku ke kwakusekuphithizela esikolweni abafazi berhole iityali besitsho ngomyeyezelo okrazula iindlebe.  Amadoda amakhulu, abafana, iintombi nabantwana besikolo babesebethe xhonkxosholo wonke ubani etyisa indlebe neliso.  Imoto leyo ikhwele iititshala yalukhalisa ngokusithukuthezi uphondo isithi, "Po-po-po-o-o-o!  "
Zangena iinkabi zabafana kwisango elikhulu elijonge ngasentshonalanga, zacanda phambi kwezindlu zaye zaya kuphuma ngesango elingasempumalanga.  Imoto ekhwele iititshala yona yatyeka ngasekunene yaye yaya kumisa kuludwe lweemoto ezaziphantsi kwemithi ngakuloo ndlu yayifudula ihlala iinqununu zesikolo.  Phakathi kwezo moto kwabe kukho eyentatheli yeMvo zabaNtsundu kunye neyomsasazi wakwaRadio Xhosa, nekhwele

6

uMntwan'oMhle uMhlekazi uZulu waseGwili-Gwili namaphakathi akhe oobawo uJames Ngoxoza noSigam.
Ithe ukuba icande ibala eliphambi kwezindlu zesikolo imoto eyabe ikhwele ikumkani nekumkanikazi batshayelela ngomtyangampo abafazazana, abantwana bona babexhage ibala besitsho ngohlwahlwane lomtyangampo wombuliso, "A-a-a-a, Bazindlo -vu!  " Batsho izihlandlo zazithathu kwahlokoma amawa naloo mahlathi akwaHoho.  Baphinda bakhahlela bakubona ityendyana lenkosi, uMhlekazi uZulu Wulana, "A-a-a, Jongilanga!"
Kuye ngoku kwangena loo nyambalala yabantu nabantwana kuloo holwana yesikolo saseNqini.  Yazala loo holwana yathi puqa.  Kwanyanzeleka ukuba abanye baphulaphule bephandle.  Kwahlaliwa ke kwathiwa nqadalala kwalindelwa ukungena kwabazimasitheko.  Kuye kwangena imbongi umfo kaHoza ithwele isidlokolo esaye sithe wambu ebusweni apha.  Iphakamise wonke ubani akungena uKumkani Bazindlovu noMhlekazi uWulana, ikumkanikazi namaphakathi.  Batsho ngohlwahlwane lombuliso abantu.  Bayamkela loo mibuliso abahlekazi ngokuphakamisa izandla.
Bathe bakuhlala phantsi abantu, njengoko babephakamele ukunika imbeko kwikumkani, waphakama umfundisi uMdolo wamaWesile akwaDyani wawuvula loo mnyhadala wetheko ngodlwabevu lomthandazo.  Emva kokuvunywa komthandazo wenkosi kuphakame usibonda welali nokwangusihlalo wekomiti, ubawo uSaunders Mkiva, owaye engusotheko kuloo mnyhadala wacela umNtwan'oMhle uZulu ukuba amkelele iKumkani kumhlaba wakhe.  Uthe akuba ethumakalele umzukulwana kaChitheko noNungu, waphinda usotheko wenza ingabula-zigcawu esithi kokokuqala eso sikolo saseNqini ukuba sihanjelwe ngohloniphekileyo nohlonelekileyo iKumkani yamaRharhabe.  Utsho esithi umfo kaMkiva loo nto nje iyodwa imelwe kukuwunika ilunda umzi waseTshoxa, uzidle uyixabise imfundo.  Uzibulele neembono eziphakamileyo zenqununu, utitshala uMqede, zokuba elo theko labantwana babo alizimase alinike isidima nesihomo ngokuya kucela iKumkani yonke yamaRharhabe.
Uye ke usotheko wayalela inqununu leyo umnumzana uMqede ukuba anike ingxelo yesikolo eso.  Okwenene yathumakalala inkwenkwana leyo iqalela ekufikeni kwayo kweso sikolo ngomnyaka we-1966 isithi yafika iititshala zintathu kuphela, kodwa ngoku isikolo sikhulile kuba sinesithandathu sonke seetitshala.  Emva koko kulandele ingxelo yawo onke amabanga ukususela kwelabaqalayo ukuya kuthi ga kwelesiHlanu.  Bonke abantwana abaphule izikeyi ngobuchopho, ngococeko lomzimba nolwesinxibo, abasoloko bethwele uncumo, abafika tanci nabathumakalalayo esikolweni beza ngaphambili ukuza kwamkela ama-

7

bhaso kwikumkanikazi uMa Nolizwe.  Kwakufikwa kubantwana bebanga lesiThandathu kuqalwe kwabaphumelele kudidi lwesiThathu, kweziwa ngabaphumelele kudidi lwesiBini kwenziwa amagqibela kankqoyi ngabaphumelele kudidi lokuQala esingabalula kubo intwanazana enguNontando Mkhosi kunye noNdiyakholwa Kobese.
Emva kokunikezelwa kweziqinisekiso namabhaso kucelwe omnye wabantwana bebanga lesithandathu ukuba enze imbekiso kubantwana abaza kusala nesikolo eso kwiminyaka elandelayo bakuba bona bantwana bebanga lesithandathu baya kuba besishiyile.  Okwenene intwana kabawo uLizo Kobese enguBabini yaphakama yatsho kwavokotheka ngodlwabevu lwentetho iyala aba bantwana basalayo ukuba maze bayiphakamise ibhanile yeso sikolo ingarholi phantsi ngexesha labo.  Tyhini! yatsho kwasika ebantwini le ntwana, azibamba ngeenkophe amadoda, bangqukruleka abafazi, kwabakho ababubula okwamavukuthu nezikhova kucaca ukuba bazibamba ukuba bangade bathi tyatyasini ukukhala.
Umphathi-theko uye ngoku waphakamisa uNobhala waKomkhulu umnumzana uSangotsha ukuba enze ilizwi kubantwana.  Okwenene uMawawa omkhulu uphakame wenjenje, "Bantwana bam, fana ukuba nibonile naqaphela kananjalo ukuba kweli Banga lesiThandathu iindidi beZine.  Kukho abaphumelele udidi lokuQala kwabakho abaphumelele kudidi lwesiBini, kwabakho abaphumelele kudidi lwesiThathu ukanti bakho nabangaphumelelanga.  Nakumakhwenkwe angaphandle zikho zone ezi ndidi bendizibala.  Usiba kumakhwenkwe angaphandle yinduku, ukuze i-inki yawo ibe ligazi.  Xa ndibona amakhwenkwe angaphandle esilwa andikhe ndizidube nokuziduba oku ngokuwalamla, sukuba ndingayazi nje eyona nto ayilwelayo.
"Ephumelele kudidi lokuQala inkwenkwe yebethwe yafa yangcwatywa; ephumelele kudidi lwesiBini yebethwe yaya kulala esibhedlela; ephumelele kudidi lwesiThathu yeziyifikileyo yajika yacela kooxhongo ukuba ize ibuye ukuza kulwa kwakubakho elinye idabi.  Engaphumelelanga yebhenq'itshoba zingekayifiki nokuyifika. Oku kulwa kwamakhwenkwe angaphandle, bantwana bam, akunambuyiselo konke.  Akufani noku kulwa ngamanqindi kwenziwa ngoomuhammed Ali, bona baxhamlayo ngokulwa kwabo bafumane izigidi zeerandi.  Ngako oko ke ndiyanibongoza ndinileleza ukuba niyinyamekele niyinonelele niyinonophele imfundo kuba ililifa elingagugiyo elingenakuze lihluthwe mntu.  Phambi kokuba ndihlale phantsil bantwana bam, ndinga ndingenza intshayelelo namagqabantshintshi xa kuza kuphakama ohloniphekileyo nohlonelekileyo uKumkani wamaRharhabe.  Mandinazise ngale Kumkani iza kuthetha: le Kumkani ingumnombo oqalela

8

kuMntwan'oMhle uMhlekazi uRharhabe owabe ekuKunene kukaPhalo; indlu enkulu inguGcaleka.  URharhabe uzele uMlawu, ozele uNgqika, ozele uSandile, ozele uGonya, ozele uFaku, ozele u-Archie Velile, ozele le Kumkani iza kuthetha, umntwan' oMhle uMhlekazi uBazindlovu.  Yona le Kmkani izele uMntwan'oMhle uMaxhobayakhawuleza.  Ndisatshaya." Utsho wathi vu phantsi uMawawa omkhulu akukhova ukuwabhekisa la mazwi.
Kuphakame ngoku imbongi umfo kaHoza watsho kwasika, watsho kwavokotheka ngamazwi akhethiweyo okubonga, kanti ugabula izigcawu kuba kuza kuphakama iKumkani.  Ithe yona ukususela kwayo ukuthetha, "Indawo yokuqala mandenze amazwi ombulelo kuwe, titshala uMqede, ukuba undiphakamise kangangokuba ude uye kundilanda ngapha eMngqesha ukuba ndize kuzimasa eli theko liphakame kangakanana, nokuba ndize kwenza imbekiso kwaba bantwana.  Ukuba ibingeyiyo into yokuba ndikwazi okuya wabe ungumfundisi wakwaLizwi kwaBhuluneli eQonce ndinge ndingezanga apha.  Xa ndibhekisa kuni, bazali balapha eTshoxa, ndingathi yinyamekeleni into yokusa abantwana benu esikolweni.  Makungabikho mzali ukhala ngokuthi woyisiwe ngumntwana wakhe xa ebezama ukumthumela esikolweni, kanti loo mntwana wondliwa'ngulo mzali, amlalise phantsi kophahla lwendlu yakhe.
"Xa ndibhekisa kuni, bantwana bam, ndifuna ukuthi liphelile ixesha lomntu ongafundanga kule mihla yelunar Age ekufikelelwa ngayo enyangeni zezinye izizwe ezikhanyiselweyo. Qaphelani ukuba indawo yamanci amathandathu amadoda awayefudula elayisha umhlaba negrabile ezintenteni ithatyathwe ngulaa mashini ukha ugalele kuloo lori sukuba uyilayisha.  Ukuba kunjalo uza kuphangela phi xa uliqaba elingafundanga?
"Ngoku uRhulumente weRepabliki yoMzantsi Afrika uya esinika ngokusinika amalungelo okuba siziphathele ngokwethu imicimbi yezizwe zethu.  Iindawo ezintsha ebezifudula ziphethwe ngabeLungu ziza kubanjwa ngubani xa nisitshunga nisitshunge isikolo nigqibele ngokusibaleka?  Mandiyekele kuni, bantwana bam, ukuba nokuba anindiphendulanga ndophendulwa zizazela zenu.  Ukuqoshelisa mandicele utitshala uMqede ukuba aze kwamkela nanzi ii randi ezintlanu ukuze athengele ngazo abantwana izimungunyo ezinencasa okanye azigcine kuvimba wesikolo." lye yahlala phantsi iKumkani yakukhova ukumfumbathisa eso sihlanu see randi  utitshala uMqede.
Kuye ngoku kwaphakama ubawo uHeavyside Lizo Kobese, iNgwane elikhulu, esithi ucinga ukuba bawevile la mazwi akunandipheka kangakanana bawanikwe nguMnumzana uSangotsha kunye neKumkani.  Ekuwaveni kwabo ucinga ukuba bawahlalutyile,bawetyisa bawagcina kwityeya yeentliziyo zabo.Ukuphetha le ndedeba ilulwimi lukubetha kamnandi,yenze amazwi akhethiweyo okubulela iKumkani nekumkanikazi ngoluzo lwabo kwisikolo saseNqini,isithi icinga ukuba wonke ubani olapho ufane nekumkanikazi yaseShebha yona yati yakuva ngendumasi yobulumko bukaKumkani uSolomon yaya kuzibonla gokwayo,yangqina ukuba libe yinene ilizwi elive iseselizweni layo.Utsho esithi umfo kaKobese ucinga ukuba wonke ubani olapho uyangqina ukuba libe yinene ilizwi alive esasuka kwindawo yakhe yokuhlala, loluzo lweKumkani kwisikolo saseNqini. Le Kumkani kwaba ngathi  kuthethwa okanye kubaliswa intsomi xa kuthethwa ngayo luninzi lwabantu.Tyhini!Yatsho kwavakotheka kwasika ebantwini le ndedeba; kwacaca kuye wonke ubani obephulaphule xeshikweni bekuthetha uBabini,unyana wayo ujkuba umvundla uzeke indlela xa ngoku besiva obunje bona ubuciko.
   Emva kofefe nokuculwa komHobe weSizwe kuyiwe kusulwa imilomo.Phambi kokuba induluke iKumkani iphiwe engayiwayo inkabi yegusha emazinyo asibhozo, ukuba iye kuzixhwithela nosapho lwakowayo.Ikumkanikazi yona iphiwe ikeki.Emva koko wonke ubani owayelapho waya wonda ngesilili sakhe kungasikuk nokuba yimini yonandiphiso eyohlala ihleli kwiinkumbulo zowayekho.




"Amahashe angoku adl'iipesika"          


	Amakhumsha   namarhumsha   aseNgqamakhwe ungaweva ekhala ngolocation fourteen xa athetha ngelali yaseZoli ekude kufuphi nesixekwana saseTsomo.Ilali yaseZolo yahlulwe yazinqila ezintathu.Ikho inqila elawulwa ngunkosana uMgidi, ebizwa ngokuba kukwaLambatha.Ikho kananjalo inqila elawulwa ngunkosana uMakhosonke Maduma, ebizwa angokuba kukwaTshetshengwane. Ikho le ilawulwa ngunkosana uGustavus Zwelibanzi Smovana Vananda,ekuthiwa kusemaNdlovini ngenx' enokuba unkosana uGustavus eliZizi lakwaDweba,kwaDlamini,kwaNdlovu.Eli Zolo siza kubalisa ngalo lelo lilawulwa ngunkosana uGustavus Zwelibanzi Vananda.	                                                                         EmaNdlovini apho kwabe kukho ngelixa lamandlulo, phambi kokufika kozinziso,intsimi eyayithe zibatise phezu komlambo iZolo malunga nesiziba sakwaSerhasi kude kufuphi nentlangano yomlambo iZolo nomlanjana uMnyibashe.Ngakwicala langaseNtshonalanga lungqameko olubusiwana ekuthe shishinyi kulo imithi, idobo nobobo.Phezu kwesiwana eso kuthe gqa gqa gqa imizi embalwa yelali eyayifudula ibizwa ngokuba kusemaNtlwaneni ngenx'enokuba isisiZibula samaNtlwane izimamhlaba zalo lali. Kuloko ke kuthe ngokuguqu-guquka kwamaxesha nangamadabi angapheliyo kulo lali laguqulwa igama layo kwathiwa kusemaDikareni.Kambe ke ngoku loo lali seyabimbilizwa sisiphalukana saseFreyistathi ngenx' enokuba abemi bayo bafuduselwa apho luzinziso.          
                Besisatsho ke ukuthi phezu komlambo iZolo kwabe kukho udwadwane lwentsimi  eyayinentshinyela yemithi yeepesika.  Akukho luhlobo lwapesika lwalungekho kuloo ntsimi, ezibomvu, ezimhlophe nezithi wakuzitweba uzitweze kupoqe ithambo.  Zazintle zinambitheka ezo pesika.  Kwakusuka nophi ukuza kuzithenga.  Umninizo ubawo uBhani kaSotomela, iTolo, wayezilondoloza ngokuzithena nokuzihlakulela, ezalusa imini nobusuku,.  Kambe ke ngubani ongeze angakwenzi oko kwinto eyirhawuti yakhe axhamla kuyo inzuzo nempilo elalisa abantwana bakhe betyile?  Owakwakhe uBhani lowo uMaMbukhwe, intombi kaGiyose eXhume, wayesisiquququ ekuncediseni umyeni wakhe.
Ngaphandle kokuzithena nokuzihlakulela uBhani ezo pesika wayezilondoloze okokhozo lweliso lakhe, kuba kushushu, kubanda, kukho intshizane, kusina wayefana nonengcambu uBhani phantsi kwaloo mithi yeepesika engemki.  Wayesele enephempe ahlala kulo ebasa igoqo awayelitheza kweso singa sasijikeleze intsimi yakhe.




UMaMbukhwe wayethwele loo mcimbi wokumzisela ukutya kathathu ngemini umyeni wakhe oku kanye komkhwetha.
Kambe amaXhosa athi alukho udladla olungenampuku.  Amakhwenkwe izinto ezinentlondi athi kanti amaluse oku kwenja elalele inyamakazi emngxunyeni uBhani, ezijonge zonke iihambo zakhe.  Kwabakho aqaphelayo ukuba umnumzethu lo unayo imihla yokuba akhe atsibe ekhaya kwilali yaseRhune, oko uzinziso lwalungekabikho, ukuya kukroba imfuyo.  Maxa wambi wayeye anqene ukuphindela entsimini kuba yayimgama nekhaya.  Ayelifumana ngoko ke amakhwenkwe ikroba lokundwendwela intsimi kaBhani; ephumelela maxa wambi, kodwa kunqabeke ngamanye amaxesha awatsawule ngesabhokhwe sakhe uBhani esabe sinencam yembabala, itsho ixananaze imivumbo kuleyo ayifikileyo.
EZolo apho, oko uzinziso lwalungekabikho, kwabe kukho isiphalukana esabe sithe zinzi ukusuka kumlanjana uMnyibashe, siqale esingeni kumzi owabe ungokabawo uBhutana Maqizana, sityhutyhe loo mizi yoobawo uMsebenzi Memani, kuloNosizwe, noMnyamana Mpande, siqabele ungqamekwana sigugude .loo mizi yoobawo uGregre Qanda, nooMorocco Mafanya, nooMvinjwa Malotana, siye siye kuma ngomzi kabawomkhulu uJohn kaMbongendlu kaGxogxa.  Igama lesi siphalukana kwabe kusithiwa kuseMjikelweni.  Ibhodi evavilawula ngubawo uMvinjwa Malotana , ogama lesiqhulo kwabe kusithiwa nguDumana, kambe ke ngoku izimamhlaba zeso siphalukana sezafuduselwa kwilali yakwaTenza neyakwaMnyibashe luzinziso.   

Kukweso siphalukana saseMjikelweni ekwabonakala mhlazana uthile kudibana amakhwenkwe ngeentloko, ekucaca ukuba lukho olu lutho kwakuhlinzwa impuku ngalo.  La makhwenkwe ayengooSkhilikithi, Nkanyamba, Nonyhada, Khomoni, Peni  Solomzi amagama awo.  Urhol'ibhayi uKhomoni ngokuthi, "Hina, majita, iza kuthiwani na le nto?
"Phum'egusheni, mfondini, yintoni leyo ingenagama ubuza ukuba iza kuthiwani na?" utshilo uSkhilikithi.
"Hayi, majita, ndithetha le yezi pesika zikaBhani zivuzisa amathe; ndizondele phezolo xenikweni bendithunywe kwivenkile yakwaJim," utshilo uKhomoni ezityand'igila.
"ja   unyanisile, majita,  hulle is baie lekker," utshilo uNonyhada irhumsha netshipha elidala laseKapa.
"Majita, masiyeke ukube sincomana nokuvuzisa amathe kweepesika zakwaBhani.  Uncomo nje kodwa kungekho senzo sisicubungayo ukuba sisenze alusayi kusisiza lutho.  Nditsho ndisithi ke, zinto zakowethu, masicweye siyile icebo." utshilo uSkhilikithi.
"Ngxatsho ke, Ntshangase, utol'impuku emlenzeni, masithethe

12

sisenza; nithi makuthiweni kanye kanye?" utshilo uNkanyamba.
"Nali elam, manene mayibe yileyo inkwenkwe iphathe iphanga lengxowa yombona ibambe inkabi yehashe lakowayo elinemitsi, njengoko mna ndiza kubamba uNdabazelali, sakuba kude kufuphi sowakhuleka emvikweni wamasimi, sicondobeze ukuya kwintsimi kBhani, sidwabe ezo pesika sinakho ukuzidwaba.  Yakuthi gabhu ingxowa uyithi ntshi emlonyeni wandule ukuyithi tyu phezu kwehashe, uyithe khampu phakathi ukwenzela ukuba ubunzima obu bengxowa buyingane  macala omabini ehashe, oku kondlebende ethwele inkinkqa.  Elowo ke uza kulikhwela okanye alirhole ihashe lakowabo.  " utshilo uSkhilikithi.
"Bendikwazi, wena, kakade, Ntshangase, ukuba uyinkintsela enamacebo okuphila ebomini; makuyiwe nini na ke?" utshilo uSolomzi sele esima ngeenyawo kukutshiseka..
"Hayi kaloku asinakufumana sityhamze nje ukuya kwethu; makuyiwe kulondlwa intshukumo nobuphi bukaBhani, hleze liphuthe icebe lethu ngokubanjwa kwethu nguBhani." ucebise watsho kwakhona uSkhilikithi.
"Makuyiwe nini na ke?" ubuze watsho uKhomoni.
Makuyiwe ngobu busuku,singabi saphozisa maseko, " utshilo  uNkanyamba.
"Masiye ngamahashe sini na?" utshilo uKhomoni sekucaca ukuba utsha ziintambo.
"Hayi, masinganduli siye ngamahashe xa sisaya kulondla, masibethe ngezikaTshiwo.  " utshilo kwakhona uSkhilikithi.
Okwenene ngobo busuku zenjenjeya izinto ezinkulu ukusinga kwintsimi kabawo uBhani.  Zabetha kuloo ntsimi kabawo uNkelengeshe kaZazaza, zanqumla kuleyo kabawo uMphikwa, zaya kunqumla kuMatyamdaka, zaqoqoma phezu kweso siwana sikrobela loo ntsimi yabe ifudula iyekabawo uThunzana, zawela kwelo zibuko linxamnye nesiziba sakwaSerhasi, zahlalela loo mmangwana ithe zibathise phezu kwawo intsimi kabawo uBhani.  Zakha zaxuluba ngamatye ukuqinisekisa ukuba ukho akakho sini na Bhani, hayi kwathi mu tu cwaka.  Zangena izinto ezinkulu kwakuba njalo zakha zagqwathula zagxulusha kwiingxowa zazo zebhatyi, zahamba zihlafuna ukuphindela kwamakowazo.
Umzila weenyawo, namagaqana agqwathulweyo antama kuBhani ukuba ube eneendwendwe ngobusuku obudlulileyo.  Waqonda ukuba xa alinda ngononelelo nenzondelelo lukho ulutho aza kulubamba.  Walalela ke ngobo busuku wayebhaqe ngabo olo ndwendwe belumtyelele, hayi akabona nto.
Ngalo mhla wedinga akazanga ahlale phakathi kwemithi, engazanga akhothame nasephempeni uBhani kuloko wakhwela kumthi wedywabasile owawulapho entsimini wawabukela kakuhle naxa akhuleka iinkabi zamahashe akowawo,nangona yayibubusuku obungenanganga kwakungemnyama tsiki ,wawunokuyibona into ekumgama ongangokugityiselwa  kwelitye. Zaphinda zaxuluba ngamatye izinto ezinkulu, elinye laloo matye latsho mpube empundu kuB hani phezulu emthini, noko ke lanyamezela   iTolo elikhulu nangona lalitshixizisa amazinyo yingqumbo.  Kwakuthi cwaka zaqonda izinto ezinkulu ukuba imilondekhaya inazo.  Zakhwela ke zadwaba ziyekelele imizimba, nangona zazisothuswa nakukurhwashaza kwamagqabi omthi namakhasi ombona.
Azizanga zimazi uBhani ukuba ufike nini na, njani na; zaqabuka sel'ephakathi kwazo.  Wanela nje kukuthi, "Kumhla nithi nenzani ke?" Yeka ke aziyeka nje ukuhla emithini loo makhwenkwe ngenxa yomothuko athi, "Yaphuka, thambo," ukubabeleka kwawo abazizicatyana edovuda loo ntsimi yomntwa'kSotomela kungasekho nokucoselela nakulumkela ukwaphulwa kombona.  Amanye amakhwenkwe anezibindi ayesinda-sindeka nezo ziqhuma ayezixwayile, amanye ezishiye kwezo ndawo othuswe ebekuzo.  Hayi ke uBhani wawatsawula, wawatsitsisa igazi ngembabala yakowabo lawo awafikileyo.  Wathana mbende nenye eyixinanise  nomlambo eyikiniya ngesabhokhwe.  Yabona ukuba akukho lusizo loo nkwenkwe yazela esizibeni yabetha iqam yaya kutsho ngaphesheya.  Yema apho ilelo xikosha liphaxuzelisa impahla bubumanzi.  Wema ngaphesheya uKhomoni bajamelana noBhani, uKhomoni enkamamungekile kuba uxholovane wenkabi yehashe lakowabo lalilixhoba likaBhani.
Wafa namthanyana uKhomoni, waqonda ukuba akukho kunceda makalishiye kuBhani ihashe lakowabo, okwenzekileyo kufana nokudaliweyo.  Waphaxuzelisa ke ngaloo mpahla imanzi wayeqonda mhlophe ukuba iya kuyaphula impilo yakhe.  Nangona wayekhe aye ecaweni kolo gxibho nogxekezo lokuba inkwenkwe ayinazulu, wayewangqina amazwi awayekhe waweva bunkentenkente kumshumayeli xenikweni wayesithi, "Umvuzo wesono kukufa." Wafika oogxa bakhe bemlinde phezu kweso siwana umntu simkrobisa kwintsimi kabawo uNkelengeshe, nobawo uBhengu Maqizana.  Bakhuza abalibala ooSkhilikithi nooNkanyamba bakuyiva le ntlekele ibahleleyo.  Yabacacela mhlophe into yokuba akanakungaphumi uhili ezingcongolweni ngokuthinjwa kwelo hashe likabawo uMorocco, uyise kaKhomoni.  Baqonda ukuba ukuzenza akufani nokwenziwa.  Bagoduka benxokothise iintloko ludano, ukunyela, uloyiko nentloni zokuba kazi yintlekele abaza kuyithini na le.  Baphela tu ubuciko nokuqhulana, inkuku yasikw'umlomo.
Bakufika kwizixhobo ezo zisemva komzi kabawomkhulu uJohn Gxogxa bakha badla imbadu ngale nyewe yokungena kwamanzi  endlwini ukuba bayisompe njani na.
14 
"Mfondini, Khomoni, kubi xa kungekuhle; uze usele usima nje ngendoda kulo mcimbi ungabasasivelisa thina, utshilo uSkhilikithi ebambelele ebunzi kubonakala ukuba ubhekisa ezantsi ukucinga.
"Njani njalo, Ntshangase, ukuba icekwa lisulelwe kum besisonke nje; nifuna ukuba uBhani awukhothuluze wonke umzi kabawo?" utshilo uKhomoni ejongole ebusweni.
"Yithi,'Hi,'xa ungevanga, kwedini kabawo uMorocco, xa ndithi yiba wedwa andithethi kuthi siza kusonga izandla sikuyekele kulo mcimbi.  Kaloku into ebangela ukuba ndithi yima njengendoda kukuba ihashe lakowenu lilo elibanjiweyo nguBhani, asinda awoobawo.  Ngako oko ke akukho ukuba ungayi kufikelela kwiindlebe zoobawo lo monakalo wenzekileyo.  Kufuneka nakanjani na oobawo bewazile lo monakalo ukwenzela ukuba balincedise ikhehle lakowenu ukusingatha loo ndleko yothi ibizwe yinkundla kwikhehle lakowenu.  Into yona omawuyikhanyele ume ngomlenze omnye yeyokuba besisonke.  Yithi ubuwedwa khona ukuze inkundla ingabi qatha ukulidla isizi ikhehle lakowenu.  Mos uBhani uza kuba eyedwa kwisimangalo aza kusenza, akanangqina.  Niza kuxoxa nobabini enkundleni," uphimisele watsho umfo omkhulu kabawo uMsebenzi Memani.
"Kwedini kaPokori, ukuba besilazi ikamva into elisiphathele yona bendiya kuthi uze ufundele ubugqwetha; uyayisebenzisa ingqondo ukuba uphelele apha," utshilo uKhomoni encumile sele eyamkela naloo nyewe yokuba zekuthiwe ebeyedwa kulo mcimbi.
"Mfo kaMafanya, asingeze sazi nokuba elo bhongo lokufunda lophumelela kusini na; kaloku lo mhlaba uyajikeleza, kusa kusihlwa; akukho mntu waziyo ukuba ikamva limphathele ntoni na."
Angqina onke loo makhwenkwe esithi, "Ewe kunjalo, Ntsha-
ngase."
Zakukhova ukuliqulunqa elo cebo lokuba uKhomoni aze athi ubeyedwa zagoduka izinto ezinkulu xa kukhala iinkuku zokuqala, zaya kuziqhusheka elowo kwisilili sakhe.
"Khomo--o-o-ni!" wakhwaza watsho ubawo u Morocco xa kumpondo-zankomo.  Usabele lowo wayebizwa.  "Nceda, mntwan'am, undibophele uRhalevimba, ndinomcimbi endiwusukela eNgqamakhwe.  "
.Uhambe waya kusithela uKhomoni limtshele ukuba uza kuthi liphi na ihashe lakowabo kuyise, wayelazi nje yena Khomoni apho likhoyo.  Wemka waya kutshona esixhotyeni.  Emzuzwini wabuya ethe nxokotho ukuba uza kuthi liphi na ihashe.  Kambe waya kumxelela uyise ukuba akaliboni, makube liqhawule labhungca.
"Kulungile ke, mntwan'am, ndibophele uShawushawu," utshilo
uyise kaKhomoni.  Okwenene weza naye loo xholovane wenkabi yehashe ehamba 
15

 kunene, wakhwela ke uTshezi ukuya eNgqamakhwe . Kthe ezinyaweni zakhe uMorocco, uKhomoni walibhengeza ihlebo kunina lokubanjwa kukaRhalevimba  nguBhani xenikweni bebeye kuba iipesika. Wakhuza ngathi uhla entungo uMaMjwarha unina kaKhomoni.  Yamthibaza inkwenkwe unina isithi maze ancede acenge uyise angayohlwayi ngengqumbo hleze ayenze into encinane.  Umzali ngumzali, ngokukodwa umzalikazi.  Wagoba umnqonqo uMaMjwarha akucengwa yinkwenkwe, wavuma ukuba woyithiba ingqumbo yomyeni wakhe.
Wahamba ke uKhomoni ukuya esikolweni kuthe qabu unoqolomba efile nje.  Endleleni wadibana namaqabane akhe.  Ngokufutshane sangena isikolo njengesiqhelo.  Kuthe xa kuthiwa phoko ngabantwana ngelixa lekhefu lentlazane kwabonwa ngesigidimi sakomkhulu ubawo uTiba Mfikili, uShweme omkhulu, efika apho esikolweni.  Walumana indlebe nenqununu yesikolo uThuse.  Kuthe ukungena kwesikolo samva, xa abantwana bathe xhonkxosholo
emigceni,	yavakala inqununu, uThuse isithi, "Phulaphulani,
bantwana:	ubawo lo umi ecaleni kwam niyamazi nonke.  Abanga-
maziyo ke	ngubawo uJust Mfikili.  Ukuba lapha kwakhe uthunywe
likomkhulu ukuba aze kuxela ukuba ngobu busuku budlulileyo kukho uxholovane wenkabi yehashe obanjwe kwibhoma leepesika likabawo uBhani Sotomela.  Ukuba kukho ubani apha kuni  onolwazi ngelo hashe makancede eze ngaphambili ukuza kunika  umkhondo." 

Wangqunga, enditha, emathidala ukuda aye ngaphambili uKhomoni, uvalo luxhuma-xhuma, luxhuzula sel'enga angathi,'Vuleka, mhlaba, ndingene.' Ekugqibeleni waginy'ilitye waya.  Engako intsini wayengazanga wayiva oko wathi wazalwa.  Akufika ngaphambili wabuzwa ukuba unolwazi kusini na ngelo hashe liselugcinweni Komkhulu, wavuma ukuba lelakowabo.
"Kulungile ke, bawo, uze utsho kuyihlo aye kudlulisa umkhondo ngalo Komkhulu," utshilo ubawo uMfikili.  Ititshala elisekela lenqununu, umnumzana uJongilizwe wasuka wayibaxa naye le nto ngokusuka aye ngaphambili.  Wonke ubani watyis'indlebe.  Wasuka wayibaxa ngokuthi, " Sisimanga sesishiqi esi, Thuse, nawe, bawo uShweme, nabantwana, xa namahashe angoku esidla iiiiesika!"
Yabuya yaqala phantsi intsini kuhewulwa, kugqakadulwa, kutsitywa.  NoSkhilikithi bathelela bahleka bagqakadula, nangona xa wawunokuqwalasela kakhudlwana wawunokuqaphela ukuba  bahleka intsimi-menyo.
Ngemini yamatyala kwinkundla yakomkhulu wenjenjeya uMorocco nonyana wakhe uKhomoni.  Kambe ke wayesele evumelene uMorocco nabamelwane bakhe ukuba isizi setyala elo sohla-

16

wulwa sisiphalukana eso saseMjikelweni, njengoko aye one onke amakhwenkwe.  Kodwa eyona nto mayenziwe enkundleni phaya uKhomoni maze akhanyele alale ngomhlana ukuba wayenamanye amakhwenkwe, makeme kwinto yokuba ebeyedwa ebuseleni.  Athi xa amanye afuna ukuthimla esithi kufundiswa abantwana ubuqhetseba akhunjuzwa ukuba ityala alingomafutha.  Ukuba uBhani ukhe wavunyelwa ukuba ubephunyelwe sisiphalukana sonke saseMjikelweni soba sikhulu isikhalo sakhe, badliwe baviwe ngomnwe esweni.
Kwinkundla yamatyala Komkhulu apho amadoda ayethe nqadalala khona uBhani waba kusuka eyirholela amehlo loo nkwenkwe ukuba yayingeyodwa yakhanyela yema ngomlenze omnye inkwenkwe isithi ibiyodwa nje jwi.  Waba kusuka eyiqobisela nangembabala yakowabo akwamnceda lutho uTolo wayeyedwa nje engenangqina ukuwasukela kwakhe loo makhwenkwe.  Laba lifa namthanyana iTolo kwinzuzo elalijonge ukuyixhamla.  Wathiwa nka inkabi yegusha emazinyo asibhozo uMorocco.  Wayirhola ngomzimba ongenaxhala uTshezi omkhulu.  Kaloku yabe ilibhoxo okanye ilima labo bonke abamelwane bakhe u Morocco  ukurhola loo gusha.
NgoMgqibelo olandelayo kwatyiwa kwaxhatshwa enkundleni Komkhulu ngamadoda, kusosiwa, kuphekiwe kananjalo loo nkabi yegusha yesizi wayedliwe yona u Morocco .  Kodwa yena uKhomoni akazanga ahlukane nesiqhulo sokuba ihashe lakowabo lidla iipesika.








1 7

"Yindoda laa nto! "      

AmaXhosa angabantu abalulwimi lulodwa lokumncoma nokumgxeka umntu ufike esithi, 'Yindoda laa nto'kumntu osimilo sisulungekileyo', ngokunjalo nakumntu osimilo sinxaxhileyo.  Wayenconywa esenjiwa njalo uGushingozi kaTshisumntu, umMpemvu, kwiZolo lenkosana uGustavus kaHoward Vananda.  Wawungafika kukhalwa ngendoda yamadoda ezizamela amacebo okuziphandela nokuziphilela ebomini.
UGushingozi lo waba litshijolo leququlurhana elasitshunga lasitshunga isikolo lagqibela ngokusibaleka lizimele ekhaya lakunyanzelwa ngenduku ngabazali balo.                       Wabalekela kuloo dolophana yaseNgqamakhwe.  Kwindlela eya apho eNgqamakhwe wadibana nelinye iququlurhana elalizimele nalo kowalo kwakuthiwa maliye esikolweni okokuqala kubomi balo.  Ngokunqena ukubonwa ngabantu ababaziyo la matshivela anxaxha endleleni, anxwema.  Kuthe kolo hambo lwabo uGushingozi nomhlobo wakhe uRhajula, kuba babemke emakhaya ekuzeni kokusa, balamba, badinwa.  Uvakele uRhajula ebuza kuGushingozi ukuba kudla ngokuthiwani na xa imeko injalo, yena uphelelwe xa kungoku.  Uthe uGushingozi bafundiswa kowabo ukuba babokuthandaza xa bakwingxakeko, uThixo unceda iindwayi ezixhwaleke njengabo abo.  Ubuzile uRhajula ukuba kuthiwani na xa kuthandazwa.  Yaba ngumnqa lowo kuGushingozi ukuthi kanti kusekho amakhaya ekungathandazwayo kuwo.  Kambe ke wacengceleza umfo wasemaMpemvini esenza uMthandazo weNkosi.  Uthe xa akule migca ithi, "Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla; usixol-" wangqinitywa nguRhajula esithi, "Mfondini, sisonka esiza kusithini esi siza kusomisa imiqala, kutheni ungaceli nento eselwayo nje?" Wabonakala encuma omnye, bawuyeka phakathi loo mthandazo.  Ngethamsanqa bathi xa baqalayo ukungena endleleni bacholwa ngumLungu walapho eNgqamakhwe owayevela kwaKomani, waya kubabeka edolophini eNgqamakhwe.
Kuthe kanti uGushingozi uza kuqeshwa nguloo mLungu, uRhajula yena waqeshwa ngummelwane walo  mLungu kaGushingozi.  Baba ngabasebenzi miyezo yabo beLungu besamkeliswa ilinci elinye kuphela leesenti ngemini.  Umntu owamkela umvuzwana ongako ke kuba nzima ukuzinxiba kuloo mali, azityise onwabise neendwendwe zakhe kananjalo.  Kuthi ke kwakuba njalo intliziyo imkrobise umniniyo kumacebo ngamacebo, kanti ngokwenjenjalo iyameyelisela kwesimnyama isiziba.  Kuloo ngxingwa wayezifumana ekuyo uGushingozi ayizanga ifikiswe  kuye into yokuba aphindele kubazali bakhe eZolo ukuya kuzithoba kubo aphindele esikolweni..

18 
Uthe ngokuya eqhuba emsebenzini apho uGushingozi wanamaqabane akhe aqhelana nawo, ngaphandle koRhajula.  Kwakumana kudityanwa ngelixa lekhefu lesidlo sasemini, nangelixa likatshayile.  Incoko yaqala kwinzima yokunganikwa kwabo imivuzo ephucukileyo ngabaqeshi babo.  Amanye kula maququlurhana ayengasebenzi.  Kungoko ongendawo wawafumanela amacebo angendawo okulukuhla ezo ndwayi zazizizamela ukuphila.
"Endaweni yale mfeketho yeesenti ezilishumi kuphela ngemini, mna ndinacebo liye lathi nqanu engqondweni yam," utshilo uMaqhingana welali yaseNgcisininde, kwisiphalukana sakuMemela, ngenx'enokuba isisigambu sakwamemela inkoliso yezimamhlaba zeso siphalukana.
"Mfondini, libeke esithebeni phambi kwamadoda elo cebo size kulibenga ngokulihlab'amadlala sililungise," utshilo uRhaxothi welali yaseNgcisininde kwisiphalukana sasesiDutyini.
"Ndinqena ukulixela ke, manene, ze nindintame," utshilo uMaqhingana.
"Mfondini, mus'ukugudl'indlu xa uthetha; into esingayo thina apha licebo lokuphila nenyoba yokuzinyula kule ngxakeko sikuyo; akunjalo kusini na, Gushingozi, mfondini?" uqokele watsho uRhaxothi ezama ukungqushela singqushweni sinye le nkwenkwe yayithule konke oko babethetha.
"Uchanlucwethe," utshilo uGushingozi ezama ukumilisela ingqondo yakhe kwelo cebo liyilwayo.
"Nali elam, manene, njengoko sibahlanu andiqondi ukuba isine sethu sinokoyiswa bubunzima bomnye wethu xa sifunqula ibhokisi equlathe omnye wethu.  Le bhokisi sinokuyicelela indawo kulaa venkile yakwaWana ngelixa lesidlo sasemini.  Kothi xa abeLungu bakwisidlo sasemini ndiphume mna mntu woba ekuloo bhokisi, ndiqokelele bonke ubumalana endinokubufumana.  Ndothabatha nezinye izinto endiqondayo ukuba zingasingenisela imali sakuzithengisa.  Ndakuqikelela ukuba abeLungu sekumbovu ukuba babuye ndozithi shwenye kwakwibhokisi leyo soba siyigcinisile.  Okwenu ke emanikwenze nina kukufika niboleke ibhokisi leyo beniyigcinisile.  Linjani ke, majita, elo cebo?" ubuze watsho uMaqhingana.  Alikhuza akalibala loo makhwenkwe elo cebo, esithi oko azalwa akazanga alive icebo elinjalo.  Amanye kuloo makhwenkwe iimvalo zazingongoza ngokungathi elo cebo sele. elenza ngalo elo lixa.  Amanye abuza ukuba loo nto yokungena ebhokisini ayihloli kusini na.
"Majita, ukuba kuthe kanti kukho intombazana apha phakathi kwethu mayizixele kwakaloku size kuyinxiba iilokhwe.  Asithethi

19

ngabuvuvu bankolo yobuhiba thina, kuloko siyila icebo lokuphila.  Bendikhe ndathi kwasekusungulweni kwale nyewe andifuni kulibhengeza eli cebo, nathi nina mandivele nalo.  Naku ngoku nilinyelisa nilitshabhisa," utshilo uMaqhingana injoli nenjengele yalo mcimbi.
Kuvunyelwene ukuba isiziba siviwa ngodondolo ngokukodwa kuba umnini kuliyila elo cebo akathumeli mntu makangene ebhokisini kuloko uza kwenza ngokwakhe.  Ngemini elandelayo yakuba iceliwe ibhokisi kwenye yeevenkile ungenisiwe uMaqhingana.  Kambe ke yonke le nto yayisenziwa ekhusini nasekusitheleni kukhuswe ngeengubo ukuba kungaboni nodlula ngendlela.
Yafunqulwa loo bhokisi sisine saloo makhwenkwe, uMaqhingana ephakathi kuyo yena.  Bagaleleka oorheme xa kanye umLungu wayesel'emi ezingcangweni exela ukuba uyavala.  Kambe lalikho iqaqobana elalisavalelwe ngaphakathi. ukuba lithenge ligqibe.  Ukuvala oku wayesenzela ukuba kungangeni bambi.
"Khawulezani ningene, makwedini, ndiyavala ngoku; yibhokisi etheni le?" kubuza umnumzana uWana.  "Hayi, nkosi, yibhokisi ebithengwe ngutata waza wasiyalela ukuba siyicelele apha kuwe uyigcine apha evenkileni, size thina siyiphuthume ngentsimbi yesibini emalanga," utshilo uRhaxothi.
Uvumile uWana kungekho nto ayirhanelayo.  Lo Wana wayengenguye namLungu ukulunga ethandwa ngumntu wonke apho eNgqamakhwe.  Ngaphezulu ke akukho bantu bathenjwe njengabaseTranskei ngenxa yokulunga nokungabi naburhalarhume kwabo.
Zakuba zinanyekiwe iingcango zevenkile kulila ibhungane uyivule kancinane uMaqhingana ibhokisi, walunguza, uvalo lungongoza, hayi kwathi cwaka.  Wathi phundlu ngokukhawuleza.  Uphulaphule emi bhuxe, ethe cwaka, hayi akwabikho nto intama ukuba kukho mntu umlaleleyo.  Inye kuphela,into eyamngxolelayo kukuxhuma-xhuma nokuxhuzula nokungongoza kovalo olwalungathi luza kuphuma ngeendlebe.  Ucondobeze enyathela ngamazondolwane.  Wonde ngesefu wafika iliqele kuba yayitshixiwe.  Uncamele kule ndawo kugalelwa kuyo imali yabathengayo.  Uqale kuluhlu lweerandi ezingamanci amabini, weza kolwelinci elinye, weza kolweminwana  emihlanu, weza kolwemivo emibini wagqibela kuluhlu lomwangalala wesilivere nekopolo.  Phofu urheme wayisebenzisa ingqondo kuba akazanga arhwaphilize konke, watya ebeka ngokwempungutye.  Unkathule iifuleyiti, esenzela ukuba ze bakhe bantuhle.  Uye wagqibela ngeetshefu, izonka nobumpahlana obunxitywayo.  Emva koko ubuyele kwasebhokisini.  Wahlala apho kuyo lumbuyele ngamandla uvalo, kuba wayecinga ukuba angafumana athini na xa umLungu anoku-

20

yivula loo bhokisi adibane nesibhongobhiyane senkwenkwe simthe phuhlu ngamehlo.  Ibe ngathi ngumnyaka wonke elapho.. Elinye ixhala yayilelokukwaywa ngoogxa bakhe bamshiye apho ngokoyika ukuba hleze lithi kanti icebo labo likrotyelwe.
Ekugqibeleni ude waziva iingcango ukukroxoma kwazo, waqaphela nangokukhanya ukuba zigengiwe.  Namaqabane akhe uwavile xa aboleka ibhokisi yawo nokuyinikwa kwawo.  Abulela atyibela kumLungu wevenkile.
Bahamba ke oonkabi besindwa njalo yiloo bhokisi bada baya kusithela kwelo thafa laseNgculu livelela ilali yaseNgcisininde.  Bayikhusa ngeengubo, waphuma uMaqhingana sel'akhe amaxhaka eqhongole bubuqhetseba bakhe.  Yahlulwa ngokulinganayo loo mali naloo mpahla nakuba uMaqhingana wanikwa isihlomlelo esithe nyi ngenxa yesibindi awathi waba naso ukuze babe baxhamla elo cham nenzuzo.
UmLungu wevenkile uze kuyiqaphela ilahleko engabanga ncinane xa abala ingeniso yaloo mini.  Ubuze kowakwakhe ukuba unamali akhe wayithabatha kusini na, ingekho nje imali, walandula ngomothuko omnye.  Nakwizicaka ubuzile, zalandula ngodano nomothuko.  Uqalile kaloku ngoku waphengulula, ephililinga, ephendla ekhangela iimpawu zokuba ngaba bekuqhekeziwe kusini na, akwabikho mpawu zintama oko.  Latshona elaloo mini abamelwane bakamnumzana uWana beyazi loo lahleko.  Kaloku abeLungu bayadibana kwiihotele naseholweni baxoxe ngekamva nengomso.
Ithe kanti le lahleko kaMnumzana uWana indwetyelwe ngabo bonke oosomashishini.  Into eze kubabambisa ooMaqhingana nooRhaxothi nooGushingozi kukuthenga ngemali eninzi kanti .bamkela imali encinane kuphela ngenyanga.  Ngobukrelekrele bengqondwana zabo abazanga bathenge kuloo venkile kaWana.  UmLungu wevenkile ababethenga kuyo, uNtintimeshe, warhana ukuba loo mali ininzi yaloo maququlurhana mayibe inento yokwenza naloo lahleko kaMnumzana uWana.  Watsala imfonomfono wabiza abakwantsasana, aba ayabanjwa loo maququlurhana njalo.  Ngenxa yobuncinane agwetywa iinyangana ezengephi, noko ke zadityaniswa nokukiniywa kwawo ngeziniya.
Akuphuma apho kumnyama- ndawo uGushingozi waya kubetha iinduku kowabo eZolo.  Ngokumana kusisa kusihlwa wakhula ngethambo, ngemikhwa nangemikhuba ada amadoda alamana noyise acebise ukuba makaluswe.
Ngenye imini uGushingozi wabanjwa ngokuqhekeza ivenkile kwidolophana yakuGatyana.  Kaloku athi amaXhosa, "Inkqayi ingena ngentlontlo." Okuya wayefunde umkhuba wobuqhetseba eNgqamakhwe uGushingozi wathi kanti uza kuba lukhwekhwe lwexhwili kuye lo mkhuba.  Ngoko uGushingozi wayesel'ekwixabiso

21

lokuba nomfazi nabantwana.  Wagwetywa umnyaka onesiqingatha kumnyama-ndawo.  Uthe akuba sel'ezigqibile iinyanga ezintandathu elapho entolongweni wabonakalisa inkuthalo nentembeko.  Ubesebenza kwamantyi endlwini lo gama amanye amabanjwa ayesebenza emyezweni.
Apho kwamantyi uGushingozi wayesula umgangatho ngamafutha awuhlikihle ngeziziba awutsho ubengezele ngokungathi uza kuzibuka.  Ukusuka apho wayedlulela nakwimpahla yendlu nayo ayitsho ibengezele ngamafutha ayo.  Loo nto yokusebenzd kakuhle kanjalo uGushingozi yabangela ukuba umgcini-mabanjwa ayekelele umxakatho ukusoloko embeke esweni, nelixa awayeligwetyelwe lenziwa lifutshane, kanti akuvunyiswanga.
Esasebenza njalo uGushingozi kwelo gumbi likamantyi kwathi nqanu cebo lithile lokuba abhungce kuloo mbophelelo wayekuyo.  Wavula ityeya yempahla zikamantyi wazikhuphela engayiwayo isuti, ihempe, iqhina nezihlangu, yamtsho loo nto walitsolo lomfana.  Wawalahla phaya loo mabukubela empahla yobubanjwa, waphuma ngomnyango wegumbi lokuphekela.  Wonda ngendawo anokufumana kuyo imoto ebetha umlozi, watsala ngomrhubhe wemoto ukumka apho kuGatyana.  Kambe imilondekhaya xa sel'inaye umntu uthanjelwa zizinto zonke.  Nemali wathi kanti urheme uyibhaqile apho igcinwa khona kwamantyi apho, wazinkathulela.  Yaya kumtyekeza kowabo eZolo loo moto.
Kwafunwa kwancanywa kuzo zonke ezo lali zakuGatyana.  Yathabatha ithuba nokuba kwaziswe zonke izikhululo zamapolisa apho eTranskei.  Kaloku kwakusahanjwa ngooxholovane beenkabi zamahashe, neemfonomfono ezi zisanqaphazeka.
Wafika uGushingozi eZolo wahamba mikhwelo, mitshato nemiguyo ngobanjwa-ngazibini wenkabi yehashe empemvu oku kwesiduko sakhe.  Igama layo lalingu bless.  Elo hashe likaGushingozi lalingagqibeki eyona nto liyiyo nokuba liyinkunzi nokuba liyinkabi kuba laliyinkunzi ngelinye icala, liyinkabi ngelinye.  Laliqeqesheke isimanga.  Wayesithi umnini-lo akuthi, " Bless , yiza!" lize kuye lijakatyula nokuba ulikhwaza belikude.  Wayesithi akulikhwela obukeleyo ange angafihl'amehlo kuba wayelithoba nakwindawo engumsethuluka.  Lalingenaqhina nandawo inyukayo.  Nkweli yakwabani eyayifana noGushingozi!
Kuthe ngenye imini kuselwa kwabawo uChemfulani wakwaSango kwaKhwayikhwayi kaMazomba apho kwilali yaseFreyistathi wabonakala ephuma uGushingozi esiya kwenza amanzi, xa kanye injoli yayiza kwazisa emadodeni ukuba zibuyile iibhekile ebekuphakelwe kuzo amadoda, noko ke zisabonakala iindevu zikamadala.
Uthe xa akhova ukwenza amanzi uGushingozi wathana nqwakaqha nabakwantsasana bekhwele ooxholovane beenkabi zamahashe.

22

Yayiliqakamba nepolisa elintsundu.  Ukuba kuthiwa kukho into ebambisa umntu ngamapolisa kukuthi xhungu akuwabona, ebangelwa sisazela.  Ukuba kuthiwa kukho umntu owayekhutshwe amathambo kwicala lomothuko obangelwa sisazela kuthethwa uGushingozi.  Waya nje ngomzimba ongenaxhala kuloo mapolisa walekuzeka ukwabulisa.  Emva kokuwabuza amavelaphi namayaphi amxelela ukuba akhangela umntu ogama linguGushingozi.  Ke kaloku umkhondo wakhe walathwa kuloo mzi unentselo-tywala.  Wabonakala engathi uyacingisisa uGushingozi.  Wavakala ethethela phantsi esithi, "Gushingozi, Gushingozi, hayi andiqinisekanga, zinkosi zam, nokuba ukho okanye akakho kusini na.  Khaningene kule ndlu inamadoda niqonde khona.  Mna ndisenza amanzi," utshilo umntwan'asemaMpemvini engathi ubheka ngasebuhlantil kanti wenza isheyi lokubiza inkabi yehashe yakowabo u bless ompemvu.  Wanela nje ukuthi, " Bless , yiza!  " leza lijakatyula.  Walixhoma isali akukhova ukulinxiba umkhala, wathi akutsho phezulu laqhekeka, kubonakala ukuba laqonda ukuba kunyembelekile kumninilo.  Owayekho loo mini uthi lehla kuloo mqengqelezi ujonge eMphangeni ngesantya esatsho abantu bafihl'amehlo, kulumeza amazinyo ngamasikizi.  Laya kuqabela kwisiphalukana sakwaMiya lenze umbane.
Uyabona ke ngalo lonke elo xesha kusabanjwe ucwangco endlwini yotywala akungena amaRhulumente kuba amadoda amakhulu angasemnyango kwafuneka eshenxele amapolisa, aze amadodana ashenxela amadoda amakhulu, abafana bashenxela amadodana, nabo abafana bashenxelwa ngamakrwala, yayiloo ntuntanja.  Kuthe kunjalo yemis'indlu injoli, isithi, "Nank'utata eza kuthetha." Kuthe xum yakutshol kwabonakala kuphakama umnini-khaya ubawo uChemfulani, wathi, "Hayi, mawethu, ukumis'indlu oku kukubona amaRhulumente.  Ke kaloku ndinga ndingabuza imvelaphi?" Litolikile elintsundu ukuchazela elo limhlophe.  Lakukhova ukwenza oko lichazile ukuba bafuna indoda enguGushingozi, ke kaloku umkhondo uvakala apho kuloo mzi ahlangene kuwo amadoda.  Ayana ngamehlo amadoda ethe khamnqa.  Ngelo xesha ke amapolisa ayekhangele nencinane intshukumo ukukhangela ukuba awukho phakathi kwaloo mndilili kusini na loo mguvela womsalakatya.  Hayi akwabikho ntshukumo.
Uphindile uChemfulani wabhekisa kwakumaRhulumente lawo esithi, "Hayi, bahlekazi, nisibona sithe cwaka nje, eli thuba nilingenileyo phantsi kophahla lwale ndlu silithelekisa nethuba aphume ngalo lo mntu nimfunayo esiya kwenza amanzi.  Anidibananga nandoda kusini phandle apha ukufika kwenu?"
"Ewe, sidibene nayo, sathi sakubuza uGushingozi kuyo

23

yasikhombisa apha endlwini," litshilo ipolisa elintsundu.
"NguGushingozi ncakasana ke lowo," uphendule watsho umninimzi.
"Ngumguvela katsotsi hi!" lakhuza latsho ipolisa elintsundu ukuthi kanti esithi mabangene endlwini nje uGushingozi ubabambisa isisila sehobe.  Livakele lithetha libhekisa kuwalo lisithi, " Let us go, he is the culprit who greeted and talked to us prior to our entering this hut "
" Hy is 'n skelm," utshilo umLungu wabantu ekhwankqisiwe ngulo mhlola wemihlola.  Emka ejingisa iintloko amapolisa ludano lokuphuncula komguvela sel'usezandleni zawo.  Asala eyincokola eyihleka amadoda le nto, yavakala enye incoma isithi, "Si, yindoda laa nto!
Kuthe kungekabi kade emva koko inkosana eyayilawula apho eZolo u Charlie, uyisemkhulu kaGustavus wafikelwa sisigidimi sokuba uyafunwa yimantyi eNgqamakhwe.  Okwenene wenjenjeya umfo kaVananda ngenkabi yakhe yehashe eyayihamba kunene uTshamblukhwe, awayesithi yena ukuyibiza nguNofelti.  Akufika eNgqamakhwe uqononondisiwe yimantyi ukuba xa umguvela ukumhlaba wakhe uze ungabanjwa loo nto yombek'ibala elibi.  Ngako oko ke makancedisane namapolisa ekufuneni nokubamba loo mguvela unguGushingozi.  Njengesicaka sikaRhulumente akazanga abe nakwenza ngakumbi uVananda ngaphandle kokuvuma.
Kuthe kungekabi kudala emva kolo bizo kwabakho umtshato kumzi kabawo uBhutana Maqizana omzi wakhe wawuseSingeni, emazantsi eso siphalukana saseMjikelweni.  Wabayalela unkosana uVananda abakwantsasana ukuba bafike kanye ngaloo mhla womtshato akanakungabikho.  Okwenene abakwantsasana basabela bakubizwa.  Inkosana iyalele ukuba amaRhulumente lawo awafihle amahashe awo, nawo ngokwawo anganduli azibonakalalise eluntwini ukuba akho kumzi lowo.  Wawayalela kananjalo ukuba elinye lawo amapolisa libambe ihashe likaGushingozi ngomkhala, lo gama elinye londa ngoGushingozi.  Kambe yonke loo nquleqhu yayisenziwa yayingenzima kuba kwakulula ukusithela ngeminga.
UB]ess waba selugcinweni lwepolisa elintsundu lo gama elimhlophe londa ngaloo ndlu wayekuyo uGushingozi, kanye ngeli xesha umtshakazi nomyeni basandul'ukunyathela inkundla ngelokhwe yesibini.  Lanela nje ukumkhonjiswa iqakamba labantu londa kuye esiqwini.  Uthe akuthi mandla ngalo uGushingozi waziqondela nje naye ukuba kunyembelekile.  Kunyanisiwe xa kuthiwa lo mhlaba uyajikeleza ukuvelisa imini engafaniyo nezolo nezol'elinye.  Kodwa umfo wasemaMpemvini wathi uza kulibonisa ukuba lidibene nendoda'.  Wonda ngalo naye babambana ngobungalakambu.  Yeka ke kwaba ngathi kuhlangene iinkozi esibhakabhakeni.  Yaba lithuba elide iyinkwa nenkwa.

24

 Ekugqibeleni ada aqandusela amandla omfo wasemaMpemvini.  Wathi ukulijula kwakhe elo polisa langa sisiphekepheke saseMelika, u-Apollo, ejulwa eCape Canaveral.  Laya kulima ngentloko phesheya kwebala, kanye elungqamekweni, umhlaba lawukhafula ngolwimi ngephanyazo, imilenze yabuya emoyeni.  Lakha lee tywa umzuzu ongemfutshane lif'isiqaqa, limpemvu ebusweni, kumenyezel'iinkwenkwezi kumntwan'omLungu.
Kwaba lelo xesha awathi ngalo uGushingozi Wafumana ithuba lokuzinik'amathafa.  Umkhwaze ngelibukhali Iona ilizwi ubless wakowabo.  Kuloko ngelishwa lomhluzi wamanqina wayengenakho ukuza kuba wayeselugcinweni lwepolisa elintsundu.  Uye ngoku uGushingozi waziphosa kumqalwa owabe ukufuphi kuye, ewukhwela ngaphandle kwesali.  Wadlokova abantu babamb'amazinyo.  Uthe kanti umMpemvu akaqondanga ukuba lo mqalwa aziphosa kuwo ukhulekiwe.  Wawuqonda yena ngokudlokova ujikeleza ndawonye.
Ngelo xesha laloo nquleqhu yokudlokovelwa kukaGushingozi ngumqalwa zazise zibuyile ingqondo kwiqakamba.  Nelintsundu ngoku ipolisa laliselilapha.  Bobabini ngoku oonongqayi bonda ngoGushingozi, elimhlophe selikhuphe ivolovolo lifuna ukulincinitha elo delamthetho liphele igama lalo, kuloko umninimzi akazanga ayelelise; walikhalimela elo polisa esithi malingajavuzelisi lijalise umtshato womntwana wakhe ngokudubulela umntu emzini wakhe.  Lafa namthanyana ipolisa labantu.
Uthe ngoku uGushingozi akunqonda ukuba akanakumelana namandla amapolisa amabini wababeleka abazizicatyana yekoko ukubheka kumlanjana uMnyibashe, wafika wazela esizibeni wantywila akabonakala unwele nozwane.  Alalisa imbaqa emva kwakhe awakwantsasana, nenkosana uVananda yafontelela isukela ukuncedisa amapolisa.  Noko ke indoda leyo yayise inkulu ingenakumelana namendu amapolisa athamba ngazo zonke iintsasa.
Kwehliwa kunyukwa nomlambo, kambe amapolisa esikhomba isiziba anokuba utshone kuso.  Ekugqibeleni kweviwa ngelizwi elibukhali likankosana uVananda esithi, "Hayi ngokwenene phuma Gushingozi, uzinikele emapoliseni," kuthe kanti iZizi elikhulu limbonile umMpemvu omkhulu ethe muku. ngempumlo kweso siziba sabe sisalathwa ngamapolisa.  Kwakunyanzelekile kaloku ukuba amane ukuyivelisa impumlo ukusezela umoya, wayengesosilo somlambo nje.
Waphuma apho uGushingozi emanzi elelo xikosha.  Akhupha izacholo amkhonkxa, yek'oko ukumxhesha ngamahashe ukumsa eNgqamakhwe apho waza kulandwa ngamapolisa akuGatyana. apho wagwetywa iminyaka emibini ngobusela, ngokubhungca

25

sel'esentolongweni nangokubilisa amapolisa abaleke kuwo embamba.

Kuthe emva kokuba kumnyama-ndawo eso sibini sonke seminyaka waphuma uGushingozi.  Kwabonwa ngaye efika apho kuloo lali yakowabo eZolo.  Ukujikeleza komhlaba ukuhambisa imihla kwamenza wafika engomnye umntu.  Wafika wazinikela kubashumayeli becawa yakowabo apho eZolo- iRhabe yase-Afrika eyasekwa ngumfundisi uMzimba eDikeni.  Amava alo mhlaba ujikelezayo, umagad'ahlabayo ayemfundisile lo mnumzethu ukuba kumlungele umntu ukuba ahambe ngendlela ethe tse engenazagobe, kunaleyo igoso-goso ingakusi ndawo.  Kananjalo amava ayemfundisile lo mnumzethu ukuba akukho kuwubaleka umthetho xa ujoliswe kuwe oku kompu.








26

mthandazo

Kwilali yasezolo elilawulwa ngunkosana ugustavus Smovana Vananda, kwisithili sasengqamakhwe, kukho iziphalukana zakwatenza naserhune, oko uzinziso lwalungekabikho.  Phakathi kwezi ziphalukana zibini, utenza nerhune, kukho intlanjana ebizwa ngokuba lirhune enamanzi angazange atshe nokuba selibalele kangakanani na.  Kwintili ecanda kuyo le ntlambo kuthe zinzi umzikazi omkhulu wakwamiya kwaganjana.  Lo mzi wabe unooronta abathandathu, nentabalala yeentango ekwakuvalelwa kuzo intlaninge yeenkomo, iibhokhwe neegusha.  Umnini walo mzi nguNgqondi owabe eshiywe nelifa elikhulu nguyise uthandabantu.  Kambe naye ungqondi lo akazange afekethe ngelifa awayeshiywe nalo nguyise.  Inkosikazi yalo mzi yabe inguMamNgxongo, untsundu, ubhomoyi, uZondwa-Ziintshaba-Zingenakumenzanto.  Igama lomzi awathiywa lona umngxongokazi lo labe lingunomzi.
Aba bantu ungqondi lo noMamNgxongo babelizwe ngonyana owayelizibulo abamthiya igama elinguvusumzi.  Phezu kovusumzi kwakulandela iintombi ezimbini.  Eza phezu kovusumzi yayinguNontombi, ithunjana ibe ngunobekithemba.  Inkonzo yeli khaya yabe iyeyamarhabe asediphende phantsi komfundisi umbangela elucwecwe kwisithili sasengcobo.  Ngelo xesha izolo elo lalingekanikwa ilungelo lokuba nomfundisi walo nalo.
UNgqondi lo noMamNgxongo asikuko nokuba babeqatha bebungqwangangqwili ngengqeqesho kolo sapho lwabo.  Umthandazo kweli khaya wawusenziwa ekuseni, emini nangokuhlwa.  Umntwana kweso sithathu othe waphoswa ngumthandazo wayeyazi into abhinqe ngayo ungqondi kuba wayemkiniya ngeziniya apenapene ziintlungu.
Ngelishwa lento enye uvusumzi yamphosa imfundo.  Wawenza onke amatiletile ungqondi okuzama ukuba unyana wakhe okuphela kwakhe angaphoswa yimfundo, kodwa loo malinge awa phantsi.  Waba kusuka emsa eblythswood emngenisa ngaphakathi esinaleni weva ungqondi kusithiwa wazimelayo unyana wakhe ukuya erhawutini.  Uthe esakhwankqiswe yileyo wafumana incwadi yonyana wakhe ecela uxolo,ezibika ubulukhuni bentloko yakhe esithi unqena ukutshonisa imali yakhe kungatsitsi nto engqondweni.
"Yashiya yageza ke le nto ithethwa ngulo mntwana kule ncwadi, MamNgxongo; ubenga angatshonisa imali kabani?" utshilo ungqondi elum'umlomo kukucaphuka.
"Ufumana uzibetha nje ngenyhek'etyeni, Mja, Sibewu, kuba ke lo mntwana akakho apha ngoku; kwaye khon'ukuba ubelapha

27

ubuza kumthini?  Andibi na amaciko athi, 'Akunakulinyanzela ukuba ihashe lisele xa lingawafuni amdnzi?"' utshilo umngxongokazi ezama ukubonisa owakwakhe.

"Unyanisile, Ntsundu, ukuthi sendifumana ndigxwala nje emswaneni.  Andenziwa nto, mfazi wakowethu, ngaphandle kobuhlungu bentliziyo," utshilo umfo wakwasijekula ezolula ezama ukudungudelisa isingqala nesigqurhu awayenaso entliziyweni.  Ibhongo lokufundisa, eso sibini sabantu laseliliphelelisela kwiintombi ezo zimbini.  UNontombi wafunda wayititshalakazi, waza yena unobekithemba waba ngumongikazi ogqibeleleyo.  Bobabini aba bantwana bafumana imisebenzi kufuphi nekhaya.  UNontombi wafumana isikolo apho kowabo ezolo lo gama yena unobekithemba wafumana umsebenzi wokonga kwiziko lempilo lasetsomo emishini.

Ukuba kuthiwa kukho into ewatyhile ingqondo ama-Afrika akowethu kukufundisa umntwana oyintombazana ngenxa yokungabi nambulelo koonyana.  Elo khaya lakwamiya ezo ntombi zimbini zalitsho yalikhaya elifudumele kunene, nelibukekayo ngezindlu, ngempahla ekwezo zindlu nangemfuyo.  Yinto eyatsho ungqondi nomngxongokazi baziva benamalunda.  Kambe ke abo bantu babengengabo aba nomagugwana bazigwagwisayo.  Babambethe ubulali njengengubo.

UNgqondi nowakwakhe babengazanga baphoswe yinkonzo nemini enye. ugcwanini lo wayeligosa eliphambili, lo gama umngxongokazi yena wayengumgcini-sihlalo kumanyano lwamanina, kanti zona iintombi zazigosisiwe kumanyano lweentombi.  UNontombi wayengunobhala, unobekithemba engunondyebo.  Abakhalazayo nabanyelisayo wawungafika bekhala ngelokuba loo cawa yasezolo seyiyeyakwangqondi xa zonke izihlalo eziphambili zilunge kubo.  Akubuza ophulaphule ezo zikhalazo ukuba kwakunganyuli bona kusini na, athi ophendulayo makube babeye ecaweni besebenzise intsula-buso.  Ukuyivala le ngxoxo athi mabayisebenzise nabo baze kunyulwa.  Cwaka ke.

Akufika uvusumzi kwixabiso lokuba abe yindoda uyise ungqondi wamsa ngentliziyo enochulumacho esuthwini esitsho nokutsho ukuthi uyaqala uypigqibelisa ukwalusa.  Yaba ngumguyo nomgidi omkhulu.

Kuthe emva kweminyaka emihlanu eyindoda uvusumzi wazeka intombi yakwanozulu, kwakheswal emkhanzi kwisithili saseNgcobo.  Igama lale titshalakazi labe lingunokuzola.  Yaba sisihikahika somtshato omkhulu kuba ungqondi wayekhala ngokuthi uyaqala uyagqibelisa ukutshatisa unyana.  Loo mtshato kwada kwadlula imihla emininzi uhleli uhleli kwiinkumbulo zabantu.

28

Uhleli uvusumzi kowabo ukuqhelisa umtshakazi emzini wakhe owabe ethiywe igama elingunolusapho nguyisezala.  Lithe lakudlula ilixa awayelisikelwe ngabaqeshi bakhe uvusumzi waphindela kumsebenzi wakhe erhawutini.  Umtshakazi usale ehota kuninazala uMamNgxongo nakumadodakazi akhe unontombi noNobekithemba.  Wathi unolusapho kuba engumntwana ophuma kwingqeqesho eqatha kowabo emkhanzi waqukeza waququzela kumsebenzi wekhaya, kanti nasenkonzweni wafana nethole likandlebende kunina ukuthi nca kuninazala uMamNgxongo xa aya ecaweni nakulwesine womanyano lwamanina, wena wakha waliva ibali likarute noninazala unahomi kwizibhalo eziNgcwele.  Wakhuthala kangako ke uMaKheswa emzini wakhe kwamiya ngokomntu ezangenayo iziyalo zakowabo mhlenikwezeni wayetshata, iziyalo zokuba ekwendeni kulapho umntu ahlangana neenkathazo, izilingo, izithuko, izihendo nezinyeliso athi umntu ukuze azoyise kube ngokwamandla kathixo eza

ngomthandazo.
Kambe lo mhlaba uyajikeleza ukuhambisa imihla nokuguqula amaxesha neemeko zabantu.  Umntu obeqale ngokonwaba kudityanwa naye sel'eqalekisa umhla awayezelwe ngawo ngenxa yehambo-nzima kulo mhlaba umagad'ahlabayo, ukanti omnye obeqale ngehambo-nzima udibana naye sel'aba linene okanye inenekazi.  Kwaba njalo kwintombi yakwakheswa.  Kwaqala kwamnandi kuyo ukuba ngumfazi wakwamiya kuba umyeni wayo uvusumzi wathi rhoqo ukumthumela imali eyayingencinane.  Loo nto yayibonisa ukuba usebenza kwindawo ehlawulayo.  Kuthe ngokujikeleza kwalo mhlaba sikuwo, ukumana kusisa kusihlwa zaya zinqaphazeka iincwadi ezivela kuvusumzi ziqulathe ulutho.  Kuthe emva koko kwanqaba nkqu ezembalelwano.  Kwaqala kaloku ngoku kwakubi kulo mzi.  Eyona nto yayingabahlungisi kancinane abantu balo mzi yeyokuba kwakungekabikho nantambo ibaqhagamshelayo uvusumzi nonolusapho - umntwana.  Nangona wazizamayo ukungazibonakalalisi kubacholi bamalongo nemicabayo unolusapho kodwa imeko yokuxwela nokunxunguphala kwakhe

yabehle yamdandalazisa ukuba akukuhle kuye.
Ngabusukwazana buthile obabuzole njengemini wabonakala unolusapho engaphumi ukuya kulala kwintanga yakhe novusumzi kwakukhovwa ukuthandazwa.  Yindodakazi y4khe eyititshalakazi nabantwana abahambayo ukuya kulala.  Kuthe emva kwethuba elingabanga lifutshane kuthe cwaka wathukuthela uMamNgxongo wabuza kumolokazana ukuba unalutho afuna ukulubhekisa kubo noyisezala yini na le nto angahambiyo ukuya kulala njengezolo nezol'elinye, wavuma umolokazana.  Zagabadela iingcingane zabazali zithabatha zibeka ukuqashisela le nyewe iza kuthethwa

29

kubo ngumolokazana wabo.  Kambe lwalukho noloyiko lokuba angacela indlela agoduke.  Kaloku abafazazana basuka bathi bayagoduka bona xa bangahoywanga ngamadoda abo babeye kuthatyathwa zinganethi nje izindlu zakwamakowabo.

"Hayi, Bawo noma, kukho ulutho ebendisoloko ndilucamngca apha ngaphakathi kwam, kuloko ndisoyika ukuluthetha kuni; kodwa namhlanje ndiziva ndinyanzelekile ukuba ndizityand'igila kuni," lutshilo olo dwayi lomfazazana luntywizisa kubonakala ukuba luzibambe nkqi ukungatyhobozeki ukukhala tyatyasini.  Oko kwantanywa sisingqala awayesenza loo mntwana.
"Yithethe gxebe, Nolusapho, mntwan'am, loo nkathazeko yakho, ungazibulali ngeengcingane sikho singabazali bakhol kanti besingakuncedayo ukuba sinakho," libongoze latsho ixhego libindekile ngaphakathi.

"Hayi, Bawo noma, ningabi naxhala navuso nicinge ukuba ndiza kucel'indlela, ndiphindele kwanozulu.  Ndeza nothixo wakowethu apha kwagcwanini.  Ndamcela ke loo Thixo wakowethu ukuba aze andibethelele kulo mzi wakwasijekula ndingaze ndimke kuwo nokuba iimeko sezimeke-mekeza.  Ukumka kwam ndilifulathele eli khaya kwakuba kukwaphula iminqophiso nezibhambathiso endazenzayo mhlenikwezeni ndamanywa ngeqhina lomtshato nobhuti kanobekithemba," unqumamile umolokazana ngenxa yesigqurhu esabe simthe vale kweso sifutyana sakhe.
"Utyaphile, Nolusapho, mntwan'am, ukuthi kanti ukholose ngothixo ngolo hlobo kweli khaya lakho; yithethe gxebe le nyewe ikukhathazayo," lithundeze latsho ixhego lakwamiya.
"Nam, Nolusapho, mntwan'am, ndithi mandithelele kula mazwi oncomo abhekiswe kuwe nguyihlo lo ekumthembeni kwakho uthixo; loo nto ithetha ukuthi uyakhula ngengqondo, ngamava asekuhialeni nangomoya, naxa usemncinci ngokuvela nokuzalwa," utshilo uMamNgxongo.

"Bawo, noma sekulithuba elingelifutshane umnakwabo Nobekithemba wagqibelayo ukundibhalela, ndingasathethi nto ngokuthumela.  Ke kaloku, Bawo, bendicela kuwe ngokuzithoba okukhulu ukuba ngemvume yakho siwuse noma kooma bomthandazo lo mthwalo ngenjongo yokuwenza khaphukhaphu xa siwufunqulela kuthixo ngethala lomthandazo.  Loo mthandazo ke wandulela isicelo endiza kusenza kuwe noma sokuba nindivumele ukuba ndiye kukhangela ubhuti kanobekithemba apho waya kutshona khona."

Emva kwengxoxo engabanga mfutshane kwada kwavunyelwana ngamxhelo mnye ukuba kuhanjwe ngokweembono neminqweno kanolusapho.  Kuphindiwe kwaguqwa ngamadolo kuyalezwa ezo ngcingane ziphakamileyo zicingwe nguMaKheswa.  Kwakukhovwa

30

ukuthandazwa kuye kul@lwa lusapho lwakwasijekula.
Lusile olwesine wenjenjeya uMamNgxongo nomolokazana wakhe ukuya elumanyanweni lwamakhosikazi.  Lakufika ilixa lemithwalo waphakama unolusapho wayidadlaza inkathazeko yakhe, ekuthe akukhova ukwenza oko wasitsho esofelweyo.  Waphakama noMamNgxongo wawaxelela amanina ukuba asimthwalo mncinci Iowa ubekwa ngunolusapho, ufuna ukuloyisa elaa khaya lakwasalakulandelwa; kungoko babonileyo ukuba ukuwenza khaphukhaphu mabawuzise apho khona ukuze bafunquliswe ukuwusa kwindembelele, Yona yathi, "Yizani kuM nonke nina nibulalekayo, nisindwayo ngumthwalo Ndoninika
ukuphumla."
isikhalo esaba lapho sadlula nesaserama apho urakeli wayesenza isimema nesililo nesijwili esikhulu, elilela abantwana bakhe, engavumi kuthuthuzeleka, ngokuba bengasekho.  Apho kwakucelelwa unolusapho ukuba uthixo makamkhaphe ampheleke kolo hambo lusinga erhawutini, kwanokuba uthixo azijike iingqondo zikavusumzi aphuthume uthando lwakhe lokuqala amhoye umkakhe akumbona.  Kusuku oluphambi kolwesibini - umvulo kwathi sekwenziwe umthandazo wekhaya kwelo khaya lakwaNgqondi kwabuya kwaguqwa ngamadolo kwenziwa umthandazo owodwa wokucela uthixo ukuba ampheleke unolusapho.
Ngolo suku Lwesibini unolusapho wayibamb'itshisa inqwelo yamahili-hili ukusinga kwisixeko segolide.  Waya kutyekezwa nguloliwe ngolwesithathu olulandela olo Lwesibini wayekhwele ngalo kukomani.  Wagxidika kuloo ngxikela yesikhululo saserhawutini aba ngathi umntu usendlwini xa akuso.  Wakhonjiswa intendelezo ema abo babamba uloliwe wombane oya enaledi.  Yena unolusapho wayesiya ezola esezantsi.  Wayalelwa lipolisa lakwaloliwe ukuba maze agxidike kwisikhululo sasekhwezi okanye enaledi apho aphela khona uloliwe, aze ke ngoku aqeshe inqwelo
yamafutha ukumsa kuloo ndlu aya kuyo.
Okwenene uthe akugaleleka uloliwe wombane osinga enaledi unolusapho wangena kumbilini wakhe kwaoko, nako ukuqandula kwezo zikhululo zingenx'engentla wakuphambuka kweso siphambuka sasenew Canada.  Wadlula ekhwezi nasenhlazane waya kumtyekeza unolusapho @wisikhululo sasenaledi apho abamba imoto eyaya kumgabha kuloo ndlu wayesiya kuyo ezola esezantsi.  Umelwane lwambona.  Wathi akuzichaza lwakhamnqa kuba uvusumzi wayesaziwa enenkosikazi engumongikazi ephangela kwisibhedlela sasebaragwana.  Kambe batshona kwabodwa ukuba loo nkosikazi ibuya ngeempela-veki.  Waxelelwa kanarijalo unolusapho ukuba umyeni wakhe ubuya ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe.  Yena unolusapho wayefike ngeyeqanda lokuqala emva

3 1

kwemini.
Okwenene ngecala emva kweyesixhenxe wagaleleka uvusumzi kwammelwane wakhe ukuya ku huthuma isitshixo sendlu.

p
wa	kiibe@ -'unondv@endwe obefiifike

W4i6fel	ukuba sisendiwini
kwasemini. 	Akulubu2a k athiwa luvela emaxhoseni.  Washiywa
luvalo umfana kuba ngobusuku obudlulileyo ube ephuphe ebona inkosikazi yakhe isezinyembezini, ngathi iyammemeza, imbuza ukuba uyilahleleni na.  Wavuka ukuya emsebenzini lingamonwabisanga elo phupha, noko ke njengomntu wasesikolweni walichithachitha esithi asilothongo, liphupha nje kodwa.
Okwenene uvusumzi wathi engekayi kufika endlwini yakhe wakhotywa zizibane.  Umothuko ongako kusalakulandelwa awuzanga ube mncinane.  Eyona nto yamothusa ngakumbi kukuqonda ukuba unolusapho kuninzi akubonileyo apho endlwini akuthelekelela ilixa elo kuthiwe ufike ngalo; abe ke ebengakhanga ayicoce indlu ukususa amaphela nokutshayela inkunkuma.  Kambe iliso elilisela kwakusekukudala limbonisile unolusapho ukuba ukho lo mntu wasetyhini ahlala naye uvusumzi.  Loo nto yadizwa ziilokhwe ezimhlophe azibona zijinga kwityeya yesibini yokugcina impahla yabasetyhini.

Waba yimvuzemvuze bububele uvusumzi kwinkosikazi yakhe.  Neso sidlo sangokuhlwa yayimenzele sona wasitya ngokonwaba okukhulu.  Akuba eyibuze impilo yasekhaya uvusumzi inkosikazi yakhe wambandaza eyichazela imbangeli yokungabhali kwakhe nokungathumeli kwakhe mali.  Waxela ukuba imali ubengafekethi ngayo kuloko uyigcine ebhankini, kwibuilding Society nakwiInsurance.  Watsho embonisa zonke ezo ncwadi ukumqinisekisa ukuba akathethi mampunge.  Kuthe kuba isazela singcwele ukumkrekretha umniniso, uvusumzi wambandaza echazela owakwakhe ukuba mhlawumbi uyibonile impahla yomntu wasetyhini apho kwityeya yokugcina impahla yabasetyhini.  Loo nto mayingamqumbisi kuba ke loo mntu wasetyhini akahlali apho endlwini kuloko ugcinise nje impahla isiqu sona singekho apho.  Wawuthunga owakhe umlomo owakwanozulu eboiia nje ukuba ubethwa ngemfe iphindiwe.  Wathi sekukho into ethi makabuze ukuba kungokuba eso siqu singahlali apho sisithini na mhla sikhoyo wabona ukuba makawuzojele lo mcimbi kuba u-ethe-ethe.  Kambe zikho iimeko apha ekuhlaleni ezifuna ukuba umntu awulawule umsindo nobu-khwele-ezona zinto zimhlutha ingqondo umntu zakuba nobukhosi phezu kwakhe.  Kwalalwa kwavukwa kuxoliswene nguvusumzi nowakwakhe.
Wavuka ngesifingo uvusumzi q@usaela- emsebenzini.  Wayi-phuza kamnandi inkosil@@;i@i yakhe, nayo yalubuvisela ngokunjalo uthando kumyeni wayo.  Wakha wema ii@@m- Z-i kumgubasi

32

-7
F



womnyango wendlu yakhe eyijonge ntsho ebusweni inkosikazi yakhe, kuyengezela neenyembezi emehlweni.  Yakumbuza isizathu inkosikazi, uvusumzi waphendula esithi wenziwa kukuyibuka, kukho into ethi makangaphangeli koko bonwabe.  Yaphendula kalusizi intombi yasemzini imcela umyeni wayo ukuba makaphangele khona ukuze kulale kutyiwe, ayiyi ndawo, wofika ikho ukubuya kwakhe emsebenzini.  Waba ke uyahamba ugcwanini

omkhulu ukuya emsebenzini.
Ukuba kuthiwa kukho into ayifihlayo uthixo yintliziyo.  Akukho mntu uyaziyo into ecingwa ngomnye umntu ngaye ngokumjonga ebusweni.  Udwayi olungunolusapho aluzanga lumlibale uvusumzi enyanisile xa athi eyijonga nje wenziwa kukuyibuka.  Kwathi kanti esithi wenziwa kukuyibuka inkosikazi yakhe, kungavumi nje ukuba ahambe, uyaxoka.  Wayeyijonga kuba esithi ngelakhe uyayigqibelisa.
Wamangaliswa unolusapho kwakubetha intsimbi yesibhozo, eyethoba neyecala emva kweyethoba engafiki uvusumzi.  Kwalile xa zisukela umkhono phambi kweyeshumi unolusapho wabona isithatha segqange lebaso lemoto sisithi tshe efestileni, weva nomgqumo wayo, kwabuya kwathi cwaka.  Uve kunkqonkqozwa emnyango unolusapho, wathi ngobuyatha bokungayazi idolophu, kwanokuba ubesoloko ejonge ukufika komyeni wakhe waluvula ucango engabuzanga ukuba ngubani na I'Owo unkqonkqozayo.  Akuluvula ucango unolusapho kwangena izixhiphothi ezithathu ezabonakala ngezinxibo ukuba aziwushiyi zingawuqabelisanga umcimbi ezithunywe wona.  Zazinxibe iidyasi ezimnyama ezibhenqwe umgobo waza kuma ngeendlebe.  Entloko zazithwele ezi zankwane kuthiwa ziibhalaklava zibugquma bonke ubuso, kubo-

nakale amehlo kuphela.
Zangena ezo zikrelemnqa zee ndinde phambi kolo dwayi lomfazazana zamthi nzo ngamehlo, zimana ukuwasusa kuye ngokujongana.  Emva komzuzu owabe ungemncinane kuthe cwaka isizungu sento kude kwathetha oyena kubonakala ukuba yinjinga nenjengele yalo mcimbi, wathi, "Sisi, uyivrou kavusumzi n6?" . "Ewe, bhuti, ndiyiyo, " uphendule watsho kalusizana unolusapho ngelizwi elingcangcazelayo kuba eziqonda ukuba namhlanje udi-
bene nenyoka iphung'umhluzi.
"Usibona silapha nje, sisi, sithunywe nguvusumzi ukuba size kukucima igama kuba usisiphazamiso kwindlela yakhe.  Ke kaloku ngumsebenzi wethu ukukwenza oko, ngokukodwa xa sinikwe amamboza angaka," yatsho isithi rhuthu ikhipha lemali aliqikelela kumawaka amabini eerandi unolusapho, kanti uchane ucwethe kuba wafumana kunjalo naxa sele ewabala eyedwa, njengoko umfundi aza kuzivela.  "Ke uthini, sisi?" waqokela wabuza njalo lo mfo kwakubonakala ukuba yinjengele yalo mcimbi.

33

"Hayi kaloku, bhuti wam, andimi ngaphambili koko nikuthunyiweyo, ngakumbi kuba senitshilo nokutsho ukuthi ngumsebenzi wenu ukususa ubomi babantu.  Andazi ke nokuba ninokusamkela kusini na isicelo sam endiza kusenza kuni phambi kokuba niwusebenze umsebenzi eniwuthunyiweyo?"
"Sithethe, sisi, ons is haastig," itshilo injoli nenjengele yalo
mcimbi.
"Ndicela nje ukuba nindinike imizuzu nokuba mihlanu khe ndenze umthandazo wokuba uthixo aze awamkelele kuye umphefumlo wam," utshilo unolusapho.
"Kulungile, sisi, maak gou, " iphendule yatsho injengele.
Okwenene wathi akulinikwa elo thuba unolusapho waguqa ngamadolo wathandaza umthandazo azivayo naye ukuba uthetha nothixo ngoku, kunjalonje ngathi umbambe ngesandla.  Kuloo mthandazo ulusizi unolusapho wayaleza abazali bomzi wakhe, emva koko wayaleza uyise nonina abamzalayo ecela uthixo ukuba ze bangazenzakalisi bakuva ukuba akasekho kulo mhlaba umagada ahlabayo.  Emva koko wayaleza amadodakazi akhel waphetha ngokuyaleza uvusumzi ukuba uthixo aze amenze ukuba aguquke kuloo ntlondi yesono asenzileyo nokuba akasekho yena Nolusapho.  Uye ngoku wayaleza ezo zikrelemnqa, waphetha ngokumcela uthixo ukuba awamkelele kuye umphefumlo wakhe olusizi.  Akukhova ukuthandaza unolusapho wazinikela kwiinceba zezo zikrelemnqa esithi, "Ndifezile ke ngoku, boobhuti, ningawuqhuba niwuqabelise umsebenzi enithunywe wona; ngoku ndikulungele ukufa ngaphezu kwalo naliphi na ilixa endakha ndalihlala emhla-

beni."
Kwathi cwaka akuba etshilo lo mfazazana, la maququlurhana aqondela phantsi egobe iminqonqo.  Emzuzwini owabe ungemfutshane kuthe cwaka kwathetha kwainjengele yezo zikrelemnqa yathi, "Sisi, uthixo wakowenu mkhulu.  Asizanga saxoxa nokuxoxa nomtu esithunywe ukuba size kumdlulisa kweli phakade; kodwa wena, isimanga sento usisinde sisangena kule ndlu yenu novusumzi.  Nali ke elam: Thabatha le mali yomyeni wakho uphele emehlweni.  Thina okukokwethu asinawo nasecepheni ukuba singakubuiala.  Ngxama ke, sisi, angakufumani apha uvusumzi.  Akufika yena siza kumxelala ukuba siwuqabelisile umsebenzi abesithume wona."
Ngokwenza kukathixo unolusapho wathatyathwa kwazezo zikrelemnqa ukumsa kwisikhululo saserhawutini.  Wabamba uloliwe ophuma ngeyelinci elinye elinomvo ngokuhlwa njalo.  Loo loliwe waqandula naye ubusuku bonke waya kumtyekeza ebloemfontein kusasa ngeyesibhozo xa kanye uloliwe oya emonti wayesele emi ngxingxilili esikhululweni.  Watsala loo loliwe ebloemfontein

34

el, ki l@ e@ el el

yi ai
k
n
E
el

v n a k y

ngecala emva kweyesibhozo.  Wahamba nonolusapho loo loliwe waya kumtyekeza emabhele apho abimbilizwe nguloliwe oya emthatha waya kumhlanza kwisikhululo sakundabakazi.  Waya kugaleleka emzini wakhe ngeenyawb ukusuka evenkileni enyulula apho wayetyekezwe khona ngudula - dula owayembimbilize edolophini engqamakhwe.  Kothukwa ngabazali bakhe ukumbona efika kwakamsinyane kangako emva kokuba emkile, kunjalonje ebuya ngaphandle konyana wabo uvusumzi.
Bothuka bakhwankqiswa kunene akubabalisela yonke injece yokuya kwakhe erhawutini unolusapho, kwanamabona-ndenzile asinde ngawo sele esemlonyeni wokufa.  Kwaguqwa kwathandazwa kubulelwa uthixo ngemisebenzi yakhe engummangaliso ukusindisa isicakazana sakhe, xa besiphakathi kwenyama nozipho.  Ukuphetha bambulela uthixo ukuba babe basamalama ngala enyama esenganeno kwengcwaba loo molokazana wabo.
Ngorhatya olulandela loo mhla wayefike ngawo unolusapho wacela icebo kubazali bakhe ukuba makahlale, makahambe kusini na emzini wakhe xa nje loo Vusumzi ebekholose ngaye kuloo mzi anokuphuma apho ebengacinganga sele ede wazidina waya kumlanda erhawutini.  Wayesitsho nokutsho ukuthi endaweni yaloo ntlondi aphantse ukumenza yona ngele esuke wambophela impahla wagoduka, njengoko umtshato ingengawo amaphepha kuloko luthando abonayo yena Nolusapho ukuba lwaphela kudala kuvusumzi.  "Kunyanisiwe, Thixo, xa kusithiwa lo mhlaba sikuwo uyajikeleza ukuguqula nokuhambisa imihla ethi kanti imzisela iinzingo neentsizi umntu kulo mhlaba: Ndandingazi ukuba nguVusumzi kanye lo unokundenza into enje." Wayedla ngokutsho

unolusapho xa azithethela eyedwa.
Bamluleka unolusapho abazali bomzi wakhe bambonisa ukuba anyamezele ahlale kuba sele ewabonile amandla kathixo kwizinto ezinkulu esezimhlele.  Ngako oko ke makamcele uthixo ukuba abuyisele uthando lokuqala lomyeni wakhe.  Uya kuyenza loo nto uthixo kuba akukho nto imnqabeleyo.  Okwenene waphulaphula loo mntwana wahlala emzini wakhe ngokuthemba abazali bomyeni wakhe.
Ukungqinisisa ukuba ngokwenene uvusumzi wayekholelwe kwinto yokuba unolusapho sewaba kwelemimoya ungqondi wafikelwa lucingo oluvela kunyana wakhe lubika ukuba akasekho unolusapho.  UNgqondi waluphendula olo cingo eyalela unyana wakhe ukuba akhe athi tsi gxada ekhaya kuze kwenziwa inkonzo yomngcwabo neyokhuzo.  Okwenene wagaleleka uvusumzi kungadlulanga zintsuku zingaphi elufumene olo cingo.  Wafika urheme enxibe ibhatyi eneqhosha elimnyama ukubonakalisa ukuba uzilele umkakhe.

35

Kwakubekwe esweni ukuza kukavusumzi.  Ngaloo mhla wafika ngawo apho ekhaya wabonwa esathi thu; nokuhla kwakhe kolo ngqameko luvela enyulula wayejongiwe.  Wathi esathi thu kwayalelwa unolusapho ukuba azifihle kwindlu yokuphekela.  Uthe kungekudala efikile umduna kwathunyelwa kuyisekazi ukuba akhawuleze afike kuba ukho uvusumzi ukuvela erhawutini.  Okwenene wafika ngokukhawuleza umiya omncinci.
Akuba sel'ehleli phantsi uvusumzi wancina iindaba uyise omncinci, wachaza unyana womkhuluwa wakhe ukuba okwenene wafika unolusapho kuloko wagetyengelwa kuloo ndlu ahlala kuyo yena Vusumzi, abonayo ukuba makube wavula ucango ngobuyatha bokungayazi idolophu unolusapho, wadibana nokugetyengwa xa kulapho ke.  Yena Vusumzi into ayibonileyo ligazi, akasibonanga isidumbu sikanolusapho.  Loo nto uyixele emapoliseni, kodwa ulusizi ukubaxelela ukuba akukavakali mkhondo waloo mzimba ungasekhoyo kanolusapho nowezo zikrelemnqa.  Uva into embi kakhulu ukungaba sagalela,nomhlaba kwinkosikazi yakhe ayithanda kangaka.

"Hayi, Vusumzi, mntwan'am, linye endingalithetha kuwe, ndinoyihlokazi lo nonyoko uMamNgxongo, uthixo usebenza emfihlekweni ukuyibonakalalisa ekuhleni imisebenzi yakhe.  Kwathandazwa ke, mfo wam, xenikweni wayeza kuhamba ukuya kuwe loo mfazazana.  Ndivuya ngokungathethekiyo ukuva ngomlomo wakho ukuba wagetyengwa ebeye kwisifungo sakhe esinguwe.  Ngamana uthixo angakwenza ukuba uliqonde ixabiso lomntwana womntu kuwe.  Yitshoni kwenziwe into ephungwayo, Nontombi, mntwan 'am," utshilo ungqondi eqoba iliso.

UDhumile unontombi ukuva kuronta wokuphekela.  Kuthe -ki.-l-ng-ekd-ddy@ yangena li@f6-ffi-lii-@-a-kWdN62-ulu iphethe iikomityi ngesithebe sasemlungwini.  Umothuko ongako kuvusumzi awuzanga ube nganganto.  Waxhuma ngathi uyagityiselwa, ewathe phuhlu loo mehlo akhe ngathi aza kutaka ekhala esithi, "Yo-o-o-o, Thixo, asingonolusapho lo sisithunzela!"
Amzolisa amaxhego akowabo uvusumzi.  Wagoba umnqonqo wabambelela ebunzi, wenza isingqala, kunzima nokubajonga abantu ngenxa yeentloni nesazela.  Athetha naye amaxhego akowabo uvusumzi emluleka, embon-isa ukuba elo likhaya elinothixo othi awabonakalise amandla akhe kumntu okwisilingo esifana neso ebekuso unolusapho.  Ke kaloku uthixo ubengenakho ukusivumela isilingo ukuba sisamele bekuthandazwe kangakanana phambi kokuba anduluke unolusapho ukusinga erhawutini.
Wazinikela uvusumzi ecela uxolo esithi uziva enesono esikhulu ngakumbi kuba okokuqala akamhoyanga umfazi wakowabo ukanti wayefungile ukuba womgcina akuba ebashiyile uyise nonina weza

36-

ku
e@.
WI

eiii








UL di ki el Bi ir ul u e,
n

k

D
v
a t
kuye, okwesibini uthe sele ezidinile unolusapho eye kumlanda erhawutini wamenzela iyelenqe lokumbulala.  Okokugqibela wabula esithi ubesele ezimisele ukutshata nentombi yasemthatha engumongikazi.  Sele ebona ke ngoku ukuba ubengenakho ukwakha udonga lolonwabo phezu kwesiseko seenyembezi, naphezu kwesidumbu sikanolusapho.  Ukuphetha lo mfana ulusizi wacela uxolo kunina noyise; watsho ebacela ukuba bamcelele uxolo kunolusapho ekubeni ebefuna ukumenza into engencinane umntwana wabantu.  Babonile abazali ukuba unyana wabo uyikrazule intliziyo yakhe ingeyiyo ingubo waguqukela kuthixo.  Kungoko bambizayo unolusapho benza njengoko ebebacelile unyana wabo ukumcelela uxolo.  Kuthe kuba lo mfazazana eyindlela yenqwelo ngokulunga, eyithanda ngokungazenzisiyo indoda yakhe kananjalo, walwamkela olo xolo.
Kwiintsuku ezilandelayo kwaba mnandi ngokugqithiseleyo kwelo khaya lakwamiya.  Nangona uvusumzi wayelucelelwe uxolo ngabazali kwinkosikazi yakhe isazela sadlalisa ngaye sona kuba waba soloko emanyonywana ebambe umzimba, engavumi kude akhululeke.  Akuyiqaphela le nto unolusapho wamqinisekisa ukuba wayengenzi luhanahaniso xa wayesithi umxolele.  Ukuba bangabathandazi bokwenene makube bawutsho ngalo umpakumpaku umthandazo othi, 'Sixolele izono zethu, njengokuba nathi sibaxolela abo basonayo thina,'itsho isithi le ntombi yasemzini yoba yiyo ngoku esithabathela kuyo esaa sono sokufuna ukumbulala wayejonge ukusenza uvusumzi ukuba ayimxoleli.  Ubonile uvusumzi ukuba wazimanya nomfazi olikholwa lenene kule ntombi yakwa-

Nozulu.
Emva kwenyanga yonke elapho kowabo uvusumzi uye waphindela erhawutini.  Wabonakala ngokuyithumela rhoqo iinali kowakwakhe ukuba uzisola kunene ngesihelegu aphantse ukusenza kumntwana wabantu.  Kuthe emva kweenyanga ezisithoba nqu emkile uvusumzi waya kuphalaza amanzi esibhedlela egcuwa unolusapho.  Kuthe kanti iduna lamshiya ento umfazazana.  Qhaphu gqi amaduna amabini akubeleka unolusapho, kanti ngamawel-
Uvuyo olwaba kuloo mzi wakwangqondi lolungathethekiyo.  Emva kokuphuma komolokazana efukwini yaba shushu ingxoxo kwelo khaya ngamagama amakat@iywe wona la madodana mabini avelileyo.  UMamNgxongo wayesithi makabe ngudaluxolo nogcinuxolo.  UNontombi wayesithi makabe ngumsingathi nomhlalisi ukanti yena unobekithemba wayesithi makabe ngunzuzo nomvuzo.  Uthethe mgqibeli ungqondi esithi kaloku xa kuvele amaduna okokuqala apho kwamiya ilungelo lokuwathiya lelakhe nje qwaba.  Baziqondela nabanye ukuba unyanisile xa

37

atshoyo, kakade bebekhawulela iinkawu ziya kusela.

"Nokuba andidanga ndiwatolike ngokwam la magama ndiza kuwanika la madunana noziqondela ngokwenu intsingiselo yawo; ndithi mna makabe nguntandazo nompendulo.  "

"Kwo! ashiya amnandi, yise kavusumzi, la magama; uthini, wena, Nolusapho?" wabuza watsho uMamNgxongo ebhekisa kumolokazana wakhe ethe saa luncumo.

"Nam nditsho, Ma," utshilo unolusapho ephalaza iinyembezi zovuyo.

"Niyaqonda kodwa, Bawo, noma, ukuba kunyanisiwe xa kuthiwa lo mhlaba sikuwo uyajikeleza?" utshilo unolusapho ngenye intsasa ebhekisa kubazali bomzi wakhe.  Bakubuza isizathu sokuba atsho wahambisa wathi, "Nditsho kuba ngolo jikelezo lomhlaba kwintsika yawo ukudala imini nobusuku, kwanokujikeleza kwawo ilanga ngendiela eyi-orbit, othabatha umnyaka wonke ukwenjenjalo, kuguquka amaxesha; ukanti neemeko zethu apha ekuhlaleni zinjalo nazo ukuguquka.  Xa nditshoyo ndithetha ukuthi ndandingazi ukuba xenikweni ndandilala ngeenyembezi ndivuke ngazo, nomphefumlo ukrakra kunene kukungakhathalelwa yindoda endize ngayo kweli khaya, soba namhlanje sonwabe njengokuba sonwabile."
"Ewe, MaKheswa, kunjalo, mntwana wam.  Apha ekuhlaleni kukho amaxesha ovuyo nolonwabo, kanti noko akho amaxesha azisa iinyembezi, ngabula Sidyiyo kwiculo lakhe," uphendule watsho uMamNgxongo engqinela umolokazana wakhe.  Uhambise wathi umngxongokazi, "Kodwa eyona nto imnandi kukuqala ngeenyembezi ugqibele ngokonwaba, endaweni yokuqala ngolonwabo ugqibele ngeenyembezi.  Kuniengokuba buhlungu ukuqala ngebhotolo uze ugqibele ngeenkobe okanye uqale ngokucwanya ezimotweni uqhumisela abantu ngeentuli ezimbhoxol kanti uza kugqibela ngokubetha ngezikatshiwo.  Nawe, Nolusapho, mntwana wam, sikubulela sinoyihlo lo ngokusiphulaphula sakukucebisa ukuba ungalifulatheli eli khaya, akukho nto imnqabeleyo uthixo; woyiguqula intliziyo kavusumzi.  Kube njalo ke nangoku.  Ndiya-
cinga ukuba	uyawangqina amazwi ezibhalo ezingcwele kwindu-
miso yelinci	blineminwana esithoba athi,'Ekunyamezeleni mkhulu

umvuzo."'

Indlela esa ebomini nasempumelelweni ayigudile.







38

EGwili-Gwili

Le yilali ethe tshitshilili ezinyaweni zaloo mqokozo weentaba ezikumahlathi akwahoho, ekukho kuzo ezo ntaba eyona iphakame kakhulu ekugxunyekwe kuyo isibonda sosasazo esinqakulela iindaba zosasazo isinala yasemthwaku, iqonce, icumakala noqoboqob@.  Le lali ikwisithili sakuqoboqobo.
Xenikweni uya kule lali yaseGwili-Gwili usuka kuloo dolophana yakuqoboqobo wanela nje ukuwela umlambo, ixesi likarharhabe, ngaloo bhulorho iphakame kunene, othi wakuyishiya umgama onga ngokugityiselwa kwelitye utyeke ngasekhohlo, uhlalele ngoku loo mqhokro wendlela ukunyusa itshoxa likanqini, igqwashu.  Wakulungelelana naloo mizi yoobawo untshoko ujika amabombo ukhangele ngasempumalanga.  Wanela nje ukugqitha izindlu ezintathu ezazifudula zizezamafama amajamani ugaleleke kwintili eyayifudula inendlu kagasana.  Apho kuloo ntili ubona ngegquba elintama ukuba kwabe kukho mandulo ingxikela yomzi onentabalala yeentlanti.  Wakudlula apho kwagasana uhamba ngendlela othi ngasekunene ubone ungqameko othi wakudlula kulo uthi thu kwilali yasemnandi emelene naloo lali yasegwili-
Gwili sibalisa ngayo apha.
Umnumzana owabe emi kuloo magquba yabe ingumhlekazi uwulana onzala yakhe ibusa kuloo lali yaseGwili-Gwili.  Ukuwela kwabambo nomfundisi uelefungomnyaka we-1834 emva kwemfazwe kahintsa ukumkani wamaxhosa, umhlekazi uwulana wayekwelo qela lawelela engqushwa.  Wamshiya uyisekazi unjokweni ebusa apho engqushwa, yena umntwana omhle uwulana wakwiqela eliya enxukhwebe nasehewu.  Kuvakala ukuba umhlekazi uwulana lo wayesuka enxukhwebe, wabetha emdala ukuze abe

sisima-mhlaba salapho kuqoboqobo.
UMntwana omhle uwulana ngowendlu enkulu kumazizi.  Yena uzalwa ngumkone kaxhabadiya, kamakhaluza, kazithal kandlovu, kadlamini, kadweba, kazizi.  KuDlamini apha kuvele ukunene enkulu yako ukunene oko ingulamyeni ozala uxuza, ozala urhengqwa, ozala umrhawu,. ozala unjokweni.  Yena umntwana omhle unjokweni uzele ufundakubi, ozele uliwani, ozele ujaji, ozele

umongameli, ozele usamson.
. UMntwana omhle uwulana uzele ungcongolo inkulu, nonungu umninawa wakhe ngomfazi omnye.  Ekunene uwulana uzele ufaleni, waza kwixhiba wazala umkhontwana ozele untwanambi noeddie nokhelephu.  UNgcongolo wafuduka ngengqawule, ngomnyaka we-1857 wawela inciba wagxumeka ekhuze, isiphalu-

39

kana selali yasexolobe kwisithili sasetsomo.  EGwili-Gwili ushlye kubusa uyise uwulana, othe akulishiya eli phakade kwaphatha unyana wakhe omncinci unungu, umninawa kangcongolo' UNungu uzele uchitheko waza uchitheko yena wazala umgwebi.
Ngenxa enokuba ingumgwebi obebusa ngelixa lokubhala kwethu eli balana siza kukha senze amabal'engwe ngalo mnumzethu.  UMntwana omhle lo umhlekazi umgwebi ogama lesibuliso libe lingujongilanga uzalwa yintombi yakwamnyungula exolobe.  Wayeyingqungqumbana umgwebi ngesithomo, eyinzwana ngembonakalo, efanelwe yintshebe yakhe.  Wayenamehlo amakhudlwana abukhali, antama ubukhalipha nokukhawuleza kwengqondo.  Wayefudula esisibonda nje kodwa oko urhulumente wayengekawaqinisel-i amagunya obukhosi kubambo.
Phambi kokuba umntwana omhle umgwebi angene kwisihlalo sokulawula apho kuloo lali yaseGwili-Gwili wabe ebanjelwe nguyisemkhulu umkhontwana, kuba uyise uchitheko wayengasekho kweli phakade, emshiya unyana wakhe umntwana omhle umgwebi engekabi bani.  UMntwana omhle umgwebi walukela kumawabo exolobe, wabuya waza kuxhamla ubufana kowabo eGwili-Gwili.  Nangona wayesele efikelele kwibakala lokuba angaphatha wamyeka noko uyisemkhulu umkhontwana ukuba aphathe lide lifike ilixa lokuba azibeke phantsi iintambo kuba wayesele esindana bubudala.

Kambe amaxhosa athi, "Akukho nkwali iphandela enye.  " Ngezizathu ezaziwa nguye yedwa umkhontwana uthe akuzibeka phantsi iintambo zokulawula wafuna ukubugweqela kunyana wakhe omkhulu ongueddie ububonda.  Yaba yimbizokazi enkulu egwiliGwili ngamgqibelo uthile mhlenikwezeni kwakuze kucubungwa olo bangiswano lukamgwebi no-Eddie.  Afunquka onke amazizi asexolobe, kweza noocharlie Vananda, uyisemkhulu kagustavus ezolo.  Amaphakathi anxulumene nobukhosi bamazizi alala obungehliyo ezama ukuwoyisela umzi ekuthini ayizanga yenzeke into yokuba ubukhosi buwele kwiqadi isekho impunde kwindlu enkulu.

Mhla ngogayi yaba nde yaba shushu ingxoxo umkhontwana ezibeka izizathu nezibakala zokuba ubukhosi bulunge kwindlu yakhe.  Ngelishwa loo matingana akhe awela phantsi kuba yamlahla ivoti, baba ke ubukhosi buwela kumzukulwana womkhuluwa wakhe uchitheko, wafa namthanyana umkhontwana.  Waba ke uyangena umgwebi kwisihlalo sokuphatha nokulawula.
Umhlekazi umgwebi lo wabe eyincutshe ekuphatheni amayeza.  Khona ekunyangeni amatyala nokuba ngawezizi, nokuba ngawembambano wayesala zibekwa.  Ngenye imini umgwebi wacelwa ngumfana we.1ali yakwagubevu kwisithili saseqonce.  Loo mfana

40

ebangiswa ilifa nguyisemncinci owayezama ukuligweqela nonyana wakhe omkhulu.  Yamvuyisa loo nto umgwebi kuba wayesithi ukholwa kanye ukuba iingcambu zakowabo zisebenze kwicala elicinezelwayo nelilelenyaniso.  Wayesitsho esithi loo nto imenza ukuba uthixo awathamsanqele amayeza akowabo.
Yaba yimini enkulu edla ezinye loo mini yamatyala akwagubevu kuba uyisekazi waloo mfana wayefune umgwebi, yena wayefune amaxwele amabini yatsho loo nto kwafa ilitye nembokotho kumacala omabini.  Yazibalula apho ingqungqumbana kawulana.  Waqala lo mnumzethu ngokukhwitsha emthini esithi ufuna intetho yoyisekazi womfana ukuba ize ingabambeki ngokukodwa xa kukho impepho okanye umoya izinto eziwenza ukuba umthi ushukume.
Kumhla ophambi kowetyala umfana wavuka walawula iphupha lokuba uthonge ebuliswa ngumntu angamazanga.  Uthe yena mfana xa asa isandla ebulisa wasuka lo mntu wamphosa ngomgubo.
"Mfo wam, kunyembelekile xa kunjalo.  Amawenu akubonisa ukuba uyihlokazi ukufunele amaxhwele aza kukuphosela ngezulu," utshilo umgwebi.
"Linyange kaloku, Dlamini, lingangeni kwaukungena," utshilo umfana engcangcazela ngokomcinga omanzi wengca.
"Hayi ' ukungena oku khona liza kungena; kodwa bafike endodeni kuba ndiza kubafaka impindamtshaye," utshilo umzukulwana kanungu.  Okwenene watshutshuza umfo wasemazizini ngayo yonke loo ntseni yayisandulela ukuya kwabo ematyaleni.
Kwasa kusiyiwa ematyaleni.  Ngenxa yentetho engathanga ngqo yoyisekazi womfana kwabonakala ukuba ityala malimiselwe usuku olulandelayo.  Emalanga ngaloo mini kuvelwa ematyaleni kwathi zibathise iimpinzana zamafu esibhakabhakeni zabetha lamaluluwe ngokukhawuleza, yaye imibane itsho ngento ende entshonalanga phaya, kamva kuvakale ukugoqoza kwenqwelo yakulomoses.  Kuthe kusenjalo kwathi lanya umbane owaba ngathi umi umzuzwana, emva koko kwatsho isithongakazi ekwaba ngathi ushukuma wonke umzi wakokwabo loo mfana.  Kwakujongwa kwindlu enkulu kwafikwa ineentanda, into leyo eyabonakalalisa mhlophe ukuba umbane ube ufuna ukwenza into kuloko wafika kubiywe ngeentonga zomfo kawulana.  Lithe kanti izulu lidlulele kuloo mzi woyisekazi womfana obe eqeshe amaxhwele amabini.  Apho ladibanisa inkomo nexhanti, ladlulela kwindlu enkulu layirhangula nje kodwa phezu komnyango.  Athe amaxhwele oyisekazi waloo mfana esagungqiswa yile nto akhwankqiswa sesinye isishiqi sesihelegu.
Kokwabo mfana umgwebi wayalela ukuba kungeniswe inkunzi yenkomo yalapho ebuhlanti.  Yaba ngamatile-tile nonomji

41

amadoda ezama ukuyithibaza ukuba ide ibe mbuna eyibambe ngeempondo.  Ithe yakuzola izizi laseGwili-Gwili layihlaba iintlanga entla kwamehlo omabini.  Uthe akukhova ukwenza oko umgwebi wayalela ukuba ikhululwe.  Yeka ye!  Ithe ukuba iphume ebuhlanti yalibhenqa itshoba ukusinga kwayisekazi womfana.  Yafika apho yema elungqamekweni lomnyango wendlu enkulu apho ayebuthelene khona amaxhwele.  Yatsho ngomtyangampo womgqumo, kubonakala ukuba ifuna nokungena.  Yinto leyo eyatsho loo maxhwele azizishwayimbana zezimoyoywana equkene ngeentloko entla phaya.  Yathi ukuba ithi gwiqi inkunzi yenkomo ukugoduka aqokelela iitasi zawo loo maxhwele agoduka, esongela esithi asaya kuphuthuma obunye ubuqili bawo, aza kulibonisa elaa xhweiana laseGwili-Gwili ukuba liyinkwenkwana kuwo.  Agqityelwa loo mini, kanti aphele emehlweni asala ezintliziyweni.
Ngaphandle kokuba lixhwele umgwebi wayelizingela lenene elaliwatyhutyha onke loo mahlathi akwahoho.  Wayenezinja azingela ngazo, ingqeqe yokuyirhola inyamakazi emngxunyeni, ibhaku lokulanda umkhondo wenyamakazi namatwina amabini awayewakhulula yakuthi tyishi inyamakazi, enze umbane ukuya kuyo ayibambe ngephanyazo.  Wayenazo udlamini nezinja zokuzingela ingulube.  Zona wayezifundise ukuba ziyitsalele kuye, asithele ngomthi; yothi xa idlula kuloo mthi isukela izinja ezo ayithi nqaku ngomlenze ayigibisele ibhoso emva komkhono kwicala elinentliziyo langasekhohlo ayosele.  Loo nto ke uthi ifuna umntu ofake ilitye entliziyweni.  Kananjalo uthi umgwebi kulula ukuyibamba ingulube xa uyivelele ngemva kuba ayikwazi ukujika oku kwehagu.  Uthi iyingozi yona xa ujongene nayo.
UMgwebi wabe ezeke kwilali yakwamathole kwisithili sasexesi.  Le ntokazi yabe inesithathu sabantwana phambi kokuba umgwebi ayithabathele kwikhaya lakhe eGwili-Gwili.  Abo bantwana babengabeqamesi lamanqe kamgweni, eyifumanisela apho kowayo le ntokazi.  Amagama abo bantwana yabe ingukhwanana inkulu, nonodyizana, intombi nomehlwenkomo.  Oonyana ngoku sibhalayo bangabasebenzi emonti.  Kuthe kuphi wabona umgwebi ukuba makazimanye ngeqhina lomtshato nale nkosikazi.  Okwenene ngomnyaka we-1939 wababambisa usiba umfundisi ujingisa wecawa yamatshetshi emthwaku.  Ngomnyaka we-1940 aba bantu umgwebi nowakwakhe'baya balizwa ngonyana wamathumbu abamthiya igama elinguzulu.
Uphele umnyaka we-1969 impilo yomntwana omhle umgwebi intununtunu; wayefe icala lasekhohlo ukusuka elunyaweni ukuya kutsho engalweni.  Kwakusekunzima nokuthetha efumana abajonge nje kodwa abantu, into leyo eyayibenza ukuba bantywizise, abanye bafune ukukhala baphumelelise kuba umgwebi wayengasiyiyo

42

nankosi ukuthandwa.  Uze kungena ekuphuml.eni kwaphakade
ngomnyaka we-1970.
Umngcwabo wakhe wawungenyanga yomdumba ngolokuqala usuku lweveki.  Babeyinyambalala abantu ababeze kunika imbeko yabo yokugqibela kule ngqungqumbana kawulana.  Umngcwabo wawonganyelwe ngufather Russell wamatshetshi etolikelwa yitoliki yodumo umnumzana H.H. Mdledle, uduma kamtombeni.  Yayikho nentsumpa yamawesile akwadyani kuqoboqobo umfundisi uE.O.W. Mtembu, ephelekwe ngowakwakhe unkosikazi R. Mtembu.  Phakathi kweendwendwe ezibalulekileyo singabalula umphathiswa waseciskei, ohloniphekileyo umhlekazi uj.T. Mabandla, umphathiswa wezekhaya, ohloniphekileyo umnumzana Msutwana, ingotya yamarharhabe, umntwana omhle umxolisi Bazindlovu Sandile, inkosikazi yemidushane, uMa Nofikile kamhlekazi ugushiphela, ephelekwe ngumolokazana wakhe inkosikazi yomntwana omhle uzimlindile Mnyaka Siwani nephakathi elikhulu lemidushane ubawo unkontso nomnumzana uP.X. Nkomo, imantyi encedisayo kuqoboqobo.
Igosa elabe lilawula izitya yabe ingumnumzana usikolwana Gida encediswa ngumnumzana usonjica ongusomashishini.  Isithethi esalanda umnombo wale nkosi ngumnumzana Mbulelo Mzamo, inqununu yesikolo salapho eGwili-Gwili.
Kwintetho yakhe ohloniphekileyo, umhlekazi uj.T. Mabandla wabalula ubukrelekrele bengqondo yomfi mhlenikwezeni wabhadwa ngamarhulumente ezingela.  Uthi wawamisa ngesandla sokunene engathethi; nawo amarhulumente athi xhwenene engathethi kubonakala ukuba othukile, amangalisiwe kananjalo.  Wandula ukulalanisa ngesokhohlo isandla ngokunga uyalela abantu ukuba bacambalale ngezisu.  Uthe akuyifeza leyo indawo wawakhoba ngoku amarhulumente ukuba eze.  Endaweni yokuza asuka acela kooxhongo, kubonakala ukuba ayecinga ukuba uza kuyalela loo madoda wayehamba nawo ukuba atshise ngembumbulu, kanti enyanisweni wayehamba nje yedwa.  Naye umgwebi wababeleka abazizicatyana ukusinga emzini wakhe eqonda ukuba usinde cebetshu ekubanjweni.  Yalaliswa kooyisemkhulu ke

indoda yamadoda.
UMntwana omhle uzulu owabe ezibanjiswe iintambo zobukhosi uyise esadla amazimba, ngenxa yokukhedama kwempilo kamgwebi, uyagungqiswa kwisihlalo sobukhosi.  Izizathu ezibekwayo zokugungqiswa kwakhe naanzi: Okokuqala kuthiwa sisiza-nanina.  Phofu ayiphikiswa yona into yokuba ngumntwana weqamesi lamanqe kamgwebi.  Indawo ekubanjelelwa kuyo yeyokuba akanguye mntwana womtshato.  Ngako oko ke isizwe asinakuphathwa ngumntwana wenkazana.

43

Wajambalaza ke uzulu ezama iincwadi zomtshato wabazali bakhe ukucacisa le ndawo.  Ngathi weza nazo uzulu iincwadi emishini emthwaku eziyingqina ngenene into yokuba abazali bakhe batshata ngokweemfanelo zobukristu ngomnyaka we- 1 9 3 9. Kaloku ilizwi lalisithi makeze neencwadi eziqinisekisa ukuba ungumntwana kamfi umgwebi.  Uthe akuba eyiqabelisile leyo indawo uzulu, neencwadi sezibuyile ukuvela epitoli ezithi asicaci kakuhle isizathu adediselwa sona esihlalweni, kwavela esesibini isizathu esithi: inkosi nayiphi na eza kulawula abantu imelwe kukuzalwa yintombi emi amabele.  Ngako oko isizwe asinakulawulwa ngumntwana wenkazana.  Makube eso sizathu sazathuza kwavokotheka epitoli kuba xa kungoku akakho sihlalweni sobukhosi uzulu.  Ngoku obambileyo ubambele umzukulwana kamhlekazi untwanambi, inkulu kamkhontwana.  Igama laloo mntwana ngundlovu ominyaka ililinci elinemivo emine.
Kwesi sahluko asizami kuthethelela umntwana omhle uzulu kuloko sibeka nje imibuzo ephazamisayo engqondweni kulo mcimbi wobangiswano lobukhosi.  Indawo yokuqala: yinkazana kusini na ebalulekileyo kuzalo lwenkosi nokuba yinkosi leyo aliqamesi lamanqe ayo umntwana lowo uvelileyo usisithombo senkosi.  Ngathi lithi ibali lobukumkani bakwarharhabe, umntwana omhle ungqika wabe engumntwana wecamagukazi nje kodwa awayedibene engceni nalo umhlekazi umlawu.  Unina kangqika wayengenguye mfazi wampothulo nangqakhwe, nakhazi; wayeyinkazana nje kodwa.  Eyona nto yabalulekayo sisithombo asivelisayo loo mfazi kuba sasiseseqamesi lamanqe omhlekazi umlawu.  Kungoko alawulayo ungqika.  Nangoku unkosikazi unolizwe ubambele umntwana omhle umaxhobayakhawuleza ongumnombo womntwana omhle ungqika.
Indawo yesibini: ukuba ubani ukhula kusithiwa ungunyana kazibaningashe, kunjalonje engenguye mgqakhwe namfakelwa, ze uzibaningashe lowo abhubhe, ingaba ilizwe alinakuyingqina kusini na into yokuba unyana wakhe ngunyana wakhe, kuloko makeze nobungqina obuphathekayo bokuba ungunyana kazibaningashe.  Indawo yesithathu: xenikweni umgwebi wayethabatha le ntombi yakwamathole ukuba ize kuba ngurnfazi wakowabo wayesisibonda kusini na nokuba wayeyinkosi?  Masithi ke nokuba wayesisibonda okanye inkosi xa wayesel@ eyithabatha le nkosikazi ukuba ize kuba ngumfazi wakowabo kwaza kwakhutshwa impothulo ukuza koduli, nengqakhwe yokutyiswa amasi, njengomfazi welo khaya ngokwesiko lesixhosa sasemaxhoseni akanguye mfazi welo khaya kusini na onebango kulo yena nenzala yakhe xa angasekhoyo usokhaya?
Indawo yokugqibela: xa umhlekazi umgwebi wayebekwa eqini-

44

selwa njengenkosi yamazizi ingaba isizwe sayinyamekela kusini na inyewe yokuba azekelwe umfazi oza kuzala inkosi?  Siva ukuba zonke izizwe ezibaziyo nezibuqhelileyo ubukhosi ziba nomfazi othile, kwintlaninge yabafazi bayo, otyunjelwa ukuba aze azalele isizwe inkosi.  Ukuba kuthe ngelishwa inkosi ibhubhe ingafumananga mntwana kuloo nkosikazi kube kucelwa umninawa wayo okanye umnt'akwayo nokuba ngowasekunene ukuba amngene loo mfazi ngokwesiko lesixhosa ukudalela isizwe inkosi.  Kwaba njalo kwarharhabe.  Akubhubha umhlekazi umlawu, ingazalanga nkosi inkosikazi eyayityunjelwe ukuzalela isizwe inkosi, kwanyanzelwa undlambe umninawa wakhe ukuba angene umfazi lowo wayemelwe kukuzalela isizwe inkosi.  Naxa undlambe wayemangala wamnyanzela umthetho ukuba akwenze oko.  Kukuze kuvele uthuba owabhubha xa aminyaka ilishumi.  Wamangala kwakhona undlambe kwakuthiwa ubukhosi mabuqiniselwe kwindlu yakhe kuba umlawu ebhubha ingenamntwana inkosikazi yakhe.  Wathi makukhe kuthiwe saa emzini apho kukhangelwe ukuba umkhuluwa wakhe ubengenazinto zakhe kusini na.  Okwenene kwakuthiwa saa kweziwa namaduna amabini, untimbo nongqika.  Iqashiso lobukhosi lawela kungqika kuba nguye owanxitywa ubuhlalu entanyeni ngumhlekazi ukhawuta, lo gama yena untimbo wafunjathiswa ingcola, oko kuthetha ukuba makabethele inkosi ungqika izinja.  Kambe ke sesitshilo ukuba unkosikazi unolizwe nguye ngoku obambele umntwana omhle umaxhobayakhawuleza ongumnombo womhlekazi ungqika.
Ngathi ke amazizi aseGwili-Gwili ngewayezekele kwezo zibakala zabantakwabo amatshawe akwarharhabe xa ayezathuza ngobukhosi.  Mhlawumbi ukuba kwakunjalo ubukhosi ngebungazanga buwele kwiqadi bekho oonyana bendlu enkulu uzulu okanye abakhuluwa bakhe ukhwanana nomehlwenkomo.








45

Injika-mpethu

Isikolo selali yasezolo kwavananda nangona simi kumpengempenge kwantizitshile siyaphuphuma ngabantwana.  Imbangi yoko kukuba sabekwa kumda weelali zakwavananda, umaduma nomgidi.  Kananjalo sondliwa ngabantwana abasuka kwilali yaseEast Bank kwisithili sasetsomo, nemingqandandana esuka kwilali yasexhume nasenyulula kwadingiswayo.  Enye into esibalasele ngayo esi sikolo yimfundo, yingoma nengqeqesho eqatha nengqongqo ngokukodwa ngelixa lenqununu eyabe idume kunene neyasisekayo esi sikolo - umnumzana uwilson Sidzaka Mafanya.
Ngelixa likamnumzana uwilson Mafanya owabe eyinqununu yokuqala oko sathi sasekwa esi sikolo kwakusuka nophi umntwana aze kuhlaliswa ezolo aphume evuthulukile engqondweni nakwisimilo sokuziphatha phantsi kwesandla sikangquphuse, njengoko babesakutsho abantwana ukumbiza lo mnumzana.  Kambe ke noko babengalithi pahaha ukulibiza elo gama.  Elo gama lalizekelwa kwimvubu esisinqindi awayebohlwaya ngayo umafanya aboyiswa zizifundo eklasini nabafika isikolo sesingene.  Ngaphandle kwemfundiso nengqeqesho eqatha umfo kamafanya wayeyincutshe nembangazane emculweni efumana ikhaka minyaka le.  Isimanga apho sikhona wayengakwazi mpela yena ukucula, kodwa indlebe yakhe yayiganga nencinane intwana yomculo otenxileyo, ayalele umbhexeshi ukuba amohlwaye loo mntwana uyilozayo.  Nanamhlanje ungathi uyile ezolo esikolweni ubone usoze wekhaka athiwa jize ngalo umnumzana uwilson Mafanya xenikweni wayeyinqununu apho ezolo esikolweni.
UMnumzana uwilson Mafanya ufumene umhlala-phantsi ngomnyaka we- 1 9 3 5, kwaza kwizihlangu zakhe kwangena umninawa

wakhe uwilliam Peter Mafanya. kayisekazi udywili ngowe-1936.  Naye lo mnumzana walugcina udumo lweso sikolo somkhuluwa wakhe, nangona engazanga afikelele ncam kudumo lomkhuluwa wakhe.  Kaloku inkwenkwezi iyahluka kwenye inkwenkwezi ngobuqaqawuli.
Akuzibeka phantsi umnumzana upeter Mafanya iintambo zobunqununu ngomnyaka we-1951 ngekatshaziimpuzi kungene owabe engumncedisi wakhe ukususela kumnyaka we-1944 umnumzana uBarr6tt Simakuhle Peter welali yasemhlahlane etsomo.  Kambe ke naye usimakuhle lo wayesele efana nomntwana walapho ezolo ngokuzalwa, njengoko wayezeke unontle, intombi kamzinzela apho kuloo lali yasezolo.
Ngaphandle nje kokuba esi sikolo sikwindawo eyodwa eyinkqa46
ntosi sibhijelwe ngumlambo izolo ngenx'engaphambili, ngemva
nangasempumalanga.  Kulo mlambo, izolo kuthe shishinyi imithi
yemidubu nemingcunube.
Njengakwizikolo zonke kukho iimini zokuba amakhwenkwe atshente acoce isikolo sibeth'umoya lo gama wona amantombazana asindayo.  Kanti ke ngezinye iimini zeveki amakhwenkwe ayesebenza kumyezo wesikolo owabe ukufuphi nomlambo.  Ayewuphethula ngemihlakulo umhlaba awuqwakanise awundindanise
i	ngeereki.  Emva koko ayetyala iintlobo-ntlobo zemifuno, eyama-
	gqabi, eyomdumba neyeengcambu.  Kwakusetyenzwa ke kweso sikolo kungafekethwa kuba umnumzana upeter wayewubamba ngokwakhe umhlakulo ufike ebile elichebetyu nangona zazikho iititshala ezingabancedisi bakhe, ootitshala ujongilizwe Mafanya ozalwa apho ezolo nomawonga Ndiki welali yasengcisininde.
Oku kukhuthala kwenqununu kwabangela ukuba iititshala ezincedisayo nazo zingalali mqokozweni, ziqinise imiqolo zisebenze nkqi.  Namakhwenkwe zaziwaqhuba aziqondele nawo ukuba esikolweni akuqeqeshwa ngqondo nje kuphela koko kuqeqeshwa
	umzimba nomphefumlo, kwanokuba umntu ofundileyo angayicekisi ayicekece imisebenzi yezandla.
e.	Ngolunye ulwesithathu lweveki ngelixa lokuphuma kwesikolo sokuqala ngeyentlazane kwavakala kuncokola amakhwenkwe aliqela engqengqe ngemihlana kolo qaqa luvelele idiphu.
"Kanene siyawaza kubila izithukuthuku ilolwesithathu nje
	namhlanje," wayisungula njalo udumile Vananda incoko.
	"Akukho kunceda kaloku kuba wasitya isonka sejoyini," utshilo usikhutshu welali yakwatshetshengwane.
	"Akukho mjita ungavela necebo lokuwuphepha lo msebenzi kathuse ngathi ngowamabanjwa asentolongweni?  Uyasisebenzisa
0-	ke uthuse ukuba uphelele apha; baye nootitshala aba abanalusini,
	bayalufaka ukhuni enyameni kwinkwenkwe elele emqokozweni,"
6.	utshilo ualan.
"Ndicinga ukuba, mna majita, masingaba sabuyela emigceni
	yakubetha intsimbi yesikolo samva.  Masinyuse umlambo siye
zi	kuziphozisa imizimba ngokudada kwesaa siziba siphantsi kwalaa ntsimi yeenqununu," utshilo umadoda Ganjana wesiphalukana
u-	sakwamiya phezulu ejojwelai.
	"Akukho kungalamkeli eli cebo; kodwa sakuba yini ukuba sibhaqiwe eya kusibethela ukusibulala nje uthuse?"
	"Akukho ukuba singabhaqwa kuba maninzi amakhwenkwe
lo	kwesi sikolo.  Futhi ke akubizwa register ukungena kwesikolo
la	samva," utshilo uthotho Vananda.
Kuthe ngenxa yokuba kufunwa ukuba kusetyenzwe ngomdla emyezweni wahlulwa umyezo waziziqendwana ezilinci elinemivo

4 7

emibini kwiqela ngalinye.  Le nto yabangela ukuba kubizwe uluhlu lwamagama abasebenzi kwiqela ngalinye.  Kwakhona le nkqubo intsha yabangela ukuba kubekho umdla kukhuphiswano.  Yayilelo iqela lizama ukuba ezalo iziqendwana zibe zizona zizigqwesa zonke ezinye iziqendwana zamanye amaqela.  Nangona kunjalo kuthe ngenxa enokuba isiqhelo siyayoyisa ingqondo abahlobo bethu bathi rhoqo bamana ukuzimela.
Kuthe ngemini eyayikho ngenkqu inqununu emyezweni yachazelwa ngalo mkhuba nalo mkhwa wenziwa ngala makhwenkwe ukunxwema ukusebenza. lbonakele ngokujongola inqununu ukuba kunyembelekile. lyalele utitshala umawonga Ndiki ukuba asale ewakhangela amakhwenkwe lawo apho emyezweni lo gama yona notitshala ujongilizwe besaya kufuna la matshivela.  Nako ke benyusa umlambol bebetha ngasebhulorhweni behamba bephulaphula.  Kuthe xa bangakuloo ntsimi yakwafono bayiva ingxolo, bayiva nentsini, nokubethwa kweqam.  Kuthe kanti izinto ezinkulu zisadada.  Zahamba ngamazondolwana iititshala zada zaya kugaxeleka kuloo ndawo yayibekwe kuyo impahla yoorheme.
"Ndiza kuwafumana ke la matshivela; kunjalonje ndiza kuwaphoxela ukuba angaze aphinde awenze lo mkhuba mbi kangakanana.  Ndifuna ukufundisa isifundo nakwamanye amakhwenkwe ukwenzela ukuba nebisele ifuna ukuwuqalisa lo mkhuba ingaba saqala," utshilo uthuse eluma umlomo kukucaphuka, sel'etshixi-
zisa namazinyo yingqumbo.
"Uza kuwathini, Thuse?" kubuza utitshala ujongilizwe, yena sele enga angawakhupha ngeziniya loo maququlurhana kweso
siziba ayedada kuso.
"Hayi, andizi kuwohlwaya ngaluswazi.  Qokelela impahla leyo yawo, wena Tshezi, uhambe nayo uye esikolweni."
Wayithibaza ujongilizwe inqununu yakhe kwezo mbono zokuntswayizisa ze amakhwenkwe wonke loo gama wokusuka apho emlanjeni ukuya esikolweni.  Wathi noko uya kuma nempahla yawo kwindawo enga ngokugityiselwa kwelitye ukusuka apho emithini.  Noko ke uthuse wathibazeka, weva akucengwa yinto-

ng'esekhosi yakhe.
UThuse wonda ngamakhwenkwe esadada njalo.  Eva wona sele esithi, "Senidada apha, nihleka nokuhleka nje, makwedini, umsebenzi wesikolo niwushiye nabani?" Umothuko ongako kuloo maphakathi awuzanga ube nganganto.  Loo mothuko wadibana nokunyela nokudana.  Aphuma apho loo makhwenkwe enyoshoza enyongoba.  Athi @kuphanga kwisikhundla ebesinempahla yawo afika kulambatha.  Liqalile kaloku lawaya.  Akhamnqa akuwaxelela uthuse ukuba impahla yawo imke notitshala ujongilizwe, oyifumana esikolweni.

48

lit ng
ki
er
BE
ki, A;;
w

lc z@ Z( n: is ai al a]

ei ii b n n n b

"Awu, Thuse! uthetha ukuba akukho ndlela yimbi ubunokusohlwaya ngayo endaweni yokusihambisa ze?" kubuza udumile, limyile.
"Akunakuyibuza kum loo nto.  Futhi nichitha ixesha lam ngokube nixoxa nam.  Ndithi hambani niye esikolweni."
Ahamba loo makhwenkwe liwayile.  Athi ukuba aphume phakathi kwemithi ambona utitshala ujongilizwe nempahla yawo.  Aya engasanyatheli kuye, ayinxiba buphuthuphuthu akuyinikwa.  Bawaqhuba ke uthuse nogxa wakhe loo makhwenkwe baya kuwafaka kwindlwana eluxandana apho bafika bawohlwaya qatha.  Akufika utitshala undiki ukuvela emyezweni namakhwenkwe wachazelwa yonke injece, wa neliseka.
Yathi yakubetha intsimbi yokuphuma kwesikolo anga anotshobo loo makhwenkwe ukugoduka.  Athi kanti aboniwe ziinzwakazi zasesikolweni okuya aphantse ukuqhutyelwa esikolweni ehamba ze. Yinto leyo engazanga iwaqumbise kancinane.  Enza imbizo ngomgqibelo waloo veki agqiba kwelokuba alivevule asifulathele isikolo sikathuse xa kanti uwahlazise kangaka kwiintombi ancuma nazo nazinyekileyo.  NgoLwesibini lweveki elandelayo abamba utebha etsomo loo makhwenkwe.  Akufika ekomani akhwela kumbombela owaya kuwalahla kwamzilikazi erhawutini.
Sathi sakuvakala isizeka-bani sokumka kwaloo makhwenkwe esikolweni nasezolo abazali bawo babamba imbizo ukufakana imilomo ukuba bazithini na iititshala ngokugxotha abantwana babo ngendlela ekhohlakele kangako.  Abanye bathi lo mcimbi mawusiwe kwasibonda, zimangalelwe iititshala, abanye bathi makuyiwe kumhloli omkhulu wezikolo egcuwa.  Babuya banqandana kwabodwa besithi ititshala nayiphi na inalo ilungelo lokubohlwaya abantwana ngolo hlobo icinge ukubohlwaya ngalo.
"Hayi mos ubesele ebahluthe impahla yabo nje ubesabacambalaliselani?" kubuza omnye umzali ebebezela ngumsindo.
"Ngokomthetho wesebe lemfundo ititshala inokumohlwaya umntwana nangaluphina uhlobo ecinge ukumohlwaya ngalo, oko nje ingelulo olwasemzimbeni.  Kanti ke nalapho umthetho uyayivumela ukuba isono siqatha, kodwa ke ugqirha angabi nabo ubungqina bokuba imenzakalisile loo mntwana, lityala lodwa elo elingade liphathelele ekuyiseni entolongweni loo titshala.  Uyabona ke kulo mcimbi siwucubunga apha akukho mntwana wohlwaywe kangangokude asiwe kwagqirha.  Kungoko ndisithi asinawo nje kwaphela umhlaba wokuzimangalela ezi titshala," utshilo omnye umzali.  Baba bafa namthanyana abazali ekumangaleleni uthuse noogxa bakhe.

UThuse naye waba buhlungu kukumkelwa liqela elingako lamakhwenkwe ngokukodwa akucinga ngeengqatso nomculo.

49

Kambe ke wayesele egxwala nje emswaneni kuba loo makhwenkwe ayesele ethetha erhawutini.

Ititshala nganye enenkqubela kolo luntu isebenza nalo iyayazi into yokuba ngaphandle kweesenti ezingamanci amathathu A zommiselo ezirholwa ngumntwana ngamnye ukuxhasa ingxowa yesikolo kubakho ezinye iindlela ethi ngazo iyile ingxowa yesikolo.  Ezo ndlela ke zokuyila ingxowa yesikolo ziikonsathi, iibhazari neminye imigcobo etsala ingqondo yoluntu.
LJThuse ke naye ubengalambathi kwicala lokuyila 1;ngxowa yesikolo sakhe.  Ubeyilanda ikonsathi nokuba kuphi ephahlwe ziititshala asebenza nazo.  Ngoko kwenza wayezama ukugaya iititshala ukuba zibuyise izitya nakuye mhlenikwezeni athe wanekonsathi.  Ngenxa enokuba isikolo sasezolo sikufuphi kakhulu kwizikolo ezikwisithili sasetsomo kunezasengqamakhwe uthuse wenza ubudlelane nezikolo zasetsomo nakucofimvaba ezinje ngoomamkhwinti, exhume, egqogqorha, eMaHlubini, emhlahlane nakunobhokhwe.

Kwinyanga yokwindla yomnyaka olandela eso siganeko sokohlwaywa kwamakhwenkwe nguthuse, uthuse akazanga ayishumayele kancinane into yokuba uza kuba nekonsathi ukuvalwa kwezikolo ngeyomnga.  Wada uthuse wazidina waya kwankosana uvananda ukuya kushumayela ukuba mayinikwe kangako amahlangabezo enkxaso loo konsathi.  Nasecaweni ediphende erhabe amagosa ayishumayela kangako loo konsathi.  Okwenene baba yinkungu nelanga abantu abaqukuqelayo besiya kuloo konsathi.  Neetitshala awayekade ezihambela uthuse zaphuma ngendlu yazo ukuya kumxhasa uthuse ukubonisa ukuba isandla sihlamb'esinye.
Ngelishwa okanye ngethamsanqa elo lixa lekonsathi yesikolo sikathuse ladibana nelixa lokubuya kwamakhwenkwe emsebenzini.  Kanye ngolo suku lwekonsathi abahlobo bethu babenentselo-

tywala besifiko kwenye yemizi elikhaya loogxa babo.  Zathi zakunyukela entloko iint sipho zikamabilebanda aqala loo maququlurhana ukulophoza izinto anokuzenza kuba ayeziva ukuba anobungonyama, ngoko ke akaboni nawuphi na umntu engamazi nokuba usisiciko sayiphi na imbiza.  Kaloku lakha lathi elinye iciko lishumayela kwinkonzo yamatempile emthatha utywala buphehlelelwe ngegazi lezilo ezine ezizezi: esokuqala isilo yipikoko yona ithi xenikweni inyuka iyork Road ngokuziqenya nokuzigasa imise amashishini nabahamba ngendlela kumiwe kubukelwe yona.  Esesibini isilo yinkawu yona ithi ukuba ifumbethe ukhozo kuloo mgibe ibanjiswe kuwo ixolele ukufa nalo nokuba sekusiza ingozi engakanani na.  Esesithathu buphehlelelwe ngegazi lengonyama yona ithi ngenxa yamandla ayo ifune ukuqwenga nantoni na edibana nayo kumgaqo ehamba ngawo.  Esokugqibela nesesine:

50

utywala buphehlelelwe ngegazi lehagu yona ithi nokuba umniniyo sele ezama ukuyicoca kanti yosuka iye kuzityikila eludakeni.  Kambe noko loo makhwenkwe ayengekafikeleli kuloo mgangatho wokuyantaza.  Ayesekulo wengonyama kuba ngenxa yenyula yasenkomponi notywala obo babubila entloko ayeziva enamandla engonyama.
Kungoko udumile Vananda, umninawa kagustavus, wavakala esithi, "Majita, niyaqonda kodwa namhlanje ukuba yikonsathi kathuse, kanye Iowa wabangela ukuba sibe sahlukane nesikolo xa kungoku?"
"Tyhini! mfo kabawo, washiya wandikhumbuza ulutho ebesendilulibele; nam ndinjengawe ukuba yimfene ngenqala," utshilo uthotho esima ngeenyawo.
"Ke nigqiba kwelokuba makuthiweni, zinto zakuthi?" kubuza usikhutshu.
"Mna, majita, ndigqiba kwelokuba masiye kuchitha laa konsathi ngobu busuku, ngenjongo yokuhlungisa uthuse, njengoko naye wasihlungisayo; kaloku kuhla ngamqala mnye," utshilo udumile eluma umlomo kucaca ukuba utsha ziintambo.
"Majita, zesilumkele injika-mpethu, oko kukuthi siphembe umlilo ze isikhuni sibuye nathi thina bebekhwezela umlilo," utshilo unonjonjo.
"Liphume, Gcwanini, andikuva, mfondini," utshilo udumile.
"Ndithetha ukuthi zesilumkele ukuya kubhoxa ikonsathi kathuse ize loo nto ijike iphethukele kuthi, zisibethe sithi nca ezaa titshala," uliphuhlise waliweza wenjenjalo unonjonjo.
"Suk'apha, Nonjonjo, mfondini, ubhibhidla nje amazinyo; azazi nento le ezaa titshala ngomnquma.  Kaloku zaya ezisinaleni zingekangeneli nakwiidyongo zeedyongo zamakhwenkwe amakhulu.  Zimbi kuzo zazingekakwazi kwaukubetha ugqonci.  Masiye nje kulaa konsathi ngemizimba engenaxhala; azizi kusenza nento le," ukhuthaze watsho udumile.
"Nam ndithi masikhuphe iintliziyo zeentaka, siginy'amatye, sibinde siye," utshilo usikhutshu.
Kwemkiwa kuvunyelwene ukuba mayibe yileyo inkwenkwe iphuthume umnquma ova yona zekuye kudityanwa kulonqalmana kwisiphalukana sasefreyistathi.  Kambe ke unqalmana nangona engazanga abe nokuhanjisia@a ze, ohlwaywe nokohlwaywa nguThuse wangqushelwa singqusheni sinye ngaloo makhwenkwe xenikweni ayecubunga ukuchitha ikonsathi kathuse.
Okwenene lwakufika ucolothi zenjenjeya izinto ezinkulu ukusinga esikolweni zakuthelekelela ukuba seyiyondelelene ikonsathi.  Zazihamba zivuma igwijo, ziqwakanisa iindukul zintuhla iifleyiti, zikhalisa iimpempe nezabhabha, zimbi zitsho ngesindyondyondyo

5 1

somgqumo wokutshongela.  Zafika izinto ezinkulu zonda ngoxandana oluya zazohlwayelwe kulo.  Kolo xandana kwakubekwe iqela labantwana abancinane bomculo njengoko loo ndlu yecawa yasezolo yayizele puqa ngamaqela omculo awayemenywe nguThuse.

Zakungena kuloo ndiwana inabantwana, izinto ezinkulu zakhangela ezi ntwanazana ziqala ukuntshula iziwalamthuthu zakha zazicofa-cofa, ngoko kwenza zazirhol'ibhayi kuthuse neetitshala zakhe.  Yeka ke! zathi ntshwe ukukhala ezo ntwanazana.  Bathi ukuphuma kwabo ootitshala bakathuse oojongilizwe noomawonga banga baleqwa ngusathana.  Bagaleleke kuloo ndlu xa aqalayo ukuthi phoko loo makhwenkwe etshongela, eguya.
"Ningoobani?" wabuza utitshala ujongilizwe ngelizwi eliqolileyo, nangona kwakucaca ukuba linomothuko nokukhamnqa ngaphakathi.

"SingooDumile," uphendule watsho udumile.
"UDumile waphi?" wabuza utitshala ujongilizwe enkamamungekile.  Kambe wayengekeva nokuba la makhwenkwe sel'ebuyile erhawutini kusini na.

"Hi awu! sibali, uthetha ukuthi akundazi namhlanje wakugqiba ukuthabatha udade wethu unomaledil lo ukuphekelayo, ukuhlambel ayo?" utshilo udumile emngomba ngomnquma engadlali ndize.

"Uyalwa na, sibali? ubuze watsho ujongilizwe ehlehla ngomva.  Kambe notitshala umawonga wayekobo bugxwayiba bokufakwa ukhuni enyameni ngala makhwenkwe.

"Uyabuza nokuba uyaxela?" utshilo udumile emngomba qho ngogqonci.  Zahlehla ngomva ezo ndwayi zeetitshala zada zaya kuthi dyulukudu ukungena kwindlu enekonsathi.  Yinto leyo eyenza ukuba wonke ubani olapho kuloo ndlu eme ngeenyawo ngumothuko owawungemncinane.  Bambi babefuna ukuthi phundlu ngeefestile bacele kooxhongo.

"Kutheni, manene, nangena ngosomvana ngokwamagqwirha eza ngomva ekhaya?" kubuza uthuse inqununu sele ewathe nzo kubo loo mehlo akhe abukhali.

"Nanga amakhwenkwe angaphandle esibetha, Nogadula!  " kutsho utitshala ujongilizwe ephefumlela phezulu kukuthi minxi liphika








?;,

"Ngamakhwenkwe aphi, Tshezi, la aqaqadeke kangakanana. kubuza uthuse ejongole ebusweni.

"Ngawalapha ezolo kwavananda, Nonxa-andikhathali," kuphendula kwautitshala ujongilizwe.

"Uxolo, manenekazi, namanene, ndicela ukuba onke amanene akhe aphume nam siye kwenye yezi zindlu zingemva kwale inekonsathi, utshilo uthuse.  Okwenene zarhorhozela emva

52

kothuse noogxa bakhe zoshumi ezo titshala zaya kungena komnye wooronta balapho esikolweni ezolo.
"Yintoni, Thuse, mfondini?" kubuza utitshala unhonho Funani, inqununu yasetsomo emishini.
"Nanga amakhwenkwe angaphandle eze kubhoxa le konsathi; ndibhenela kuni ke, manene, ukuba siwabonele icebo," utshilo uthuse ejongole ebusweni.
"Kunjalonje, Thuse, nani manene, bekufuneka ilicebo eliya kutsho ayaleke la maququlurhana, aze abalisele namanye abengekho ukuba angaze aphazamele ukuza kubhoxa ikonsathi," utshilo ujean wasetsomo emlii kanye ebusweni kukucunuka, sel'etshixizisa namazinyo. yingqumbo ekucaca ukuba leyo idibene naye iya kumazi into abhinqe ngayo, yabe ke indoda le iyingxilimbela yengximbasholo esukileyo kanobom egadeni.  "Nali ke elam lamanqam entombi yevenda, masiboleke iinduku kunye neetshefu kula makhwenkwe esikolo sele enoondonci.  Ezinye masizithwale entlokol ezinye sidophole ngazo ukugquka umkhondo kula maququlurhana aze kubhoxa le konsathi.  Ngaloo ndlela ke, manene, asiyi kucaca nokuba singamadoda okanye singamakhwenkwe kusini na.  Ndicebisa le nto ke, manene: indoda enentliziyo kanina mayicace kwangoku.  Asiyi kohlwaya bantwana; ngamakhwenkwe lawa anesheshe nemingxeba yinyula yaserhawutini.  Ngako oko ke ze siqinise izingalo kuba siya kulwa namanye amadoda!  " utshilo ujean.  Wayesele esitsha ziintambo.
Okwenene ezo titshala zalamkela elo cebo liphilileyo likatitshala ujean.  Zakuba ziqokelelwe zonke izixhobo zedabi nezokugquka umkhondo zadophola iititshala ngeetshefu, ezinye zazithwala entloko.  Zaziphethe eyomileyo iminquma.  Zaphuma ngesango elikhulu elingasentshonalanga, zagwejela emazantsi esikolo zasinga ngasediphini.  Zazihamba zisenza elo gwiji liqotyolweyo, ziqwakanisa neenduku kanye ngokwamakhwenkwe angaphandle.  Zimbi kwezo titshala zaziyithabatha njengendlalo le nto zisisitheka yintsini.
Abanini kubhoxa ikonsathi babethe gwaqa kwelo thafa liphakathi kwesikolo nolo ngqameko lumkrobisa ediphini umntu.  La makhwenkwe akazanga nokuba elo gwijo lelamakhwenkwe eza ngobuhlobo okanye ngobutshaba kusini na.  Kungoko azilungiselelayo.  Kwihlelo lasekhohlo aiaka usikhutshu namahlakani akhe unonjonjo nomadoda Ganjana.  Kwelasekunene afaka udumile nothotho nonqalmana.  Phakathi yaba ngumndilili nje kodwa.
Yeka ke! kuthe ukudibana kwalo'o maqela mabini kwanga kukudibana kweenkozi esibhakabhakeni.  Kwakufanelekile ukuba kube njalo: amakhwenkwe ayeziswe sisixhiba, kunjalonje ondlekile yinyula yasenkomponi; iititshala zazize kohlwaya.  Kwathi gwaqa-

53

gwaqa, kwathi nqu-nqu-nqu, kwathi ngombo-ngombo umvinqi usenza intshinti-ntshinti.  LJDumile kwelakhe ihlelo wayejongene nomfo kajean, usikhutshu kwelakhe ihlelo ejongene negwangqa elimhlophe bubomvu likagcingca, umlibazisi, ititshala yaseMkhwinti.  Zalila isizungu sento kungena ukhuni enyameni, kuvakala nokuphefumlela phezulu kwamadoda namakhwenkwe.  Ujean ikhe yafuna ukumxinanisa inkwenkwe kavananda, umnquma iwuyeka macala omabini eembambo.  Ukhe wee rhoxe ngomva ujean wathi ukubuya kwakhe wenza isiphango, egalela ngamandla waqonda nodumile ukuba kunyembelekile xa kunje.  Kaloku wayeba ngayihlanganisela induku kajean iphethelo lize kudibanisa entloko.
"Ndifikile ngoku, Dumile, mfo wam; kunjalonje uza kundazi into endibhinqe ngayo!" utshilo utitshala ujean engadlali ndize nale nkwenkwe esenza intshinti-ntshinti ngomvinqi oqhogo.
"Tyhini, Thixo, ngootitshala kanti aba!" kukhuza udumile emamanisekile.
"Ube ucinga ukuba ngoonyoko, wena, xhong'onyoko!" utshilo utitshala ujean eyikhemza ngomnquma le nkwenkwe imbilise kangakanana.  Zithe zakunga ziyanyanisa izithonga zomfo kajean kudumile kwathi tyokololo maphethelo nenduku yokugalela.  Yinto leyo eyambangela ukuba avulele umfana kavananda, yek'oko ukusimbela isinqe ukuhla kolo qaqa luvelela idiphu.  Uthe kanti nosikhutshu limtsho wadikwa yeyokosa igwangqa likagcingca, ngokunjalo noothotho noonqalmana zabafika banela izithonga zoothuse noojongilizwe noomawonga.  Kwathi ukuhla kwawo loo makhwenkwe kolo qaqa kwanga kunyikima umhlaba.
Uthe udumile ngokuxinwa kwakhe ngujean kanti uliphosile izibuko.  Wazela kweso siziba kumpontshwa kuso amanzi ediphu.  Wabetha iqam wadada waya kuphumela ngaphesheya.  Wema apho urheme evuzisa emanzi elelo xikosha.
UMadoda kafakintloko Ganjana uthe kanti zimxine izithonga wasabela kwicala lakwamaduma.  Wabuya ehamba ngamazondolwana, econdobeza.  Walama mganyana isiqhu angasazanga nokuba seseqela lakhe, sesetitshala kusini na.  Uthe xa akumgama ongangokugityiselwa kwelitye wakhwaza busebeza esithi, "Nini na, majita?"
"Ewe, sithi; khawuleza kuba sesimi ngawe!  " kuphendula uthuse ebusebeza naye.  Uthe akusondela waqonda ukuba ziititshala, zithe kanti zimbetha ngemfe iphindiwe.  Waphethuka ngokokhozi emoyeni umadoda, waqhwitha.  Uthe utitshala ujean akuma ngomlenze omnye ewakhuphele onke amandla akhe kweso sithonga senduku wayemgibisela ngayo yamchana kumaqhekeza omabini eempundu, wakhwazwa nazezinye iititshala zisithi, "Mbambe naanko!"

54

1.
N
E
I
hayi ke wanga uyabhabha ukujonga emlanjeni lowo umi phezu
	kwawo umyezo wesikolo.  Uyabona ke kukho umlambo nongqa-
	meko olubusiwana ezantsi komyezo. wesikolo.  Uthi xa abalisayo umadoda akazi naye ukuba wadlula njani na, nini na kwezo ndawo kuba waqabuka sele ejonge kwabawo uqete Lusithi engabaleki etsib'izicithi.
"Bendinixelele ke, majita, ukuba masilumkele injika-mpethu," utshilo unonjonjo xa sebebodwa bewugwadla lo mcimbi
	wokubethwa kwabo kangakanana ziititshala bebezidelele.  "Mfondini, athi amaXhosa,'Isiziba siviwa ngodondolo,"' utshilo
	edumile ngelokuzixolisa.
Makube lafezekiswa ilizwi likatitshala ujean kuba ukususela
	ngoko akuzanga kubekho nkwenkwe yangaphandle yakha yapha-
	zamela ekuyeni kubhoxa nawuphi na umgcobo wesikolo onjengebhazari nekonsathi.  Nangobo busuku kwabakho ucwangco kwiko-
	nsathi kathuse kwada kwasa kwathi gede.
Ngxatsho ke, zititshala!
0
e





0

e

0


a








55

"Ugcine izifungo
nezibhambathiso"

Kwilali yakwaqongqotha kwisithili saseqonce kukho umzi ondlu zine neentlanti ezimbini ezithe ndinde phambi kwezindlu.  Emazantsi eentlanti ngumyezo ekutyalwa kuwo iintlobo-ntlobo zemifuno.  Umzi lo ngowento yasemakhwemnteni, umnikaziwo yintokazi yasemanzothweni.  Aba bantu babephiwe amantshontsho ehobe kwinzala yabo, isibini sabantwana kuphela, unyana ogama libe linguvuyisile nentombi eyathiywa igama elingugcotyiswa.  Babefuyile kananjalo aba bantu. linkomo, iigusha, iibhokhwe namahashe kwakunyakazela nje.  Kaloku lo mfana wayeshiywe nelifa nguyise.
Babethandana isimanga aba bantu umkhwemnte nowakwakhe beyintlaka nexolo.  Babengumzekelo elumntwini.  Lo mhlaba uyajikeleza.  Loo nto ibangela ukuba kudaleke imini nobusuku.  Neemeko zoluntu ziyaguquka.  Ngokuhaniba kwamaxesha iye imeko nentlalo kamkhwemnte nomnzothokazi yaguquka.  Bathe aba bantu bebengumzekelo wabantu abathandanayo suka umtyholi wangenisa isihlava kwintlalo yabo yomtshato.  Apho elalini kubekho tyendyana libe sisiphene nesiphazamiso kwintlalo nobomi bomtshato waba bantu.  Ube kusuka umkhwemnte eyithethisa eyibonisa inkosikazi yakhe ukuba iwuyeke lo mkhwa nomkhuba akasiwaso.  Lalilinye elentombi yasemanzothweni ilelokuba yintoni na umkhwemnte ayibambileyo.  Ukuba akanakuyiqabelisa kuloo mbuzo ayiyi phi naye ijabavu izele nje.
Walala obungehliyo umkhwemnte yile ntlalo yokungaziwa nokuba usisiciko sayiphi na imbiza ngumfazi wakhe.  Eyona nto kuyo yonke le ntlalo yokungakhathalelwa kwakhe ngumfazi wayekhathazwa yingcingane engabantwana.  Wayecinga afikelele kwinto yokuba nokuba bona bazali abakhathalelananga kodwa ngenxa enokuba beya kuba ziinkedama eziya kuba noyise okanye unina owofa ehleli xa bahlala komnye wabo loo nto yayiyenza ukuba ibe lihlwili intliziyo yakhe.  Kambe kunjalo apha ekuhlaleni.  Zikho izinto ezivela zibe rigaphaya kwamandla omntu angenakuzinceda nangayiphi na indlela.  Eyona nto ibuhlungu kuthi kwakungena isihlava esinje kubomi bomtshato axolele nantoni na umnini kusenza eso sihlava xa asathe ti seso sihlava sisamthabathe iindlebe zombini.  Uzisola yena sel'uchithakele umtshato ukuba kanti ixabiso lawo likhulu kangakanana.  Kuba kungona imkhanyelayo engqondweni into yokuba ukuba ebazile ukuba uxabiseke kangakanana ngele ewunonelele wawugcina.

56

	Ngenye impela-vek' umkhwemnte wayicela inkosikazi yakhe
	ukuba bakhe 6asele umoya, wavuma nomnye. Bathe xa bahambayo
	babacela abantwana ukuba baye kudlala nabantwana babamelwane.
	Kuthe bakufika kwisikhundla esithile aba bantu wabuphokoza
	umkhwemnte ubuhlungu bentliziyo yakhe kwinkosikazi yakhe
u	kwesi siphazamiso nesiphene kumtshato wabo. Intoni ke! isuke
	yafuna ukumdla luhlaza intombi yasemzini imbuza ukuba ubone
	ntoni na, ebambe ntoni na; makayeke ukusoloko eyikhathaza
	ngento angenasihlahla sayo.
e	"Si! Uyagwexa ke mos ukuba uphelele apha! Masihambe sigo-
e	duke. Kakade bendisenza ilinge lokugqibela". Bahambile ke uku-
	goduka kungekho uthetha nomnye. Kuthe xa bawela olo chochoyi
	lwebhulorho luwela iimoto eziya nezivela kwidike likalaing
	ekusela kulo isixeko sasemonti nesasemdantsane, umkhwemnte
	wayibamba ngobungalakambu inkosikazi yakhe, wayijulela ezantsi
	kweso siziba. Wema apho kuloo bhulorho wayibukela inkosikazi
	yakhe xa iya kuthi dyumpu ezantsi naxa intyumpa-ntyumpeka
	emanzini iphelelwa ngamaiidla kukurhaxwa yada yafa. Wagoduka
	ukuya kwikhaya lakhe esakhwele ihashe lomsindo. Uthe xa
	asendleleni egodukayo wabona ukuba makaqale ebukhweni bakhe
	engqokweni ukuya kukhangela ukuba inkosikazi yakhe ayiyanga
	khona kusini na ingekho nje ekhaya. Balandula abantu basebu-
	khweni bakhe. Ukusuka api@o waya kudlula emapoliseni kwazwe-
	litsha ukuxela ukuba ulahlekelwe yinkosikazi. Abhala kumqulu
	wawo amapolisa. Abuza ukuba bekukhe kwakho ingxabano kusini
	na phakathi kwakhe nenkosikazi yakhe ukuze nje ilifulathele
	ikhaya walandula. Akukhova ukuthembisa ukuba aza kumncedisa
	ekufuneni wagoduka umkhwemnte omkhulu.
	Bambona abantwana eseza bamhlangabeza ngolangazelelo, naye
	wenza loo ntsinga-bubele. Bakumbuza abantwana ukuba uphi na
	unina wabaphendula ngolunya esithi mabangamfundekeli ngehili-
	hill elihilize okwenkwenkwe endala. Bathi nxokotho ngodano
	abantwana. Kwalalwa kalusizi kwelo khaya kucaca ukuba kukho
	ongekhoyo. Kaloku lakha lathi iciko ikhaya lelabantu abane:
	uthixo, umnini-khaya, umnikazi-khaya nabantwana. Mhlawumbi
	nothixo wayengekho kwelo khaya ngobo busuku ngenxa enokuba
	kwakwenzeke into engamasikizi olo hlobo.
	Makuthi ngenye imini abafizazana bevela kutheza omnye wabo
	abone into ebumnturha ezantsi kuloo bhulorho. Akuqwalasela
	aqonde waqaphela kananjalo ukuba amehlo akhe akamkhohlisi
	ngenene ngumntu lowo. Kungoko wabemisayo abanye abafazazana
	awayehamba nabo ukuba baqwalasele nabo. Baba ngathi bano-
	tshobo ukugoduka ukuya kuyixela le nto kumakhaya abo. Abayeni
	babo baxelele amadoda amakhulu elali awathi makuyiwe kusi-

57

abhangazeke aye kuzeyelisela.  Bachazile abantwana ukuba ngenjika-langa yaloo mini abazali babo babephumile besela umoya, baza babacela bona bantwana ukuba baye kudlala kubantwana babamelwane. tjkubuya kukayise umkhwemnte xa lithi ndithenge engasahambi nonina bambuza bona bantwana ukuba uphi na unina, waphendula esithi mabangamfundekeli ngehilihili yena.  Wabulela umabhovu wabakhulula abantwana ukuba bagoduke emva kokubanika izimungunyo ezinencasa.
Uthe umabhovu akuqikelela ukuba sebeyiphiwe nento etyiwayo abantwana wabonakala efika apho kwamkhwemnte.
"Kutheni na, mfo wasemzini, wabetha ubuyelela ngokwezulu lasemthatha?" wabuza umkhwemnte sesifuna ukumphatha noko ngoku isazela.
"Hayi, mkhwemnte, andenzi ngabom ndiqeshiwe," utshilo
	umabhovu.
"Yintoni ngoku entsha?" kubuza umkhwemnte.
	"MKhwemnte, bukho ubungqina obuliqilima bokuba umfikazi
	wayehambe nawe ngenjikalanga yale mini aze angabuyi ngayo; wena wabuya uhamba wedwa.  Ngako oko ke egameni lomthetho ndiya kubamba," watsho ekhupha amakhamandela emkhonxa umkhwemnte umabhovu.  Kuthe kanti iveni yamapolisa ayikude kuba yagaleleka ngaphandle kokuhlozinga yamkhwelisa umkhwemnte sekuthe chasi yilali.  Akukhova ukubayaleza abantwana kubamelwane bakhe ukuba zebabase kwizizalwana
	zakhe yemka naye iveni ukuya kumfaka kumnyama-ndawo.  Kwasala kwelo khaya kulila ibhungane.
	Kwiintsuku eziphambi kwetyala zaya kumvelela izizalwane UmKhwemnte kwagqitywa kwelokuba ukunqanda ihlahla makungenwe kwingqwayi-ngqwayi yegqwetha leyuda elise-Bhayi, uspilkin.
	Ngemini yetyala elaliselisejajini walivuma umkhwemnte ityala
	lokubulala inkosikazi.  Xa asenza amagqibela kankqoyi umtshutshisi wacinezela kwelokuba unetyala elikhulu umkhwemnte ngakumbi ukubulala igazi lomntu belingahlobanga.  Uthe vumbululu xa kulapho umfo kaspilkin wabuza ukuba singamkelwa
	kusini na isicelo sakhe yinkundla phambi kokuba ijaji iwise
	isigwebo.  Ijaji yaphendula ithembisa ukuba siya kwamkelwa yinkundla ukuba sisicelo esifanelekileyo.  Uphendule ebongoza
a-	kalusizi umfo kaspilkin ukuba sisicelo esifanelekileyo.  Kwakubuzwa ukuba sisicelo sini na wathi umfo kaspilkin, "Nkosi yam, ndicela ukuba le nkundla ibize laa mfo ubesisiphazamiso kubomi
	bomtshato waba bantu.  "
"Kulungile, le nkundla iyasamkela isicelo sakho, kodwa loo
	mcimbi uya kwenziwa ngengomso kuba ixesha selixhatshwe yinja.

59

Okwangoku inkundla ingachithakala," itshilo ijaji ijonge esihlahleni.  Okwenene yachithakala inkundla.

Kwindlela egodukayo abantu bahamba befakan'imilomo ukuba kukho lutho luza kwenziwa nguspilkin kusini na.  Abanye bancoma besithi uza kwenza izinto zamehlo, bambi bagxeka besithi akuk io nento le aza kuyenza ngomkhwemnte owenze icold blood murder kwabakho abakhurnshayo batsho.  Kwahlukwana kucaca ukuba lelo icala elifuna kusamele okwalo ukuzatfiuza.

Kusile kona okungaliyo yazala loo nkundla yaseqonce yathi puqa.  Lingenisiwe elo tyendyana lomfana elabe lifunwa ligqwetha lamiswa kwelinye iphundu lenkundla.  Uphakamile umfo kaspilkin wamngcambazisa lo mfo ufikayo emkhokela ukumlandisa ukuba ungubani kabani ohlala kwilali yakwaqongqotha, wavuma omnye.  Libuzile kananjalo igqwetha ukuba uyamazi kusini na ummangalelwa.  Ufune ukuxinga obebuzwa ngokuthi umazi ukuthini na.
"Phendula umbuzo," itshilo ijaji.
"Ewe, mhlekazi, ndiypmazi," utshilo obebuzwa.
"Uyayazi yona inkosikazi yommangalelwa lo?" lizondelele labuza igqwetha.

"Ndimazi ukuthini yena, mhlekazi?" uphendule watsho obuzwayo.

"Phendula, umbuzo," itshilo kwakhona ijaji ijongole ebusweni.
"Ewe, mhlekazi, ndiyayazi," uphendule watsho obebuzwa.
"Kanene benibukana nomfikazi, inkosikazi yommangalelwa?" ubuze watsho umfo kaspilkin.  Cwaka obuzwayo.  Uwuphinde kathathu umfo kaspilkin lo mbuzo ethe cwaka obuzwayo.
"Ukuba uza kuchitha ixesha lale nkundla ngokungaphenduli uza kuzifaka enkathazweni," itshilo ijaji.
"Ewe, mhlekazi, kunjalo," uphendule watsho obebuzwa.
"Mandikubuze owokugqibela ngoku umbuzo ndize kukuyeka," utshilo umfo kaspilkin.

"Kanene benibukana nomfikazi inkosikazi yommangalelwa ningenakuzinceda?" Cwaka kwakhona obebuzwa.  Uwuphinde kabini emva koko uspilkin umbuzo.  Iphinde yakhalima ijaji isithi, "Ukuba uze kuchitha ixesha lale nkundla ngokungayiphenduli into oyibuzwayo uza kungena kwembi inkathazo.  Ndikulumkisa okokugqibela," itshilo ijaji ibomvu ngumsindo.
"Ewe kunialo, mhlekazi," uphendule watsho obebuzwa.
"Kulungile, nkosi yam, angakhululeka; ndiyifezile inyewe ebendifuna ukuyibuza," utshilo umfo kaspilkin.

Ubonakele ngoku umfo kaspilkin ethabatha izibfialo ezingcwele watyhila kwivangeli engcwele ngokubhalwa ngumateyu isahluko selinci elineminwana elithoba apho inkosi yethu uyesu Kristu ithi, "Oko uthixo akumanyileyo makungahlulwa mntu.  Kananjalo,

60

nkosi yam, mhlenikwezeni ummangalelwa nomfikazi bamanywa ngeqhina lomtshato bathi bogcinana ebumnandini nasebubini, ebutyebini nasebuhlwempini, emikhuhlaneni nasekuphileni, bade bahlulwe kukufa.  Ngako oko ke, nkosi yam, endaweni yokuba bahlulwe ngulo mfo ubebukana nomfikazi, inkosikazi yommangalelwa, ubonile ummangalelwa ukuba mabahlulwe kukufa okuya babethe bakwahlulwa kuko mhla batshata.  Ngokwenjenialo ummangalelwa ugcine izifungo nezibhambathiso," utshilo umfo kaspilkin.  Bathi bakumjonga ababekuloo nkundla bafika imithambo ebusweni ikralile ngathi iza kugqabhuka, ukubila ngathi kokwamathontsi egazi, kanye ngokomfuziselo wenkosi yethu uyesu Kristu esitiyeni segetsemane, phesheya komlanjana oyikidron.
"Kodwa umthetho wesithandathu uthi 'uzungabulali,"' imkhumbuze yatsho ijaji.
"Ukuba ummangalelwa usisandla sikathixo ukufezekisa nokuzalisekisa ugcino lwezifungo nezibhambathiso ezenziwayo ngummang alelwa nomfikazi mhla batshata?" ubuze watsho uspilkin kalusizi.
lbonakele ibambelela ebunzi ijaii, icinga nzulu.  Ekugqibeleni yathetha yenjenje ibhekisa kummangalelwa, "Isenzo sokubulala osenzileyo simasikizi kakhulu.  Kodwa igqwetha lakho likuthethelele kule nkundla.  Ngako oko ugwetywa umnyaka oneenyanga ezintandathu entolongweni; kodwa eso sigwebo siya kuxhonywa iminyaka emithathu.  Inkundla ingachithakala. e Okwenene yachithakala inkundla.  Bahamba abantu ukugoduka beyihlalutya inyewe yelo gqwetha ukuthethelela umntu limvikele 1 ngezibhalo ezingcwele.  Kufundwa ngamava.




a
e

i
a




le


0,

61

Si

Imbophelelo

Kwilali yasezolo elilawulwa ngugustavus Smovana Vananda, kwisithili sasengqamakhwe, kwabe kukho umzi kabawo upeter Xhego Mafanya kadywili owabe eyinqununu kwisikolo eso sakowabo ezolo.  Lo mnumzethu wazibeka phantsi iintambo zobutitshala ngomnyaka we-1951 ngekatshaziimpuzi.  Kwinzala yalo mnumzethu singabalula izibulo lakhe ugladstone Ginyigazi, ingqungqumbana.
Ukuqala kwethu ukudibana noginyigazi lo wabe efundisa kwisikolo sasethorha kwindawana ekuthiwa kusebhekileni kummandla wasengcobo.  Kukuloo lali nakweso sikolo apho abonana khona nogxa wakhe azimanya naye urobie, intombi katobho.  Ikhaya lale ntombi lalikuqumbu; ethorha apho kwakukulonina.
kuthe esafundisa apho ebhekileni uginyigazi wabona kwincwadi yaseburhulumenteni ephathelele kwisebe lemfundo, IGazette, isibhengezo sokuba kufunwa inqununu kwisikolo sasethoboyi kwisithili sasengqamakhwe.  Eso sikolo sabe siphela kwibanga lesithandathu.  Kuthe ngenxa enokuba sikufuphi nekhaya lakhe ezolo waba nomdla wokusondela ngasekhaya.  Uye ke wacela naye ngembalelwano kumfundisi uarnot waseb sasengqamakhwe owayengumlawuli weso sikolo.  Ibuye impendulo imfumanisa isikolo eso.  Uphendule uginyigazi ebulela ngokungazenzisiyo kumfundisi uarnot kodwa waleka umsundulo ecela ukuba aqeshwe isigxina.  Kaloku ngelo xesha izikolo zabantsundu zazisalawulwa liphondo lekapa nangabafundisi, ititshala esuka kwesinye isikolo, nokuba yayinamava kangakanani na yayiqeshwa ixeshana nje kodwa 'de izibalule ukufundisa nokusikhuphulula eso sikolo iqeshwe kuso.  Uphendule umfundisi uarnot emqesha isigxina kwisikolo sasethoboyi.
Kuthe ngeyomqungu ngomnyaka we-1942 yenjenjeya ingqungqumbana kaxhego noMamSwazi ukusinga ethoboyi ikhwele kuxholovane wenkabi yehashe, uMy Hope.  Akufika esikolweni uye waxakeka kuba ufike, isekho inqununu eyabe iqeshwe apho ethoboyi, umnumzana usifile, undlangisa omkhulu welali yaseCegcuwana kwakwisithili sasengqamakhwe.  Kazi wakha wenzeka na umhlola wokuba iinkunzi zibe mbini kwisibaya esinye.
Uthe akubuzwa amavelaphi namayaphi umfo kamafanya nguMnumzana usifile wakhupha amaxwebhu abonakalalisa ukuba uqeshwe njengenqununu apho ethoboyi.  Uye wakhamnqa umnumzana usifile ukuba ingaba yenzeke njani na into yokuqe-

62

shwa kwenye inqununu kwisikolo esinye ekho kungakhanga kubhekiswe nto kuye.  Kambe ke uthe uyekela kulo mfo kamafanya ufikayo.  Unge akatshongo wazitsala kwaoko umfo kaxhego iintambo.  Uyalele umntwana ukuba abethe intsimbi ukungenisa isikolo.  Bathe bakuma emigceni abantwana waziswa utitshala umafanya njengenqununu entsha.  Uye waleka umsundulo umfo kasifile ngelithi akazi ukuba yena uza kuthiwana na.  Kuthe ngelixa lokwabiwa kwezitya kwintlanganiso yeetitshala, inqununu entsha yazabela ibanga lesiHIanu nelesithandathu, yaza inqununu endala yabelwa ibanga lesithathu nelesine.
Kuthe ngelixa iititshala zazisemanxada nxada ziphakela abantwana ukutya kwengqondo kuloo magumbi zabelwa wona yinqununu entsha kwavakala umgqumo wemoto.  Uphumile umnumzana umafanya njengenqununu kaloku, waya kuqonda kumnini waloo moto into angaba ukho ngayo emzini apho.  Kuthe kanti ngumfundisi uarnot.  Uye wacela ukubonana nenqununu endala, umnumzana usifile.  Akukwaziswa oko uphumile ukuya kubonana nomfundisi uarnot.  The nde yaba shushu kananjalo ingxoxo phakathi kwaba bantu babini.  Ubonakele ehlunguzela intloko umnumzana usifile esiya kwinkosi yakhe entsha umnumzana umafanya.  Uphumile ke nomnye ekuthe xa aya kuye kanti seyililixa lokuphuma kwesikolo intlazane.  Basebelumana indlebe kwelo gumbi lenqununu entsha.
Uye wawaneka umnumzana usifile umcimbi ahanjelwe ngawo ngumfundisi.  Uthe kwingxoxo yabo umfundisi umbonise ukuba zibi kweziphumo zebanga lesithandathu iminyaka ilandelelana.  Utsho esithi ngobukho bakhe kweso sikolo sasethoboyi ungumbulali wesizwe endaweni yokuba ngumncedi waso.  Uphethe ke ngokumcela ukuba amkele ukuthotywa njengenqununu yesikolo sasethoboyi, ekungoko aye wabona ukuba makaqeshe umnumzana umafanya.
"Ke ukuza apha kum uzele ukuba ndikwenzele ntoni?" ubuze watsho uginyigazi.
"Ndizele ukuza kufuna ingcebiso yakho ngento emandiyenze, Tshezi," utshilo kalusizi umfo kasifile kucaca ukuba akabuhlungu kancinci kukuphulukwa sisonka sabantwana bakhe.
"Kungokuba, wena, Mnumzana usifile, lusithini olwakho uluvo ngalo mcimbi?" uphinde wabuza umnumzana umafanya ebhekisa kumnumzana usifile.
"Yintoni endinokuyenza, Tshezi, xa esitsho umlungu?" uphendule wabuza njalo umnumzana usifile.
"Wosilahla esi sikhundla sobunqununu uze uthini emva koko?" kubuza kwaumnumzana umafanya.
"Hayi kaloku ndongena kwesi sikhundla besinomnumzana

63

udlambulo," uphendule watsho usifile.  Utitshala udlambulo wabe eyititshala encedisa kweso sikolo, eyayiphumelele ibanga lethird Year, waza wazifundela ngasese ibanga lesibhozo.  Ngoku wayeye kuthabatha ibanga lobutitshala elalisaziwa nje ngeprimary

Teachers Certificate.
"Uyaqonda phofu ukuba umnumzana udlambulo ucele nje kodwa ikhefu lokuya kwandisa imfundo yakhe?  Akubuya wobuyela endaweni yakhe.  Ukuba kube njalo baya kutya ntoni abantwana

bakho?"
Uye wazinikela umfo kasifile kutitshala umafanya esithi, "Kungoko kaloku, Tshezi, ndiye ndaza kuzandlala kuwe; ndizele ukuba undinyule kule ngxingwa ndizifumana ndikuyo."
"Utyaphile ulitsolise utsho, Ndlangisa.  Nantsi into endikucebisa yona: bhalela lo mlungu incwadi yokuba uyakwamkela ukuthotywa njengenqununu yesikolo sebanga lesithandathu ukuba unokukunika ubunqununu kwisikolo sebanga lesine.  Wakuba uyibhalile loo ncwadi, mnike esandleni; utsho naye akunike impendulo ebhaliweyo uyifumbathe esandleni.  Loo ncwadi uze uyilondoloze njengokhozo lweliso lakho kuba yingqiniseko yokuba akusayi kufumana uphulukwe nje kodwa sisonka Saba-

ntwana bakho.
Okwenene wayibhala loo ncwadi umnumzana usifile waza ubungqina bayo wabugcina kuye.  Uye waya kumnika esandleni.  Uthe umfundisi uarnot kuba wayengxamele le ayingxameleyo yokuba umafanya angaphulukani naye kweso sikolo sasethoboyi sele emfumene, waphendula lula ukuvuma nokwamkela oko kwakucelwa ngumnumzana usifile.
Wayibetha yasisityambele umfundisi uarnot imoto ukusinga egcuwa kumhloli wezikolo umnumzana upope apho wafika wamanekela inkathazeko akuyo yokuzibophelela ngempendulo ayinike umnumzana usifile, watsho embonisa loo ncwadi.
Ucinge wacinga umnumzana upope ukuba angamnceda njani na omnye umlungu wakowabo kuloo ngxingwa wayekuyo.  Uthe ngokuphehlulula iingxelo zabahloli ngomsebenzi wezikolo ezaziphantsi kwakhe wafumanisa ukuba kukho inqununu ekwisikolo sasecegcuwana esasiphela kwibanga lesine eneengxelo ezimbi.  Loo titshala yabe ilunyukisiwe ukuba yophelelwa ngumsebenzi.  Ubonakele esithi saa lu@cumo umhloli akuyifunda le ngxelo.  Umchazele umfundisi ukuba kukho ititshala esemngciphekweni ekufanelekileyo ukuba iphelelwe bubutitshala xa kukho imeko enjengaleyo akuyo umfundisi.  Watsho egxininisa ukuba woyinika isilumkiso seeyure ezingamanci amabini aneminwana emine loo titshala.  Watsho eyibhala ngoko nangoko loo ncwadi yesilumkiso.
Inkohla-mntu yaba yeyokuba eso sikolo sasecegcuwana sabe

64

Si] ab tii U) iz ni i@

i2
bi

ef




9
IK
u

		siphantsi komfundisi okwimishini yasendakaria. Bakuya kuye
		abelungu ukuya kumxelela ngokuphelelwa ngumsebenzi kwaloo
		titshala, bemcela kananialo ukuba ukuncedisana nomfundisi
		she umnumzana usifile, walandula watshaya
		uarnot makaqe
		izithupha umfundisi wasendakana esithi akukho mntu unokuba
	nie	nguzwilakhe phezu kwakhe ngomsebenzi wakhe wokulawula
	ela	izikolo eziphantsi kwakhe. Ngako oko unabo abaceli abacela
	ana	izithuba zobutitshala kuye. Ukuba loo titshala iyaphelelwa
		bubutitshala uza kuqesha kwabo bacele kuye.
		Bemka bethe nxokotho kukudana abelungu babantu baphindela
	a	egcuwa ukuya kuqulunqa elinye icebo. Uphinde wapheculula
		waphililinga iincwadi zakowabo umlungu. Uthe ngokwenienjalo
	isa	wafumanisa ukuba umfundisi lo basuka kuye wasendakana unezi-

0-	phoso neziphene anazo kulawulo lwezikolo.  Uye ke wabambelela
	kwezo ziphoso umhloli wabona ukuba nasi isizathu angathi maka-
	gungxulwe ngaso ekulawuleni izikolo umfundisi osendakana.  Kambe wayesele echazelwe umhloli upope ngumfundisi uarnot
uze	ukuba njengabafundisi behlelo elinye yena nomfundisi osenda-
seko	kana ukuba yena mhloli ubhalela kwisebe lemfundo ekapa axhase
saba-	uluvo lokuba izikolo eziphantsi komfundisi osendakana maziwele phantsi komfundisi uarnot eblythswood yovunywa lula loo nto
waza	lisebe lemfundo.
eni. 	Okwenene wabhala ucingo - buncwadi umhloli ebhalela ekapa
eyo	ecela ukuba ngokweziphoso zomfundisi osendakana kulaw,@lo
oyi	lwezikolo izikolb ebeziphantsi kwakhe mazibe phantsi kolawulo
oko	lukamfundisi uarnot eblythswood.  Akazanga abone nganto umfundisi osendakana wabona efikelwa luxwebhu lwencwadi
singa	evela ekapa imchitha kulawulo lwezikolo.  Yatsho loo ncwadi
afika	imchazela ukuba izikolo ebeziphantsi kwakhe ngoku ziphantsi
ndulo	kolawulo lukamfundisi uarnot eblythswood.
ani na	Waba ke ngako oko uvulelekile umfundisi uarnot ukuba angamqesha njengenqununu yasecegcuwana kwisikolo esabe siphela
. Uthe	kwibanga lesine umnumzana usifile.  Yonke loo nq.uleqhu yoku-
ezazi-	i)handelwa kwakhe eso sithuba nzima kangako yenziwa yimbo-
isikolo	. helelo azibophelela ngayo umfundisi uarnot kwisikolo sasethop
zimbi.	boyi mhlenikwezeni wavuma ukumqesha kwisikolo sebanga
ebenzi.	lesine umnumzana usifile.  Wafunaisa apho ecegcuwana
ngxelo.	umnumzana usifile wada wafumana umhlala-phantsi.
eni	"Tyhini, Tshezi, asikukho nokuba ndiyakubulela ngokundicebisa
imeko	owandicebisa ngako xenikweni sasisethoboyi; ukuba namhlanje
oyinika	mandibe ndibuliswa ndikwesi sikolo.  Ukuba wawungenzanga loo
ine loo	nto ngendatya iinkowane nabantwana bam!'watsho umnumzana
SO.	usifile mhla ngombuliso wakhe xa wayezibeka phantsi iintambo

sabe	zokuba yinqununu yasecegcuwana.

65

"Ndlangisa, ungabokuphazamela kwinto ebhaliweyo.  Yimbophelelo ekuthandela okweentambo zesigcawu zithandele impukane ingabi nakho ukuzisombulula." Ungqine watsho umnumzana umafanya owayeze ngothakazelelo naye kumbuliso kamnumzana usifile.
Ufundisile umfo kamafanya ethoboyi kwada kwaba ngumnyaka we-1954 awafuma@ia ng'awo ukunyuselwa ukuba abe ngumhloli oncedisayo wezikolo.  Ulishiye eli phakade ngomnyaka we-1978.  Usalilelwa nanamhlanje ethoboyi ngenxa yemfundiso yakhe, ingqeqesho nengoma.  Ushiya inkosikazi yakhe uMamBhele ezolo kowabo apho wayesisimamhlaba khona kunye neqela loonyana neentombi.  Unyana wakhe omkhulu usingatha unemfundo enomsila uhlohla efort Hare.








66

		Intsiza-mbulala

	a
	a
	UMnumzana uvan Wyk ogama lesixhosa kwabe kusithiwa ngu-
		Nkomiyahlaba wabe enodwadwane lwefama ebholo kummandla
	oli	wasecumakala' Wayefuyile lo mnumzana. Ayewodwa amafruka-
	78.	ndile esipani sengwelo, zazizodwa iimazi ezilunga zobisi -
	e,	iifriesland. Ayekho amahashe emidyarho, kanti neegusha
	lo	neebhokhwe - iimerino neeswiss zazinyakazela nje. Kuyacaca
		ukuba elo khaya yabe ilelabantu abakhutheleyo kuba inkosikazi
	do	kamnumzana uvan Wyk unongqwaza yabe ifuye intoning
		yeenkuku nayo - ezimnyama, ezibomvu zenyamal nezimhlophe
		zamaqanda. Babekho noorhanisi namakalkuni.
		Yiya ke wena kwintsimi yakhona eyayiludwadwane, wofika
		kwisithoko-thoko esimnyama. Wayengatyebanga kancinane
		unkomiyahlaba. Kodwa wawungeze watsho xenikweni umbona
		nje ekhaya okanye ehamha-hamba kuloo fama yakhe phakathi
		kwezicaka xenikweni zisebenzayo ebetha ngezikatshiwo, okanye
		ekhwele uxholovane wenkabi yakhe yehashe. Wawungafika enxibe
		ikhaki okanye igabhadina, etsho ngamaquza ezihlangu ezingasu-
		lwanga nangamafutha azo, ethwele ikhephelele lomnqwazi
		ongathi ngowe-cowboy owawungathi ukhongozele amanzi
		emvula.
		Izicaka zaba bantu banje ukukhuthala nazo zazingamangqiyaza
		ziqukeza ziququzela ukuncedisa oovan Wyk kumsebenzi wabo
		wemihla ngemihla. Abona bantu babephambili kwizicaka zala
		mafama yayingabafo basemanzothweni. Abo bafo unikhuluwa
		nomninawa babengathandwa kancinane ngunkomiyahlaba. Yonke
		into ekuloo fama yayililifa kuvan Wyk eyixhamle kuyise noyise-
		mkhulu. Kwakukwangokunjalo nakwabo bafo basemanzothweni.
		UNkomiyahlaba lo wayekhulele kubo njengoko babezizicaka
		zikayise noyisen-Lkhulu. Namangcwaba abazali babo ayelapho
		kuloo fama yayiseyilikhaya labo.
		Xeshikweni abo bafo basemanzothweni babencedisa inkosi
		yabo uvan Wyk, amakhosikaze abo ayemanxada-nxada encedisa
		unongqwaza ekulondolozeni iinkuku namaqanda. Iveni kankomi-
		yahlaba yayiquqa iquqile ukuya kuthengisa imveliso yomhlaba
		neyemfuyo ecumakala naseqonce.
		Kambe ke unkomiyahlaba lo wayengaphelele kwaba bafo base-
		manzothweni ukuba nezicaka. Zazikho nezinye ezazide zanelali
		yazo kuloo fama. Zonke zaziqeshwa ngunkomiyahlaba kodwa
		zilawulwa ngumfo omkhulu wasemanzothweni. Kwizicaka zakhe
		unkomiyahlaba wayengafuni mbeko nje kodwa nokusetyenzelwa,

67

wayeyithanda nenkqubela.  Apho kwifama yakhe kwakukho isikolo apho kwakufunda khona abantwana bezicaka zakhe nezamanye amafama amngqongileyo.  Yayikwakho necawa ezazikhonza kuyo izicaka zakhe.  Wayelwazi uluntu unkomiyahlaba ukuba lulamba ngomzimba, ngengqondo nangomphefumlo.

Ngenye imini makeve unkomiyahlaba ukuba izicaka zakhe ziza kufikelwa ngumfundisi omtsha okokuqala kuloo fama yakhe.  Yayilibhongo kwizicaka zikankomiyahlaba kuba ziza kuhanjelwa ngumfundisi omtsha ukuza kuzenzela umthendeleko.  Zaphuma ngendlu yazo ukuya ecaweni, yazala yathi puqa loo cawa.
Kwaoko unkomiyahlaba wabamba uxholovane wenkabi yakhe yehashe waya kumlindela loo mfundisi kwisango elikhulu lokungena iimoto kuloo fama yakhe.  Wathi akuthi thu ngeqegu lakhe lamafutha umfundisi waqonda unkomiyahlaba ukuba makamthobe kwelo wonga lokuzicingela phezulwana kunabanye abantu.  Umntu owayemkhokele okokuqala lo mfundisi ukumbonisa indlela eya apho ecaweni. esisiphaluka semishini yakhe eseqonce wamyalela ukuba ehle emotweni umfundisi xa abona umlungu.  Okwenene isicaka sikathixo sehla kwimoto yaso sakhahlela kunkomiyahlaba owavuma ngokunqwala.  Umfundisi wakhonjiswa indlela yeenyawo enqumlayo ukuya apho ecaweni.  Uthe nangona aqondayo ukuba ibandezi lelanga laloo mini aliyi kumfumana kancinci kwanephika lokuba kumgama apho ecaweni ngokuva ngomntu owayemkhokele wanyamezela umfo wakwathixo wabetha ngezikatshiwo ukuya apho ecaweni.  Wayehamba ezithuthuzela ngentetho yasemzini ethi, "it is better to be late than never."

Waya kufika umfundisi kuloo cawa efile bubushushu nakukudinwa kuba wayehamba ngobungxamo.  Wakha wathi khebevu phantsi komthi wakhupha iqhiya yobuso ukuzisula ukubila.  Wabiza namanzi wakha wazinika kanobom ukuziphozisa nokuqabula unxano.  Kuthe kuba ibisele ibethile intsimbi yeqanda lelinci elinomvo kwanyanzeleka ukuba ayiqalise inkonzo.  Uthe umfundisi esaqala ukuthi, "UYehova ke yena usetempileni yakhe engcwele" kwiphepha lesixhenxe kwincwadi yemibhedesho ebhalwe yingqungqumbana yomfundisi owabe esetinarha umfundisi uS.W.T. Luzipho wamarhabe asediphende, weva ngokugushu-gushuza kwerhamente yakhe ngasemnyango phaya.  Uthe akuqwalasela kakhudlwana wabona unkomiyahlaba engqendevise ngasemnyango kubonakala ukuba uze kuzivela ngezakhe iindlebe okuza kuthethwa nguloo mfundisi kwizicaka zakhe.  Kuthe kanti umfundisi ngukad'ebona ngamava okumazi umlungu wefama ukuyifuna kwakhe kangako imbeko kumntu ontsundu ofundileyo nongafundanga.  Wavakala embomba umfundisi ezithethela yedwa

68

	esithi, "Ndiza kulifumana ke eli Bhulu, ndiza kulibamba ngengqondo.  Alisayi kuze limlibale umntu ontsundu omhloneleyo umlungu, kanti ndilibeka nje ingca emehlweni," uthe asitsho
	umfundisi wabe etyhila kwincwadi yemfuduko i-Eksodus isahluko sama-20 isiqendwana se-15 kumazwi athi, 'Uze ungebi.'
	Hayi ke washikixa apho umfo wakwathixo esithi ku"o abantu abanentlondi yobusela bokuba iigusha zomlungu obanike iindawo zokuhlala, ukukhonza, ukulima, ukufuya waza wenza into yoku-
	gqibela enqabe okwegolide, ukwakhela abantwana babo indawo yokufundela; engasathethi ngaleyo ingako abenzele yona ukuba-
	khela indawo yokukhonza uthixo.  Waqukumbela ngelithi umfundisi, "Nangoku anenzele lungaka uvan Wyk iyimpela-veki
	nie niza kusela ninxile, ningawenzi umsebenzi womlungu
	ngomso kuba niza kube niphethwe yibhabhalaza."
Yinto leyo eyatsho wanqwala enqwalile unkomiyahlaba uku-
	ngqinela lo mfundisi uzishumayeza kamnandi kangakanana
	izicaka zakhe.  Kanti ke yena umfundisi eshumayela nje wayemana ukumthi krwaqu ngaphaya kweentanyongo ukuqaphela ukuba
la	angena njani na loo mazwi entshumayelo kunkomiyahlaba.  Ngoku amana ukunqwala umlungu ufile yintsini umfundisi.  Phofu ke
	noko wayehlekela ngaphakathi emana ukuthi ngentetho yakowabo, "ek het hom reg gekry.

	Kuthe ukuphuma kwenkonzo waya kumfundisi unkomiyahlaba
	ethe saa luncumo.  Wafika wambamba isandla emphulula esithi,
-	"jy is 'n goeie predikant," watsho eyalela omnye wabo bafo base-
	manzothweni into yokuba angxame ukuya kuphuthuma imoto kamfundisi angaphindi ahambe umgama ongaka ngeenyawo.
i-	Wavakala esithi umfundisi ngaphakathi, "Yangen'intak'endlwini,"
Si	kanti akukabiphi kuba unkomiyahlaba wayalela umfundisi lowo
	ukuba aye kudlula ngasekhaya, kanti uza kumnika umkhakhamela
la	wenkabi yegusha emazinyo asibhozo ukuba aye kutya nosapho
ci	lwakhe.  Waziqonda ngaloo Cawa umfundisi ukuba uchan'ucwethe
i-	ngentshumayelo ayenzileyo kuba ukususela ngoko waba yinceke
	umfundisi kunkomiyahlaba.  Nasecaweni akazanga aphinde
	azikhathaze unkomiyahlaba ngokuya kuphulaphula intshumayelo
-	yomfundisi kuba wayedikwe yeyokosa kwakulaa Cawa asungula ngayo ukumva umfundisi. .
	Ngenye imini unkomiyahlaba waza kubikelwa udaba olubuhlu-
se	ngu lokuba umnzotho omkhulu ugula ngengqondo.  Kuqala ayizanga
	ithathelwe ngqalelo impilo yalo mfo usisicaka esithembeke kanga-
	kanana sikankomiyahlaba, kodwa kuthe ngokujikeleza komhlaba
	kwintsika yawo ukudala imini nobusuku yaya iba mandundu
yo	impilo kamnzotho.  UNkomiyahlaba unixhome kwivan yakhe
	ukumsa kugqirha edolophini ecumakala.  Ugqirha uyalele ukuba

69

asiwe kumantyi othe yena wamkhomba kwisibhedlela sabagula ngengqondo ebhofolo.  Okwenene eso sicaka sithembekileyo sikankomiyahlaba sasiwa kwisibhedlela samageza ebhofolo.
Kangangokusithanda kwakhe unkomiyahlaba eso sicaka sakhe sithembeke kunene wamana ukuya kusivelela.  Ngamanye amaxesha wayesiya nowakwakhe unongqwaza, ngamanye aye nomninawa waso umnzotho omncinci.  Ngezinye iimini babeye bemke benethemba lokuba umnzotho uza kuphila, ngezinye iimini bemke bejingisa iintloko kukudana bakuxelelwa ukuba ungakumbi.
Makuthi ngaminazana ithile apho esibhedlela kuphume inkwenkwana ingagqibanga nayo ngengqondo.  Loo nkwenkwana yayimalunga neshumi leminyaka ubudala.  Saphuma sonke isibhedlela ukuleqa, kodwa umntu ezingalilanga kuye unamandla angaphezulu kwabaphilileyo kuloo nto sukuba eyenza.  Namendu akhe afuna ukulingana nawehashe nenciniba.  Kwaba njalo ke apho ebhofolo nangaloo mini ukushiywa kweembaleki ngumntwanana oneshumi leminyaka.
Makusuke umnzotho lowo ulapho esibhedlela wayegula ngengqondo naye ancedise ekusukeleni loo ntyewana yayibilise abantu ngokuyisukela.  Hayi ke umnzotho walalisa imbaqa emva kwaloo ntwana wabashiya bonke ababesukela.  Ithe loo ntwana yakubona ukuba umnzotho uyasifinyeza isithuba phakathi kwayo naye yaphethuka yajonga emlanjeni engxwengxwe apho yafika yazela kwesimnyama isiziba.  UmNzotho wafika wazela naye wayinyula waphumela nayo phezu kodini lomlambo.  Isisu sayo sasisesingumpoyiya kukuhlutha ngama.nzi.
Yakukhova ukulaliswa ngesisu yavonywa-vonywa kukhutshwa amanzi.  Kwaphindelwa nayo esibhedlela singasanconywa ngako isenzo sobugorha sikamnzotho ukusindisa umntwana ongele elishiyile eli phakade ukuba ebengenzanga lusizo.  Naye ke umnzotho wayethe saa luncomo zezo zincomo.  Kwathi khona kwakuthiwa wokhululwa kungentsuku zatywala ukuba agoduke kuba ubonakalalise ingqondo nobukroti obungummangaliso.  Ngethamsanqa nonkomiyahlaba wafika wayibikelwa into entle eyenziwe sisicaka sakhe.  Kwagxininiswa kwinto yokuba aze aze kukhangela umnzotho ngemini elandelayo mhlawumbi wogoduka naye.  Wemka ezele yimincili unkomiyahlaba nomninawa kamnzotho.
Kuthe xa kuqalayo ukulala umnyama kwabonwa nto ibumnturha ijinga emthini.  Makuthi kwakuyiwa, "Tyhini le!" yinkwenkwana ebisindiswe ngumnzotho ngokuyinyula emanzini, selp ibanda ceke, kudala lwahlanza uselwa.  Bavakele abantu bedumzela bezithethela bodwa besithi kuyacaca ukuba loo nkwenkwana ibibizwa kukufa kuba naku ithe ibisindiswe nguninzotho ngo-

70

yinyula emanzini kanti iza kubonwa ijinga emthini.
Kwabizwa umnzotho ukumbikela loo mphanga uhlileyo.  Watsho esithi ombikelayo akwaziwa nokuba uzixhomile nokuba utheni na.
	Waphendula ngokuzigasa nokuzimisela okukhulu umnzotho
	ebambelele esinqeni wathi, "Ndim oxhome le nkwenkwana
aye	emthini."
eye	"Ubulenzela ntoni elo sikizi?" kubuza omnye wabasebenzi besi-
ni	bhedlela othukile, ekhwankqisiwe kananjalo.
i.	Kuphendule umnzotho esazimisele, ngokubambelela esinqeni
e-	wathi, "Hayi kaloku, zinkosi, le ntwana ibimanzi ngenxa yokweyela
ayi-	emlanjeni; ngokuyixhoma emthini bendiyaneka ndifuna ukuba
he-	yome."
dla	Yinto leyo eyabangela ukuba bajongane abantu kungekho uthetha
du	nomnye kukumangaliswa ngulo mhlola wentsiza-mbulala wenziwe
ho	ngumnzotho.  Zaba mbini izinto ezabacacelayo.  Eyokuqala:
	uninzotho wayengenakho ukusiwa ematyaleni ngeso sihelegu asenzileyo ebangelwa yimpilo eyayimenze ukuba abe ukweso
la	sibhedlela.  Okwesibini: laginywa elaa lizwi lokuba uza kugoduswa
lise	ngokubonakalalisa izenzo zengqondo epheleleyo.  Kwabonakala
	ukuba leyo isekude njengempumalanga entshonalanga.  Akufika
ana	unkomiyahlaba ukuza kuphuthuma isicaka sakhe wernka edane
	emanzi akuxelelwa okwenziwe ngumnzotho.
	ka	Wahlala kweso sibhedlela samageza ebhofolo un-inzotho wada
		walishiya eli phakade. Waya kuphuthunywa ngunkomiyahlaba
	ise-	owamenzela umngcwabo ozukileyo.
		Ndlela-ntle, mnzotho.
	wa
	ako
	ele
	ke
	na
	ke
	SO.
	e
	aze
	ka
	a

	a
	a
	da
	ela
	a
	0-

71

UMqikela

Lo ngunyana omncinci kakaziwa Dwadwa izizi lakwanzisane ezolo kwesikavananda kwisithili sasengqamakhwe.  UKaziwa lo nogxa wakhe unompu babephiwe isine sonke soonyana.  Omkhulu yabe ingusigcawu, kulandele ugaveni, kulandela ujongityala kugqibele umqikela lo singaye kwesi sahlukwana.

UMqikela lo wabe eyintsundu ebukhanya eneetuma.  Waye eyindoda isibili, enesiqu esimlingeneyo, eneengalo ezindembelele ezazinophuphusi boboya.  Amandla kulo mfo ayengasingawo nawo, ekhaliphe okwengonyama.

UMqikela lo ikhazi lokulobola uMaNzaba inkosikazi yakhe, imfuyo nayo yonke intsebenzo yakhe wayifumana ngokuxelenga kuloo nkomponi yaseseventeen ecrown Mines, erhawutini.  Ngelo xesha ke induna yalapho eseventeen yabe ingumnumzana usonyangwe Ndiki, ijwarha lasengcisininde kwesikasobhekwa.  Yena umnumzana usonyangwe lowo wabe ephantsi kwelinye ijwarha elabe liyichief Induna yazo zonke iinkomponi zalapho ecrown Mines.  Elo jwarha labe lingumnumzana uhoney Booi Piliso.

UMqikela lo ukuqala kwethu ukudibana naye wabe esebenza phezu komgodi bephantsi komlungu ongalo zindembelele, eyindlovu ngamandla.  Lo mlungu sabe sisinye isiphoso nesiphene sakhe isesokubetha ngempama kwabo basebenza phantsi kwakhe.  Wayengoyikwa kancinci ngabo basebenza phantsi kwakhe.
Wayibukela wayibukela umqikela le nto yokuphathwa kakubi kangaka ngulo mlungu wagqiba kwelokuba uza kumbonisa ukuba asinguye yedwa oneentsinga.  Kungoko weviwa ngenye intseni eyalela umza wakhe usikhova Ntanga, undlangisa welali yasezolo ukuba amphathele umhlotshazana webhekile yamarhewu kuba efuna ukuva amandla ebuyele kuye.  Okwenene uyile usikhova ukuzalisekisa umnqweno womza wakhe wabuya kwigumbi lokuphekela ewakhile loo marhewu awafunayo.  Wasibetha sathi pitsini umqikela isisu sakhe ngaloo marhewu, emva koko baphangela nomza wakhe usikhova. - Kuthe kwindlela eya emsebenzini umqikela wamchazela umza wakhe usikhova injongo yakhe ngokusela amarhewu kwakusasa kangako.  Umbuzisisile usikhova umza wakhe ukuba uyiqonda kakuhle kusini na loo nto athi uzimisele ukuyenza, wavuma umqikela ukuba uyiqonda kakuhle kusini na loo nto athi uzimisele ukuyenza, wavuma umqikela ukuba kudala eyijika-jika entliziyweni yakhe.  Ke kaloku ude waba ufikelele esigqibeni.  Yamenza uvalo usikhova loo ngcingane

72

jil

yomza wakhe ukuzinganga ngomlungu.  Kaloku mandulo umlungu wayebuthi-xorha kumntu ontsundu ngabula imbongi yesizwe jikelele xa yayibonga ukumkanikazi uvitoliya wamangesi, oko eli
laliselithanga lebritani.
Kuthe kungekudala kuqaliwe ukusetyenzwa yehl'intlekele.  Wabhidana umqikela nomlungu wakhe ngokusuka enze kanye le nto wayesazi ukuba ayifunwa ngumlungu.  Ngoko kwenza wayernxhokosha erhol'ibhayi.  Uthe kanti uzinqikele ilitye elineembovane kuba umlungu weza kuye elekuzeka.  Uthe xa athi makalahle
	ngempama kumqikela umlungu wafika egoqile umfo kadwadwa.
	Baya baphuthumana babambana ngobungalakambu.  Kwaba ngathi kudibene ingwe nengonyama.  Wayengasacaphukanga ngako umlungu egqibelele ukuxajelwa ngumntu ontsundu ngoku-1wa kuye.  Kwelakhe icala yena umqikela wayephole okwamanzi abandayo omthombo.  Walengwa umqikela ngumlungu.  Kwalile ephezulu njalo umqikela wavakala ememeza kumza wakhe usikhova esithi, "Wa, mza!.Hayi Thixo unamandla lo mlungu!" Uthe xa athi umlungu makamthi ntlale phantsi umqikela waya kuthi ngciphu ngeenyawo phantsi.  Uyiphinde loo nto izihlandlo zazithathu engacaphukanga kancinci.  Umqondile umqikela ukuba
	unxaphile umlungu kanye le nto ebeyifuna.  Uqalile kaloku umqikela ukurhola imfihlelo yamandla akhe.  Uthe nje, "Hi, I!"
	umfana kadwadwa wamntlabala phantsi.  Kwavakala isithonga ukuwa kwakhe etheni umlungu.  UMqikela wamthi qho ngobhongwana, wabonakala eyoba umlungu wabantu.
Kube ngelo xesh-a athe wamkhalimela usikhova umza wakhe ngokunyamezela ukumkrwitsha umlungu wabantu.  Uvakele
	ekhwaza esithi, "Wa, mza, uyambulala ngoku lo mlungu!"
	Waphendula umqikela epholile wathi, "Hayi, yeka nje, wena mza, andifuni kumyeka lo mlungu engamanzisanga ibhulukhwe,
	esitsho nje umqikela umana ukugxelesha ngaphantsi.  Uqokele
	umqikela ngelithi, "Ukususela namhlanje uza kubazi abantu." Ekugqibeleni wamyeka sele ebhedulula amehlo umlungu wabantu umqikela.  Isimanga sezimanga wasuka lo mlungu walulama okwenja enqunyulwe umsila, wanovelwano nenceba ngabantu
	abaphantsi kwakhe.  Bambulela abantu umqikela ngento enkulu nentle E!yenzileyo ukubaqeqeshela loo mlungu.

Ngenye imini umphathi-nkomponi wavakala esithi kumqikela,
	"John, ndiva bekubabaza ukuba namandla.  Ukuba unokugqwesa le ndoda ngamandla ndingakwenzela into enkulu.  Khawukhe
	ubambane nale ndoda." Le ndoda wayethetha ngayo ke umlungu
	yayiyeyomsuthu owayeyindoda isibili.  Yeka ke athi ukuhlangana
	kwawo amadoda yathi chasi yonke loo nyambalala yabantu
	benkomponi yabukela.  UmSuthu wamlenga kwaoko umqikela,

73

naye umqikela waziyekelela, kodwa athi xa athi umsuthu makamntlale phantsi, aye kuthi ngciphu ngeenyawo umqikela.  Wayenza le nto umsuthu izihlandlo zazithathu.  Uthe umqikela akuqaphela ukuba udiniwe umsuthu wabantu waqala ukuyibonakalalisa imfihlelo yamandla akhe.  Wathi nje kwaba kanye, "Hi, I,, wamthi mbokro kuloo tha ngesithongakazi ekwaba ngathi kudilika umgodi.  Wavakala encoma umphathi-nkomponi esithi, "Si! unamandla, John," wambhasela ngeponti-, wabulela umfana kaDwadwa.

Ngenye imini umphathi-nkomponi lowo waxabana nomqikela.  Umphathi-nkomponi wayalela isithandathu sonke samapolisa antsundu ukuba siye kumbamba umqikela size naye kuye.  Aya ngokuhlonela umlungu loo mapolisa kuba ayemceba umqikela ngokhalipho lwakhe.  Kaloku nakuwo wayezibonakalise amandla akhe ngokugqwesa umsuthu.  Afika angqetha-ngqetha phambi kwaloo ndlu yayihlala umqikela kuyinqaba ukungena, umqikela ngokuva ezi zingqi zaba bantu bangade bangene wakroba ngomnyango.  Hi! awu, ngaba'ntu abatheni aba bangade bangene kucaca nje phofu ukuba ikho le nto bayihambeleyo.  "Yintoni?" ubuze watsho ngelizwi eliqolileyo.

"Uxolo, Diamini, sithunywe ngumlungu ukuba size kukubamba!" itshilo enye yaloo madoda.

"Ke, aningeni nindibambe nize kuyazi into endibhinqe ngayo! watsho umqikela aziqondela nawo ukuba unyanisile xa atshoyo.  Emka enyoshoza apho ukuya kuxelela umlungu ukuba akavumi kuza umqikela.  Wahlunguzelisa intloko umlungu encinciza esithi, "Hi awu! isithandathu sonke samadoda soyika indoda enye!  Hayi ke mos nifanele ukunxiba iilokhwe." Waya ngokwakhe umlungu ukuya kumbiza umqikela.  Ngokuzazelelela umqikela ukuba ukhonzile, wonile kananjalo wamlandela umlungu.  Wakha waya kuvalelwa kumnyama-ndawo okosuku olunye wabuya waxolelwa udlamini ngumlungu wakhe wabuyela kumsebenzi aqeshelwe wona ukuba awenze.

Ikhaba lakowabo ezolo lalimhlonele limhlonipha umqikela njengomntu omkhulu kulo, kambe ke limoyika nangobukhalipha bakhe.  Lamgcinisa iimali zalo ngazo zonke iinyanga.  Wayinyamekela umqikela into yokuba ngazo zonke iimpela-veki ababizele kuye bonke abo babegci.nise iimali zabo kuye.  Wayebatyisa ooni nooni.  Atyeba loo madoda aphuma iisheshe neziphika kukondleka zizimuncu-muncu zikamqikela.  Wawungafika apho enkomponi incoko ingomqikela umfo kadwadwa onobuntu, kanti amazinyo aza kuba ziinyanda.

Makuthi ukuphela komnyaka isebenza enye yala madoda ayegcinise iimali zawo kumqikela ibone ukuba mayifake itikiti ukulu-

74

mkisa ukuba iyagoduka.  Ukusuka kumlungu yaya kumqikela owayenguvimba wokugcina iimali zayo.  Yafika yathi, "Dlamini, ndize kukwazisa ukuba ndifake itikiti ndisendleleni ehambayo."
"lbhekisa phi loo ndlela uyithabathayo?" kubuza umqikela. lphendule le ndoda yathi, "lbhekisa ekhaya, Dlamini."
"Oo, intle loo nto yokuba indoda isebenze, isebenze igoduke; ke
ukwenjenj'oku?" kubuza umqikela.
"Hayi kaloku, Dlamini, kukho laa tiki yam ndandiyithe nca kuwe."
"Tyhini! unyanisile kanene; usayikhumbula phofu ukuba yayiyimalini na?" ubuze watsho umqikela cubhukileyo.
Wantyiloza ke umafrika wabantu ngokomlonji uhleli ehabileni ukuxela ukuba ngenyanga ethile wamnika imali ethile, watsho ezibala zonke iinyanga awayegcinise ngazo iimali zakhe kumqikela.  Ukuphetha warnxelela isambuku sayo sisonke.
Wangqina naye umqikela ukuba kunjengokuba loo mfo ethetha.  Uhambise wathi umqikela, "yiza kum, nam ndize kuwe: uyakhumbula ngempela-veki ethile nethile, nethile ufika apha endlwini
kum ukuza kutya ooni nooni?"
"Ewe, Dlamini, ndiyakhumbula," uphendule watsho umfo
wasezolo ilizwi lakhe liphelela engquleni.
"Ke wawucinga ukuba oko kutya kuvela kulonyoko?" kubuza
umqikela esamcubhukele lo mfo.
Nkamalala umntu wabantu embatshe okothuthu uyuthi kanti konk'oku encoma umqikela ngobuntu bakhe nje kanti umondla ngemali yabantwana bakhe.  Wafumana waphendula esithi, "Hayi kaloku, Dlamini, ndandingakucelanga ukuba undityise oku kutya

uthetha ngako.  "
UMqikela, "Ke uxhafuza nje uxhaphaza umqikela; akumazi ukuba umqikela unomfazi nabantwana ekhaya, ucinga ukuba apha erhawutini ndize kondla indoda eneendevu njengawe!  Imali
yakho uyityile; ke naku okwakho okuseleyo."
Wakwamkela oko akunikwa ngumqikela loo mfo waphuma enyoshoza kukudana.  Wavakala ezithethela yedwa esithi, "Kwo! akwaba imali yam ndandisuke ndaya kuyivalela esangweni kunayo yonke le nto.  Inene kunyanisiwe xa kusithiwa ukuzenza akufani nokwenziwa."'
Ngenye imini umqikela waxabana netshangana, njengoko irhawuti iyintlanganisela yeentlanga ngeentlanga.  Yaphuma yonke inkomponi yabukela inamasikizi okubona udwayi lwetshangana labantu liqhekezwa ubuchopho ngumqikela kuloo tha igangathwe ngayo inkomponi.  Lithe kanti itshangana labantu ligushe ibhoso.  Uthe xa aqalayo umqikela ukolula ezo ngalo zakhe zindembelele eza kulibamba ngobungalakambu, layeka itshangana

75

ngebhoso esifubeni.  Waphethuka ngokokhozi emoyeni umfo kadwadwa eqonda ukuba kunyembelekile!  Yenye into ngoku le ahlangana nayo ebengayilindele.  Wabalekela ukuzaphula, izithende zirheca ezimpundu.  Kambe ke athi amaciko, "zisindise ngenxa yobomi bakho," okanye, "balekani umsindo ozayo." Yinto awayihleka umphathi-nkomponi waqikileka, elila iinyembezi.  Wavakala esithi, "ja, bakubhaqile, John.  " Inkomponi yona yahewula ukubona into ebingayilindele, ngokukodwa abo babeziintshaba zikamqikela, kuba akakho ongenazintshaba kulo mhlaba ujikelezayo.  Ngamakhalipha nabahlobo bakamqikela kuphela abaqalekisayo bashwabula besithi kukuhlala kwamagwala kakade ukucutha umlo ngezikhali.

Ukuze aqonde umlesi ukuba elo Tshangana lalimhlabe nzulu umqikela wakha waya kulaliswa esibhedlela iiveki ezintathu.  Wabuyela enkomponi udlamini onikhulu sele ethenge umkhonto ejonge ukulincinitha liphele igama lalo elo Tshangana limenze into embi kangako ukuphantse limdlulise kweli phakade.  Wayexolile nokuba ugwetyelwe ukuxhonywa yijaji.  Uthe kanti udlamini uwuthengele ilize loo mkhonto kuba wafika elo Tshangana lalimhlabile selafaka itikiti lachitheka lemka kuloo nkomponi ngokucetyiswa ngamanye ukuba liya kubulawa lelaa Xhosa ukuphuma kwalo esibhedlela.  Waba ke ufa namthanyana umfo kadwadwa.  Lala ngenxeba, Dlamini; akuhlanga lungehlanga.

Uhleli umqikela noMaNzaba wakhe ezolo.  Ulishiye eli phakade ngomnyaka we-1946 awayenze umdliva womgidi ngawo umsebenzi Memani eza kwalusa unyana wakhe omkhulu umhleli osiqhulo sakhe singuskhilikithi.  UMqikela lowo ubhubhe eshiya uMaNzaba nonontomzana izibulo, nonongungu nontsolongwana novuyisile ithunjana.
Ndlela-ntle, Dlamini.








76

Amaziko amabini

Naliphi na ikhaya emaxhoseni lineziko esazulwini sendlu apho kubaswa khona ukuphekela usapho ukuze lulale lutyile.  Xeshikweni ingumnyaka wembalela ekugquba ngawo indlala woweva amaxhosa esithi, "ikati ilele eziko." Ngoko kutsho ke athetha ukuba indlala iyagquba ezindlwini akubaswa eziko ukuphekela

usapho.
Ngaphandle kweziko lokuphekela nje kodwa mahlanu amaziko okuphekela izinto ezizezinye ezibalulekileyo.  Iziko lokuqala ukupheka isimo somntu likhaya azalelwe wakhulela kulo umntu.  Umntwana ongenasimilo nantlonelo nentlonipho kubantu dbakhulu kuyaziwa luluntu ukuba ukhuliswe likhaya ongabaswanga kakuhle kulo umlilo kwelo ziko ukupheka nokubhadlisa ukutya okuyingqeqesho yokuphuhlisa isimilo somntwana.
Iziko lesibini sisikolo apho kuphekwa khona ukutya kokondia ingqondo yomntwana.  Eli ziko lisisikolo alibhadlisi ingqondo yomntwana nje kodwa, kuloko libhadlisa isimilo nesimo sakhe.  Wakha wathi ugqirha L.L.W. Sebe, umongameli-mbuso weriphabliki yeciskei, esengumhloli oncedisayo ngoko: "Isimo sesikolo usibona usekumgama weekhilometha ezilishumi ukusuka kweso sikolo baya okanye bavela kuso abantwana." Ngamanye amagama wayethetha ukuthi abantwana besikolo esithile babonakala besekumgama okude neso sikolo bafunda kuso ukuba bavela okanye baya kwisikolo esingqeqesho injani na.
Iziko lesithathu lelengqobhoko - oko kukuthi icawa.  Ibalulekile into yokuba umshumayeli azikhathaze ngokuyilungisa kakuhle intshumayelo yakhe xa aya kushumayela ecaweni kuba ngokwenjenjalo upheka ukutya aza kukuphakela imiphefumlo enxanelwe yalambela ilizwi likathixo.  Kwakhona kweli ziko liyicawa kuyafuneka ukuba umfundisi obiziweyo libandla okanye othunyelwe kulo abe ngqongqo ngengqeqesho kwelo Bandla.  Xenikweni sele ingene icawa-okanye inkonzo makungabikho mntu ungqombonyeka angene nje kodwa, kungahlatyelwanga culo.  Asilotyala lomntu ophethe iplani ukuba ixeslaa lokungena kwenkonzo ibe lelelinci elinomvo.  Kwakhona abashumayeli abathabatha inkongozelo mabasebenzise izitya zenkongozelo bangathabathi inkongozelo ngamaculo zikho izitya.
Iziko lesine lelomsebenzi apho amadoda neentokazi kuxelengelwa khona iimali zokondla iintsapho.  Kaloku umntwana nangona engowomzali nje, loo mzali umzalele ukuba akhonze isizwe.  Umntwana ongondliwayo ngabazali uba yingxaki esizweni kuba

77

uphathelela ebuseleni nakubukrelemnqa bokuqhekeza, agebenge abantu kananjalo.  Kaloku ulambile.  Asitsho ke phofu ukuba bonke abaqhekezi namasela baphuma kumakhaya abangondleki kakuhle kuwo, kodwa intsusa-mabandla kukungondleki kakuhle.
Iziko lesihianu nelokugqibela lelo kwenziwa kuqulunqwe kulo imithetho yokulawula ilizwe nesizwe.  Kuyimfuneko ukuba uluntu lulawulwe ngumthetho.  Le nto ibonakala ubunyaniso bayo nakwimfuyo.  Ihashe elingalawulwa ngamkhala, nenkomo engalawulwa ngakubotshwa ngentambo iba yindlobongela yendlavini.
Emahlanu enjalo la maziko apha kwesi sahluko siza kuthetha ngamaziko amabini kuphela.  Nangona sithe iziko lesithathu yicawa, ukuze elisibini ibe sisikolo siza kuqala ngeli ziko liyicawa kwesi sahlukwana.  Imbangi yoko kukuba kumzi ontsundu icawa yiyo eyaba liziko lesibini, yaza ke kwaicawa leyo yazala iziko elisisikolo.  Yiyo le nto mandulo izikolo zazilawulwa ngabefundisi phambi komthetho wemfundo yabantsundu owayilwa ngomnyaka we-1953.

Ngomnyaka we-1838 umfundisi ujames Read, awayesithi amaxhosa ngungcongolo, waseka ibandla lasehackney kwisithili sasehewu.  UMfundisi ujames Read lo wabe esuka kwiziko laseGangqeni awalithiya igama eliyiphilipton ngengqangula yomfundisi owayesaziwa kakhulu kwizinto zonibuso kweli lizwe lomzantsi Afrika, ugqirha ujohn Philip. lphilipton le isemilenzeni yeentaba zenkonkobe.  UMfundisi ungcongolo wenyuka loo mqokozo nomqhorho weentaba zenkonkobe waya kuseka elo Bandia lase-Hackney kunye neziphaluka zalo.  Kwezo hambo zinzima kangako wayephelekwe ngunyana wakhe owayekwanguJames Read naye.  La mabandla ayelunge kwihlelo lerhabe yamaDiphende.  Ulishiye eli phakade umfundisi ungcongolo ngomnyaka we-1851.  Wangcwatyelwa kwindulana ekufuphi naloo Cawa yasegangqeni ayisekayo.

Kuthe emva kwengqawule eyabe ingomnyaka we-1857 wavuleka umhlaba kakun-ikani uhintsa Phesheya kwenciba.  Kwilali yasezolo kwabonakala kufika isithandathu sonke samadoda awayevela ehewu.  La madoda abe engoomafanya, utshezi; uvananda, izizi lakwandlovu; ulupuwana, intlwane lakwazibula; uganjana, umiya; umpande wakwatshezi kunye nolusithi, udlamini kamvunele kanomagugu.

ULupuwana lo wabe eluzwathanzi olusukileyo kanobom egadeni.  Yena wayesisima-mhlaba kwilali yakucimezile apho ehewu.  Kwesi sithandathu samadoda safudukela ezolo ngulupuwana kuphela owayengumrhamente kangcongolo.  ULupuwana ezolo wafika wagxumeka kufuphi nevenkile kamnumzana ujim Smith.  Ngenxa enokuba ngulupuwana nenzala yakhe ababa zizima

78

	mhlaba kuloo lali yathiywa igama lokuba kusemantlwaneni.
	Kambe ke ngoku sibhalayo loo lali seyabimbilizwa yilali yase-
	Freyistathi ngokufika kozinziso.
Ngonmyaka we-1876 umfundisi ujames Read omncinci walityhutyha elabathembu ekhwele inqwelana eyayirholwa ngamahashe amabini.  Waya kumisa Komkhulu kwamgudlwa eqhumanco.  UMntwan'oMhle umgudlwa akulamkela ilizwi likathixo wamcandela umfundisi ungcongolo loo ntabalala yomhlaba wemishini ukwilali yaselucwecwe kwisithili sasengcobo.
Ukusuka apho elucwecwe ungcongolo waya kwilali yakumanzimdaka kwisithili sasecala apho wafika wemisa icawa.  Wadlulela kwilali yasezolo apho wafikela kulupuwana, umrhamente wakhe.  Walishumayela ilizwi likathixo ukuguqula loo maqaba asezolo, ephuma ebuyela kwalupuwana awayelala naye ngengubo enye.  Ngenxa enokuba ulupuwana wayengakwazi ukulungiselela isicaka sikathixo esingumlungu wamcelela kumnumzana usmith wevenkile ukuba azifumane khona izityo zakusasa, emini nangorhatya.  Nangoku abantu abadala bathi bakhula icawa yasezolo edipliende kusithiwa yicawa kalupuwana.
Kuthe ngenxa enokuba irhabe yasediphende kudala banqaba abafundisi kuyo, umhlekazi umgudlwa nomathwalimpahlana Vananda owayelawula ezolo ngelo xesha, banduluka ngooxholovane beenkabi zamahashe ukusinga ehackney ehewu ukuya kuzicelela urnfundisi kumfundisi ungcongolo.  Bakufika ehackney emishini bakhonjiswa indlela eya ephilipton egangqeni kwisithili sasempofu.  Bakufika ephilipton bamkelwa ngobubele ngumfundisi ungcongolo.  Wabaphulaphula ngovelwano bakuyibeka inkathazeko yabo yokufuna umfundisi.  Wathi akakho okwelo thuba umfundisi, kodwa uza kwenza unako-nako ukubafunela.  Kambe umathwalimpahlana, njengenkosana encinci kunomgudlwa, wayeyekele kumgudlwa lowo owathi ucela ukuba umfundisi lowo aze athi akufumaneka aye kuhlala phakathi kwabathembu elucwecwe.  Okwenene ngomnyaka we-1879 umfundisi ungcongolo wabathumela igatyana lomfundisi owayesavela emfuthweni edikeni.  Lowo ke yayingumfundisi usimon Peter Sihlali okhaya lokuzalwa laliserhafu.
Wasebenza uMfundisi,uSihlali elucwecwe kuba wawela waya kunkinkqa iimali zokwakha icawa yebhongo elucwecwe.  Kukuze akhe elo pomakazi lebhotwe lecawa yamatye aqingqiweyo.  Kambe nakwiziphaluka zaselucwecwe oomazolo, Mtshanyane nasemqonci wakha iicawa ezintle.
Bathe abefundisi belizwi likathixo bakuqonda ukuba nangona besondleka abantu abantsundu kukutya kwemiphefumlo ababebaphekela babaphakele kona basalambatha kwicala lokondliwa

79

engqondweni, bavula izikolo.  Kungoko kufuphi nezindlu zeecawa kwakhiwa ooronta bokufundisela abantwana babantu abantsundu.
Phakathi kweetitshala ezingazanga zisebenze kancinci kwiniishini kamfundisi usihlali neziphaluka zayo singabalula umnumzana uwilson Sidzaka Mafanya owayeyingqungqumbana.  Lo mfo wayezalwa ngunyana omkhulu kamafanya, uzazaza.  USidzaka walibona ilanga ngomnyaka we-1877 ngemfazwe kangcayechibi.  Imfundo wayizama sele emdala.  Wathi akuphumelela ibanga lesithandathu waya kusebenza.  Akuqokelela imali eyaneleyo waya kungenela ibanga lobutitshala - ifirst Year athe nayo' akuyiphumelela waya kusebenzela isecond Year.  Wenjenjalo wada wabuphumelela ubutitshala.  Kuthelekelelwa ukuba ezolo apho kowabo waqalisa ukufundisa ngomnyaka welindipasi we1896.

UMnumzana uwilson Sidzaka Mafanya wayetshatshele ngemfundiso yolwazi oluphangaleleyo kubantwana ababephume kwizandla zakhe, banenyweba yokusiwa ezisinaleni ngabazali babo.  Abo bantwana babefika bazibafule ngangokude babizwe ziinqununu zezo sinala basiwe kuzo babuzwe ukuba bavela kwesiphi na isikolo.  Kuhambeke kwahambeka athi umntwana akuthi uvela kumnumzana umafanya ezolo athi umntwana womlungu ngentetho yakowabo, "I thought as much."

Ngaphandle kwemfundiso udzaka wayengumzali wenene.  Ubesithi, njengenqununu, kanti izifika-mva zisiza nje uzibukele umfo kazazaza.  Wothi umntwana esathe goxe emlanjeni ehlamba isileyiti othuswe lilizwi likadzaka lisithi, "Masihambe kaloku, mntwan'am, siye esikolweni; musa ukucim'amasele," womqhuba ngaphambili udzaka loo mntwana aye kumngenisa kwelo gumbi alunge kulo.
Phaya ezolo kwilali yakwatshetshengwane ephethwe ngunkosana umaduma kwabe kukho ilali yasematolweni, oko uzinziso lwalungekabikho, eyayitshatshele ngobubomvu.  Wayihambela udzaka loo lali ebonisa abazali babantwana ukubaluleka kwemfundo, watsho ebabongoza ukuba bathumele abantwana esikolweni.  Okwenene ngenxa yeempembelelo zalo mnumzethu bakhutshwa ngendlu abantwana ngabazali ukubathumela esikolweni.  Bafika benxibe izikhaka nemibhaco yasebuqabeni ebomvu ngucumse.  Bakuhleka abantwana besikolo wabayala ukubabetha oku ngemvubu yakhe, ukubafundisa ukuba apha ebomini zikho izinto zokuhlekwa nezingezo zakuhlekwa.  Wathi umfo kamafanya kubantwana akukho kusihleka isizwe xa sikwimeko enjengaleyo bakuyo abo bantwana bafikayo; batsho abantwana bazibona ubutyhakala babo.
Ukwenzela ukuba kungabikho mahluko waqaba nongelo qaba udzaka waya kucela ikonsathi Komkhulu kwavananda nakwa-

80

Maduma , kumagosa nakumarhamente.  Wathi kanti loo konsathi uyenzela ukuthengela abo bantwana basematolweni izinto zokunxiba.  Ngaphandle kwezo mpembelelo zintle kangako udzaka wayenengqeqesho eqatha.  Bebesithi abantwana behamba nje phakathi kweiali begoduka kanti udzaka uhleli emboniselweni ubajonge ngomabonakude.  Inkwenkwe ayibone ichathe nentombazana, nabantwana ababone besilwa, kunye nababukele loo mlo ubebohlwaya uilzaka bakhohlwe kukubhala nakukuhlala.
UDzaka wabe eyintshantsheli emculweni.  Isimanga apho sikhona yena wayengakwazi mpela ukucula.  Kodwa indlebe yakhe yayibukhali ukuganga umntwana ocula tenxileyo ayalele umbhexeshi ukuba amlungise ngokumohlwaya loo mntwana uyilozayo.  Iculo wayekwazi ukwenza ukuba liculwe ngaloo ndlela aliboniswe ngayo elele lowo ebeliqamba.  Ngomnye umnyaka kwakukho iculo elithi:
"She answered not,
Butho-ho-ho;
Ho-ho-ho-ho,
She answered not,
But ho-ho-ho.  "

Wathi udzaka esakhe isikolo masimcule bumteketal bukothukarha uho-ho-ho lo.  Kuthe mhla ngogayi xa zazihlanganisene engqamakhwe zonke izikolo zesithili, wahleka walila iinyembezi UmLungu owayephulaphule amaqela aculayo, enika namanqaku, sakulicula ngaloo ndlela wayethe zeliculwe ngayo isikolo sasezolo udzaka.  Xa wayesele esenza intetho yokushwankathela umhloli womculo, umnumzana ubriton, wathi phakathi kwezikolo ebezicula kukho isikolo esilicule ngendlela eyodwa elo culo; kunjalonje silicule ngokufanelekileyo kuba sibe buteketa bukothukarha.  Kaloku lo mntu kuthiwa, "She answered not," yayingengomntu nje kodwa, yayisisithunzela.  Baziqondela nje bonke ababekho beze kuphulaphula ukuba eso sikolo sixelwa ngulo mlungu ayisosikolo simbi ngaphandle kwesikolo somfo kamafanya.  Saba ke isikolo sasezolo siyalifumana ikhaka.  Wayenza loo nto udzaka yokuzigqwesa izikolo emculweni mhla ngeemini zekhaka yada iminyaka yamithathu ilandelelana, ngangokude isikolo sasezolo sibhaselwe ngelo khaka.  Nanamhlanje xa umfundi anokuya kweso sikolo sikadzaka esesafuduselwa kwisiphalukana sasefreyistathi apho ezolo angafika likho elo khaka likadzaka.  Umnumzana uginyigazi Gladstone Mafanya ekuthethiweyo ngaye kwisahluko sesibhozo sale ncwadi wokhumbula umfundi ukuba xa wayesebhekileni ethorha nasethoboyi wabalasela ngomculo kwezo zikolo.  Wayephume kwizandla zikadzaka.

81

Ngomnyaka we-1935 awafumana ngawo umhlala-phantsi umnumzana Wilson Mafanya yazala loo ndlu yecawa yasezolo yaphuphuma ngabantu ababeze kuthi ndlela-ntle kulo mfo kamafanya.  Ngangobuninzi bemali eyenziwayo namabhaso abhaselwa ngawo udzaka loo nto yabonakalalisa yacacisa ukuba abantu bayenze yonke loo nto ngemibulelo eyayiphuma kumazantsi eentliziyo zabo kuba kwelo ziko lesisikolo awayeyinqununu kuso udzaka wabaphakela ukutya kwengqondo awayebaphekele kona kwabhadla kwada kwanuka isirhogolo.
Akahlalanga nje kodwa udzaka akuba efumene umhlala-phantsi, uye wangenela ubufundisi phantsi kwehlelo lamarhabe aseafrika kamfundisi umzimba.  Ubizo lwalo Mfundisi lwamsa kwimishini yelo hlelo ekwisithili sakugatyana.  Ulishiye eli phakade umfundisi uwilson Mafanya ngomnyaka we-l()44, wangcwatywa ngenkonzo ezukileyo ngabafundisi behlelo lakhe nangabezinye iimvaba.  Ushiya inkosikazi yakhe uMaDlamini, intombi kambuli emgcwe kwakwisithili sasengqamakhwe, kunye neentombi ezintlanu nonyana okuphela kwakhe udumakude, osisima - mhlaba kwilali yakwatshetshengwane.
Lala ngoxolo, Tshezi.








82

Ukusinda cebetshu

Ngaminazana ithile, ngolomgqibelo usuku evekini makasuke ukholekile, ogama lesiqhulo kube kusithiwa ngumdekhwele, asingise amabombo akhe kwilali yasemgwenyane kwisithili saseTsomo.  Wabe ethunywe kwabawo usimanga Mantanga, unxasana kamkhiwa.  Wayekhwele kuxholovane wenkabi yehashe yakowabo egama labe linguKhumbula-izinto-endikade-ndikwenzela-zona, ukulinqumla kusithiwa ngukhumbula nje kodwa.
Asikukho nokuba yayinomhambo le nkabi yehashe yalo mfana eyabe imvubo-mazimba ngebala.  Yayisithi ukuba icanda elalini amadoda ayithuke, abafazi bayiyizele, umlisela ube nehlombe; angasele ezicingela umfundi into eyayinokuba yayithethwa ngumthinjana.  Wathi khona lo mfana kamqede mhla ngomkhwelo x'a wayecanda loo lali yakowabo ezolo kwisiphalukana sasefreyistathi yahamba kwatsho kwadilika indlu kasikhova, umza kamqikela Dwadwa.  Kambe ke noko leyo yayibaliswa ngukholekile ngokwakhe.
Wanduluka ke lo mfana umdekhwele unyana omkhulu kamqede, wasingisa ngasetsomo ukulanda ibhulorho ekuwelwa ngayo loo mlambo ulitsomo.  Watyhutyha ezo lali zasematolweni nasengcongcolorha nakwaluthuli waye waya kungena emgwenyane emini emaqanda.  Wabunyathela ububele exhelelwa ziinkuku, egcadelwa maqanda yintwanazana yalapho engunomachule owabe efundisa apho kowabo emgwenyane.

Ngayo le mini labe lingeshushu ngako ligqats'ubhobhoyi.  Lalicaca nasesidengeni ukuba liza kuna, kunjalonje liza kugqekreza ngeendudumo nemibane kananjalo.  Uthe akuyiqaphela le nto umdekhwele wanxuba wakhawuleza walinxiba umkhala nesali ihashe lakowabo, nangona wayenqandwa kusithiwa makalale okanye ke alinde lidudume lidlule.  Intoni ke! umfana wacinga ngemitsi yenkabi yehashe yakowabo wazilandula zozibini ezo zicengo zokulala nokulinda izulu.  Kambe amaxhosa athi,'elokufa alityeli.'

Wahamba yena umdekhw)ele lifingiza njalo ngasentshonalanga phaya.  Kambe wayesele egqibe kwelokuba uza kunqumla ngezimfutshane iindlela ngokunqena leyo igwegwelezayo isa ebhulorhweni etsomo.  Leyo ke inqumlayo indlela iliwela itsomo ezibukweni nje kodwa, imbethise umntu kuloo lali yasenyulula kwesikadingiswayo.  Walitsala iintambo umdekhwele ihashe lakowabo lasabela, sakrukruza ngokusisithukuthezi isikhababa senkabi yehashe.

83

Kuthe kungekudala sithiwe zibathise ngamafu isibhakabhaka, silandelwa yimibane nokugoqoza kwenqwelo yakulomoses, sagaleleka isitshi sesikhukula sabutha amabibi.  Ukuzisindisa kuloo ntlekele umdekhwele wehla ehasheni wasithela ngohlololwane, ihashe elithe chu ngomkhala ukuba lingabaleki.  Ithe apho iqabuke khona sekuvele nomnyama lazola ngathi akukhanga kubekho mvula konke.  Nto yantama oko kukugquma kwemifula.  Waya kufika kumlambo wetsomo umdekhwele ungazalanga usidla izinti.  Wafumana wema apho phezu kodini enkamamungekile ngamakakwenze kwimeko enjalo.
Ngenxa yesibindi nokwazi ukuba inkabi yehashe yakowabo iyawuza yakungena emanzini walifaka.  Okwenene lawuza.  Kwalile xa asesazulwini somlambo kukude ngaphambili nangemva, umdekhwele walama umqobokazi omkhulu ududulwa ngamanzi uvela ngentla uthe ngqo kuye.  Uthe ngokuqonda ukuba ukuba loo mqobo umfikile womtsho intloko ibe bokoboko, ubuchopho bube ngaphandle wabona ukuba icebo linye makantywile, udlule phezu kwakhe loo mqobokazi.  Akukwenza oko uthi akazi nto ukuba kwenzeka ntoni na.  Waqabuka sekukho umfo omlalise ngesisu emvonya-vonya ukuba awakrapaze awahlanze loo manzi ayemtsho isisu sangumpoyiya kukuhlutha ngawo.
Akumbuza umdekhwele loo mfo wayemvonya-vonya ukuba ungubani na, emenza ntoni na, waphendula ezixela ukuba unguNokere kamkhwane kwakuloo lali yakwadingiswayo wayeza kunyukela kuyo umdekhwele akuliwela itsomo.
"Mfondini, undibone njani kweli dike lamanzi etsomo kude kangaka nemizi?" kubuza umdekhwele kulo mfo angamaziyo wayemvonya-vonya isisu.  Kambe ke zazise zibuyile iingqondo noko kumdekhwele.
Uphendule unokere wathi, "Ndithe bendihamba apha eludinini lomlambo, ndikhangela imfuyo engaba imke namanzi, ndakubona okuya ubusesazulwini somlambo; ndisibonile nesaa siqobo ubuzama ukusiphepha; ukuba besikuntlithile sakuntlala sakuntlabala ngesikutsho wayintlaka-ntlaka yentlekentleke yentlama.  Utyaphile usiphephe.  Okulihashe nawe ubuqu ibe ngulowo wahamba eyakhe indlela.  Ndithe ke, njengentlambi, ndaziphosa emanzini ndakuthi chu ngomnwel intloko le yakho ndazama ukuba ndiyigcine ingatshoiii emanzini urhaxwe; ukuba bendingakwenzanga oko unge ungakhanga uyicezele ukuyikhwela inqwelo yakulogabriyeli."
"Mfondini, mfo kamkwane, athi amaxhosa namaciko ukwanda kwaliwa ngumthakathi," utshilo umdekhwele edomboza ebulela.  "Limke namanzi na nalo ihashe likabawo?"
"Hayi, Zibula, alimkanga namanzi; naliya linamathele kuqaqaqa

84

likulindele, kodwa liyimpuluswa engenasaii namkhala," uphendule watsho unokere.
	"Hi awu!  Yini imaii engaka yakowethu ukumka namanzi; ndisandula ukuyithenga ke loo nto yona isali!" utshilo umdekhwele elusizi kunene.
"Awu! mfondini, ulilela ilize ke ngoku; ukuba bekumke isiqu
	sakho besiya kubuya sithatyathwe phi ngabantu bakwabawomkhulu
	umqede?  Kuba ke isali yona iza kuthengwa," utshilo unokere ukumthuthuzela nokumomeleza umdekhwele.
"Awu! wandichaza kangaka undazela phi, mfondini?" kubuza umdekhwele kulo mfo emangalisiwe ukuba umazela phina kangakanana.
"Ndiya kuthini ukungakwazi, Zibula, udade boyihlo unontwanazana endele ap@a enyulula nje kwasomwahla?"
"Unyanisile kanene; mfondini, uyathetha xa usithi isiqu sam ngesifunyenwe phi na, umlomo usindwe yimpumlo," utshilo umdekhwele.
Banyuka loo mqhokro uqabela kwadingiswayo ihashe belirhola ngeebhanti zabo ababezixokomezelele.  Akufika kwadadeboyise unontwanazana kwasomwahla, ukholekile wabolekwa isali, isingqwashu nonikhala.  Wathi apho alikhwele khona umfana ihashe lakowabo walikhuza lathi ukucanda kwalo kuloo lali yakwadingiswayo neyakwatenza kwaba ngathi akukhanga kuphantse ukuhla esinjalo sona isihelegu.  Nakowabo ezolo baqokela bathelela kwakumazwi kanokere ukuba babulela nje ukuba esinde ngamabonandenzile.  Isali nonikhala ziyathengwa; sona isiqu besingayi kuthengwa ndawo ukuba ubemke namanzi.








85

Unyuko

Kwilali yasezolo elilawulwa ngunkosana unganga kankosana umakhosonke Maduma kwabe kukho mandulo phambi kozinziso isiphalukana owawufika kuso wakunyuka loo mmango usuka ediphini.  Esi siphaluka sabe sidume ngobubomvu ngenxa enokuba abantu baso yayingamaqaba athi qhu, ambatha iingubo, imibhaco nezikhaka ezigalelwe imbola nocumse.  Kwakungahanjwa cawa ngabantu abakhulu nabantwana besi siphaluka, kungahanjwa sikolo kananjalo ngabantwana ekungoko umnumzana uwilson Mafanya owabe eyinqununu yesikolo sasezolo wazidinayo waya kubongoza abazali besi siphaluka ukuba bathumele abantwana esikolweni.  Kambe ke ngoku eso siphaluka sesabimbilizwa yilali ebizwa ngokuba kukomkhulu.
Kweso siphaluka sasematolweni kwabe kukho ujonginzuzo wasemabanguleni owaye eshiywe nelifa elikhulu nguyise uorhasi owaye elisebenzele nzima, eye kulixelengbla erhawutini.  Kambe nonyana wakhe uorhasi lo, ujonginzuzo walilondoloza ilifa awayeshiywe nalo nguyise.
Zimbini izinto ezazimangalisa abantu apho kweso siphalukana nezimelene naso bakuzijonga.  Eyokuqala yile: kuloo nyambalala yomhlambi weegusha neebhokhwe wawuleqa iwaka elivisayo kwakukho inkunzi yebhokhwe exhonti eyayidla ngokuwukhokela loo mhlambi ukuya kwintsimi yomntu ngelixa ukudla kukhula ngalo.  Kuya kwala xa ziza kuthi di entsimini ukuba ziza kuyibhuqa kuthi tu, abantu sebebamb'amazinyo, isuke iphethuke ngokukhawuleza loo nkunzi yebhokhwe ukuya ezingqaqeni.  Isishiqi esasikhwankqisa abantu sesokuba wonke loo mhlambi ibiwukhokele wojika ngokukhawuleza, nawo ulandele loo nkunzi yebhokhwe kungabangakho nanye ebeka umcondo kuloo ntsimi, neluma noko sisinye isithombo.
Esesibini isimanga esasibangela ukuba abantu bakhamnqe sesokuba nangona ujonginzuzo wayenconywa ukulunga wayengavumeli mntu ungena kuye ngokumlimela khona ukuze naye loo mntu alinyelwe, nokuba sisizalwane okanye isihlobo sakhe.  Wayengatsho phofu ujonginzuzo kuloo mntu ucela ukungena ukuba akafuni, kuloko umntu lowo woziqondela ngezenzo zikajonginzuzo ukuba akafuneki nganto.  Makusuke indoda esisizalwane sakhe ujonginzuzo iye kucela ukungena kuye ujonginzuzo ngenjongo yokuba nayo ize ilinyelwe, woyiyalela ukuba ize ivukele entsimini apho yofika sezikhona iinkabi zilima.  Okwenene iya kwenjenjalo loo ndoda.  Yothi yakufika entsimini belima oonyana bakajonginzuzo,

86

	ebambe ikhuba omnye, omnye eqhuba akhululeke lo ebebambe ikhuba, libanjwe yiloo ndoda ifikayo, aqhube omkhulu ogama labe lingujikumlambo.  Kuya kwala ngelixa lentlazane agaleleke unyana wesibini ujongwayibhokhwe nesakhe isipani seenkabi zenkomo, akhululeke unyana wokuqala nesakhe isipani seenkomo.  Yolima
so	loo ndoda kude kufike unyana wesithathu ujingisa emini emaqanda akhululeke owesibini nesipani sakhe seenkomo.  Kothi ukujika
	kwelanga agaleleke unyana wesine ujojumthakathi nesakhe
co	isipani ukuza kukhulula umkhuluwa wakhe.  Yohlala loo ndoda
	ekhubeni lide litshone eli lishushu ingakhanga iphumle oko ibibambe ikhuba ukufika kwayo.
	Ukukhululeka kwayo apho kwajonginzuzo loo ndoda yofika
	ekhaya idinwe ingenawo nasecepheni.  Yotya nje oko kutya kunga-
	ngeniyo kukudinwa, ilale obentlombe. lya kothuswa kukushuku-
ali	nyiswa ngumfazi xa ayibuza ukuba bolala betye ntoni na abantwana xa ilibele kukulala ide ivuze izinkcwe.  Yovuka loo ndoda iphathe-
zo	lele kwajonginzuzo ifike isesezolo oonyana bebabini. ibambe
Si	ikhuba okoko lide litshone eli ngokujikeleza kwalo mhlaba
	kwintsika yawo.  Yofika ithi emfazini kweso sihlandlo sesibini
ifa	ixolele ukuba balale bengatyanga abo bantwana endaweni yaloo nkohlakalo iyenziwa ngujonginzuzo.  Woyingqinela naye umfazi
	indoda yakhe ukuba uyayithanda, baxoze omnye umphini woku-
	zama ukuba kulale kutyiwe phakathi kwekhaya.  Yakuzirhoxisa loo ndoda kwajonginzuzo izipani ziya kuba zibini kulima onyana

la	bakajonginzuzo bobane.
	Kuthe ngomnye umnyaka apho kwicawa yasezolo kwafika
qa	umarhazula womvangeli okhaya lakhe lokuzalwa lalisenquqhu
a-	kwisithili sakucofimvaba.  Igama laloo mvangeli labe lingutimothy
Si-	Mabhengu ababesithi abakhokeli nabashumayeli ukumqhula
	ngugxeleshivesi.  Lo mfo wasemahlubini akwarhadebel ugxele-
	shivesi, wenza umtyhutyhumezo weemvuselelo kwezo lali zasezolo
ko	ukuzama ukuqhuqha imbola nocumse kwiingubo, imibhaco neentliziyo kwezo ziphalukana zeelali zasezolo kwamaduma
so-	nakwavananda njengoko icawa nesikolo sezi nkosana sasifudula
ikela abantu kuba lo mfo kamabhengu wayeshuma-

sisinye.  Bazin
yela kungamili ngca.  Kwiimvuselelo zakhe waye waya kumisa
ho	iintente nakweso siphaluka sasematolweni, ugxeleshivesi.
ni,	Washumayela ngobo busuku wajuba, wagalelwa amanzi umfo
	kamabhengu.  Akazanga abe nakwenza ngakumbi ujonginzuzo ngaphandle kokuya esiguqweni eqonda ukuba kunyembelekile
	ngaloo mini, uhlangene namntu wumbi umbinze entliziyweni.
ho	'Kwakuyiwa kuye wazinikela, wathi igama lakhe malibhalwe
00	emqulwini.  Batsho bonke ababelapho ukuthi, "Amen," akuzinikela

zo,	ujonginzuzo.

87

"Inkawu ityiw'.ilila"

UNciphana kamgijima kahlongozo kwilali yasezolo elilawulwa nguvananda kwisithili sasengqamakhwe phaya yindodana eyayidume ngokhalipho engabuyi mva xa alwayo.  Lo mntu enjenjenje unenkani nokuzicingela ukuba uyazi.  Ayinyali ukumenzakalisa loo nto umntu ongqondo inje ngale kanciphana.
Ngenxa yokuqonda ukuba incinci imali efunyanwa ngumntu onemfundwana encinci njengaleyo yakhe unciphana xa asebenza kwimigodi nakwiifama, wagqiba kwelokuba aye kuzifunela umsebenzi ekapa.  Wenjenjeya ke umfo omkhulu ukuya kubamba ibhasi kuloo dolophana yasetsomo.  Yona loo bhasi yaya kumtyekeza eqamata apho abimbilizwa ngunomkhehlane owaya kumtyekeza kwisixeko sasekomani.  Yemka naye inqwelo yamahilihili esinga ekapa icanda loo micangalabe yamathafa asekaroo yaya kumtyekeza ekapa kusuku lwesiihathu esukile emaxhoseni.
Wafika kwisikhululo sasekapa unciphana ehlangatyezwe ngoogxa bakhe abamthwalisa impahla ukumsa kwiplatform ema uloliwe kagesi osinga kwalanga.  Akufika loo loliwe wababimbiliza waya kubahlanza kwalanga.  Bacothoza ngeenyawo bephathisene ukusinga emaholweni apho kuhlala amasoka.  Wamkeleka kwikhaba lakowabo elambuza iindaba zasemaxhoseni ezinje ngokunqaba kwemvula, ukubalela kwamalanga, izilimo nezivuno njalonjalo.  Naye ke unciphana wayiphendula kakuhle yonke loo mibuzo.
Ngenxa enokuba wayengenamali yaneleyo yokusoloko ebamba uloliwe wegesi ukuya nokubuya edolophini ekapa, unciphana waya kuhlala, kwikhaba lakowabo elihlala edolophini.  Abanye babo babehlala enapier Street, abanye behlala esahabo Lane off Chiappini Street.  Yena unciphana waya kuhlala kule yamva indawo.
Kusuku lwesithathu unciphana akuqonda ukuba uphumle ngokwaneleyo waphathelela ekufuneni umsebenzi.  Walityhutyhatyhutyha elasekapa ephuma engena kuloo mizi yabelungu.  Kweminye imizi wayelandulelwa, kweminye eheshwa okomshologu esathi cakatha ukungena.  Kweminye imizi wayethintelwa ngumbhalo osesangweni othi, "Lumkela inja." Abone ke naye utshezi ukuba makangayi kuzifaka emlonyeni wengonyama ewubona.  Wenza eso sithukuthezi semihla ngemihla umntwa'kamgijima zada zaphela zathi nqu iicawa ezintandathu.  Waqala kaloku ngoku wangenwa ziinkolo zokuba mawube mkhulu umgqwaliso asuke nawo kowabo ezolo.

90

i)ela-veki n olomgqibelo usuku makathunywe

Ngenye im.          9
ngomnye umf o wakwazibula ogama labe lingumhlekude.  UMhlekude lo wayemthuma lo mfo wakwatshezi ukuba aye kumthengela ioverall.  Uthe xa atsiba umgubasi unciphana ukuya kwenye yeevenkile zamayuda ukuya kuthenga loo overall walunyukiswa ngugxa wakhe ogama linguntuntu kasigingxingxi ukuba aze
nie	alumkele ootsotsi.  Yinto leyo engazanga imcaphukise kancinci
isa	unciphana.  Wabuza gadalala kuntuntu apho ukuba bekuthiwe akayazi kusini na idolophu le nto ade amlumkise.  NoMhlekude
kuba uyazazi izimboyimbo zedolophu.

wamngqinela unciphana u lo wayefuna ukuba ahambe ngokuzi-
nza	Ngoko kutsho umhlekude

e-	themba unciphana.  Kambe ke unciphana ukungazityhafisi

i	wagusha isigqigqana somnqayi esithi nobi:lg-antsontso bakhe buya

za	kwenza ukuba ezi ntwana zigezavo zingagezeli kuye.

za	Wahamba ke unciphana ukuya kuthenga loo overall wayeyi-

thunywe ngumhlekude.  Uthe akuyifumana wabuyela esahabo

-	Lane apho wayexhwarhe khona ebetha kancinane.  Uthe esahamba

nialo, eyithe khu ekhwapheni loo mpahla wayeyithunyiwe,

lomfana elambulisa lilekuzeka bubu-

0-	wahlangana netyendvana
ema	bele, naye unciphana waliphindisela ngendawo ekwanialo.  Liye,
za	lathi elo tyendyana limondele ebusweni, oko belimbambile
sene	ukumbulisa kwalo.  "Hi, mfondini, ndiza kuthi ungubani kanene
kwi-	ndikwazi nie; akuzanga ukhe uye kusebenza enkomponi erhawutini?" Libuza loo mbuzo nje elo tyendyana lalingamazi nokumazi.
alo-	Ukumbuza oku ukuba akazanga asebenze nkomponi kusini na lali-
loo	mgqale ngesi-nxibo kuba ivest le inemikhono, iq.hotyoshwayo, utshezi na e wayesuke wayivelisa phakathi komgobo wehempe

y
amba	awaye eyinxibile, labona ke irhumsha ledolohu ukuba yimoegoe
hana	kamampara leyo, ngabula intetho yoburhumsha yasezidolophini.
anye	"Ewe, ndakha ndasebenza ixesha elide eseventini ecrown
Off	Mines" uphendule watsho unciphana.
amva	"Bendisitsho rnos," litshilo ityendyana seliyekile ngoku ukumbamba.  "Kanene ungubani igama lakho?" lizondelele labuza

e ngo-	ityendyana.
UNciphana-.  "NdinguNciphana kamgijima ezolo engqamakhwe."
Ityendye:	"UNciphana kamgijima ezolo engqamakhwe," lisitsho
ntu osisithulu; liyazekelela

msho-	n)e lithethela phezfilu oku kom
	nokuwabiza la magama oku komntu owabiza ngathi ufuna ukuba
naye	angamphuluki.
ei ewu-	UNciphana waba bumangaliswa ukuba ingaba lo mf ana sisithulu
ima	kusini na.  Kambe ke wabuya wayilahla loo ngcingane, niengomntu
ngoku	oqalayo ukudibana naloo mfana.  Naloo mfana wazazisa ukuba
asuke	ikhaya lake likwilali yakwaluthuli kwisithili sasetsomo.  Naye wayekhe waya kusebenza eseventini apho kuloko wathi ngenxa

yokweya imali wabona ukuba makeze apho ekapa.
"Nam ndiziswe kukuza kufuna imali ngokusebenza kwindawo ehlawulayo; kuloko ke andiwufumani umsebenzi, yicawa yesithandathu le ndiwufuna ndingawufumani; sendifikelwe yinto yokuba ndiphindele kwakwelo Rhawuti, endaweni yokuba abantwana b.am balale bengatyanga," wayithetha loo nto unciphana ezibambe

ngeenkophe bubuhlungu bentliziyo.
Ngalo lonke elo xesha unciphana athethayo elo tyendyana aliyekanga ukuthethela phezulu, liwaphinda-phinda onke loo magama ayethethwa ngunciphana.  Kanti elo tyendyana lisenza yonke loo nto nje lilungiselela ugxa walo owayekumgama ongangokugityiselwa kwelitye, owayewachola-chola onke loo mazwi namagama awayewathetha unciphana.  Akuba ekubhale konke okwakuthethwa ngunciphana wenza umqondiso apho kugxa wakhe ukuba ukusele konke, angayeka ukumbuza ezinye iinkcukacha.  Wathi phinyephinye ngezo zitalato zasekapa weza sele evela ngaphambili kunciphana nogxa wakhe wabumini.  Wayesele ethwele isidlokolo somnqwazi wemfene awayewugxulushe brifkheyisi awayeyi-

phethe.
Kwafika koonciphana nogxa wakhe into eyayisele ibonakalisa izimbo-yimbo zomarhazula wegqirha elalibhodla, lihlasimla, lisakhama.  Yafika le nto yathi kunciphana nogxa wakhe wabumini, "Kha nime! ndinganinyanga ngoku!  "
Bema noonciphana bekhwankqisiwe ngulo bhengez'ihlebo wegqirha; kambe nokothuka kunciphana kwakukho.  Noko ke wazibamba njengendoda.  Ugxa wakhe lo wabumini naye wazenza

owayengathi wothukile.
"Wena!" litshilo igqirha linyanga unciphana, "UnguNciphana
kamgijima, ezolo engqamakhwe!"
"Thixo wamazulu!  Ukuhamba kukubona; oko ndazalwayo ndiyaqala ukulibona nokuliva igqirha elingumarhazula ngolu hlobo," kutsho unciphana ekhwankqiswe ngulo Nongqawuse wegqirha umazi igama nekokwabo; kula magqirha abaxokisa
kangakanana abantu.
"Makube eli gqirha ngala athwasa ngomlambo," utshilo unci-
phana esazithethela yedwa.
"Uhlala esahabo Lane; uneeveki ezintandathu udinga umsebenzi; akusoze uwufumane kuba flhamba nje kukho uthikoloshe okula-
ndelayo," litshilo igqirha.
Akazanga abe nakuzinceda unciphana kukumangaliswa awayenakho.  Wavakala esithi, "Phosa ngasemva, gqirha!  "
"Nangoku unomgqwaliso onawo obangela ukunambuzela kobuso.  Kuyathakathwa kwindawo osuka kuyo; hayi wona umzi ongasempumalanga kowenu, baphuma ngorhatya abafazi balapho ukuya

9 2

		kwaspelamani!" liyithethe le nto igqirha lee jaju phaya; ngokwe-
	0	a lokukha bahlinzimpuku unciphana
		njenjalo lalibanika ithub

	a	nogxa wakhe. njenialo kuba wavakala umhlobo kanciphana
		Okwenene be
		wabumini esithi, "Mfondini, wakha waliva Iona elinje igqirha?"
	e	"Ndihleli nje nam ndimamanisekile ukuba livela phi na igqirha
		elinje kula maxoki. Ukuba bendinemali ngendinyuka nengalo
	e-	ukuba lindisebenze ndifumane umsebenzi, kuloko ke ndikhohliwe
		kuba ndingulo malahlwa nofele ndinguye," utshilo unciphana
	00	ethetha kalusizi.
	i-
	"Mfondini kamgijima, unethamsanq,a elihle njengombane'
		ukunyangwa ligqirha ngolu hlobol likuxele igama lakho nenduvvu
		ohlala kuyo. Mhlawumbi umhlekazi akangawo la magqirha anyo-
	ele	lukele imali; angakulinda ude ufumane umsebenzi andule ukuya
	e-	kuphuthuma umlandu. Masikhe sicofe kwaphaya kuye."
	iii	"Kulungile," ungqinewatshouNciphanakugxawakhewabumini.
	lo	Okwenene basondela kumhlekazi, wathi umhlobo wabumini
		kanciphana, "Uxolo, Mhlekazi, sinyuka nengalo; ke kaloku
		umhlobo lo wam unanto imxakileyo, angeze azi nokuba unoku-
	isa	vuma na, njengabantu abaqala ukubonana nabangaqhelananga."
	la,	"Yithethe ndiyive," litshilo igqirha lihlasimla, selisenziwa
	u-	nangumhlola. Uzithethele ngokwakhe ngoku unciphana wathi,
		"Mhlekazi, ndinyuka nengalo; kuloko ndixakwe kukuba andise-
	ebo	benzi, njengoko sele utshilo emhloleni; ke kaloku ndixakwe yinto
	ke	yokuba imvula-tasi nomlandu ndozithabatha phi na ezo zinto."
	za	"Leyo yomlandu nemvula-tasi andiyiseso konke. Nto ndiyifunayo
		yeyokuba wahlukane msinyane nalo mgqwaliso, uze kuqeshwa
	a	ngabelungu. Ukuba ungumntu onenyaniso ndobona ngawe."
		Litshilo igqirha ukuvelana nonciphana.
	ayo	Bayana ngamehlo unciphana nomhlobo wakhe. Uqokele unci-
	lu	phana wathi, "Kha urhole iinduku zakowenu ke, Mhlekazi, ndize
	se	kubona," utshilo unciphana kalusizi kodwa ngokuzimisela.
	kisa	"Utshw'endodeni! " utshilo umhlekazi sele ehlasimla ukumqini-
		sekisa nokumomeleza unciphana kwesi sigqibo afikelele kuso.
	ci-	Uhambise wathi umhlekazi, "Uyasibona esaa sibonda simnyama?
		Baleka uthi ngqo kuso, ube ngathi uleqwa ngusathana; ungakhe
	nzi;	ulinge unyeke ngemva. Ukuba ukhe wayenza loo mpazamo, lo
	a-	thikoloshe ukulandelayo akasokuze ahlukane nawe. Shiya nje
		yonke into onayo noyiphetheyo apha kulo mhlobo wakho; ndithe-
	e-	tha mna nkqu nemali. Eli yeza ndinalo lalana nomntu olisebenzise
		ebilile. Nangoku uze ufike ufuthe ngalo ngoku usemanzi apho
	SO.	uhlala khona. Ngxama ke!" utshilo umhlekazi ekhuthaza umnya-
	se-	ngwa wakhe.
	a	Okwenene unciphana washiya zioverall, zimali, konke nje

93

okushukumayo kulo mfo adibana naye bumini, akabaleka ngako ukuya kweso sibonda ebekhonjiswa sona wathi, 'Yaphuka, thambo.' Ubuye kwangeso santya ebesuke ngaso.  Kwizinto zonke kulo mhlaba unamagada ahlabayo akukho idlula ithemba lokuqatyeliswa kwinkathazeko ongafumani buthongo kuyo.  Kwaba njalo ngale mini kumfo wakwatshezi.  Akufika unciphana kuloo ndawo wayeshiye kuyo igqirha nomhlobo wakhe wabumini wacinga ukuba kuqala makube amehlo akhe asathe lwale kukwenziwa liphika nakukubila akungababoni, kodwa lithe lakuthi bembe iphika, akuzisula nokubila waqonda ukuba akamkhohlisi, ngenene akukho bambi baphel'emehlweni basala ezintliziyweni.
Yaqala kaloku ukuthi qatha engqondweni yakhe into yokuba ngabaa tsotsi ebelunyukiswe ngabo nguntuntu.  Kananjalo loo meko babemfake kuyo ukunihlutha impahla nemali nako konke okushukumayo bengakhanga basebenzise zigalo yamfundisa into yokuba amandla engqondo ayawagqwesa amandla omzimba.  Yaqala kaloku yafikiswa kolo dwayi into yokuba emva kokumka kwempahla yakhe into eya kulandela sisiqu sakhe.  Kungoko wenza ingqobe ukuya esahabo Lane apho wayexhwarhe khona.  Wangena egibiselekile waya kuma entla, kunzima nokuthetha liphika nomothuko.  Lothuka lagxuma ikhaba lakowabo.  Akuyiva yonke injece umhlekude wavakala esithi uzibula omkhulu, "Tyhini, Tshezi!, abo bantu ukunga abazani bebekudyobha ngentshongo emehlweni; ngamaphuthi ahlathi nye lawo."
LJNtuntu yena wazithethela yedwa esithi, "Kodwa nokuba akatsho uyayiqonda into yokuba isala kutyelwa sibona ngolophu.  "
Kwindlela egodukayo ahamba ezincoma loo maququlurhana akhuthuze unciphana ngendlela ekhohlakele kangako.  Lakha lathi iciko loku thetha, "Umntu unamacala amabini, elobuntu xa asenofefe lukathixo, nelobulwanyana xa angenalo ufefe lukaThixo".  Kula maququlurhana mabini akhuthuza unciphana ngobunje bona ubuqhetseba wathi lo wayesenecala lobuntu, "Mfondini, singathini ukwenza into ekhohlakele ngoluya hlobo ukukhuthuza udwayi olunjeya oludinga umsebenzi kangakanana?" Uthe ukuphendula uwabo Iowa wayezenza igqirha, "Mfondini, usizi.alutyiwa; athi amaXhosa,'Inkawu ityiw'ilila."' Kambe ke lo mfo ubezenza igqirha wabe eyingcuka ezambathise ngofele lwegusha ngokukh@hlisa abantu.  Komnye umzi wegusha wakha wacelwa ukuba aye kunyanga umntu owayegula, siphele tu isiqu sakhe kukugula ithuba elide.  Wafika urheme emhloleni wanyanga ukuba umguli utyiwa yimpundulu; ukuba banokukhupha ithokazi eligudileyo elimpuluswa lomlandu angayibhabhisa bayibone ngamehlo loo mpundulu.  Bavumela phezulu abantu baloo mzi kuba kwakuse kukade begulelwa nguloo mntu.  Wabetha

94

ngenqindi phantsi umhlekazi ukubaqinisbkisa ukuba uza kwenza izinto zamehlo.
Okwenene ngobo busuku amadoda athontelana kuloo ronta wayegulela kuyo umguli. lgqirha layalela ukuba kubaswe umlilo wamalongwe.  Kwalile xa uvuthayo, sekuthe minyi umsi kuvulwe ifestile enye, nafestile eziya zakudala zazingangenqindi lendoda wagalela iyeza umfo wasemzini lalwandisa ngakumbi ungcume kumadoda awayelapho.  Kuthe kanti urheme uvule ibriefcase awayegxulushe kuyo ihobe kula mahobe afuywayo.  Wathi akulikhupha kwibrifkheyisi labhabha lathi pr-pr-pr.  Yinto leyo eyabangela ukuba amadoda ankqwile ngumothuko nakukukhwankqiswa ngulo Nongqawuse, iyileyo indoda isoyikisela isiqu sayo ukuba hleze ikhatywe yiloo mpundulu, ihlanze igazi, luhlanze uselwa.  Avakala ekhuza esithi, "Nantso, Thixo, yiyo kanye, yimpundulu!" Lathi lakubona inyoba yefestile ihobe lee phundlu laphapha

lagoduka.
Lawakhalimela igqirha ukuba angabafazi kusini na le nto akhuza kuve nohamba ngendlela!  Ukuba ebengenzanga njalo ngele eyibhabhisile ayibona ngamehlo laa mpundulu.  Imkisele ngokusuka akhale ngokungathi angabafazi.  Atyholana kwakutshiwo ligqirha ayeka ngokusuka kubonakale ukuba loo mpikiswano noko kutyhoemka liyiqhuba loo nkomo yomland lana kogqibela ngeziqwayi.  L
elo rhumsha.  Kuloo lali belinyanga kuyo lasala lingundabamlonyeni.  Wabhubha yena umguli ngobo busuku baloo mini lanikwa ngayo umlandu.
Zininzi iindlela zokuphila.








a



a

a

95

"Esenza imihlali yozuko lwakhe"

AmaXhosa xa athiya umntu igama elingathiwa pahahal koko lisithiwa cihoho, adla ngokumthiya ngaloo mikhwa okanye imikhuba esiyelele kuyo isimo sakhe.  Asilazi ncam elona gama lalo mnumzana siza kubhala ngaye kwesi siqendwana.  Inkoliso yabantu yayisithi ngumaqhetseba, abanye besithi ngumaqhingana, abanye besithi ngudyaki, bambi besithi nguhlakanyane.  Kambe ke njengoko wayesisimamhlaba saloo lali yasengculu kufuphi nedolophu yasengqamakhwe masithi ngungculu igama lakhe.  Lo mfo wayengemde engemfutshane ngesithomo, ephakathi nje.  Wayemhlophe ngebala oku kokungathi ngumlungu okanye umntu webala xa uhlangabezana naye.  Yinto yasemanywabeni le.  Ukuqala kwethu ukumazi lo mnumzethu wayefundisa engcisininde kuloo lali imelene nedolophu yasengqamakhwe kuthiwa sisiphalukana sasendimangeni, ekweso sikolo sasetshetshi oko izikolo zazisalawulwa ngabefundisi.

Ngenye intsasa wathi ungculu xa aya esikolweni ekhwele kuxholovane wenkabi yehashe wahlangana nomfana wakwabawo ugungqani eqhuba ibhokuva yenqwelo itsalwa lishumi lonke lesipani seenkabi zenkomo sikhokelwe yinkwenkwe.  Kuloo bhokuva kwakuxhonywe amabhali oboya.  Akukhova ukumbulisa ungculu loo mfana wayeqhuba loo nqwelo ugama lingumakhwenkodwa wambuza amavelaphi namayaphi.  Wachaza umfana ukuba basuka kwikhaya labo, bathunywe nguyise ugungqani ukuba baye kuthengisa uboya kwivenkile yakwabrili ehebehebe.  Ngokuwazi ungculu loo mzi wakwabawo ugungqani ukuba kutyetyiwe ngemfuyo, ' kwanokuba kulawula ubungqingqwa bobumnyama ukusuka kugungqani kuye emfazini nasebantwaneni, wagxidika ehasheni wakhupha incwadana awayeyigxulushe kwisikhwama sesali wabhala kuyo oko wayekubhala, akukhova ukwenza oko wanika umfana lowo ungumakhwenkodwa ukuba aze ancede angenzi ngakumbi anike ubrili loo ncwadi ngako nje ukuba bafike evenkileni.  Akukhova ukwenza oko wabetha ihashe lakhe ungculu lasadula ukuya kutshona engcisininde.
Kanti ungculu wamzuzu kuloo ncwadi ayibhalele ubrili umyalela ukuba loo maboy akhe aze athi akufika nobo boya bakhe apho evenkileni abubeke nje esikalini abhale ubungakanani bobunzima babo encwadini.  Akukhova ukwenza oko aze anike loo boy inkulu kunenye ihempe.yekhaki, ukuze le incinci iboy ayinike isithabathaba.  Elo phepha wayelibhalile ungculu akazanga alifake nasemvulophini.  Nabanini kuliphathiswa iphepha abazanga bazidube

96


ngakubuzisa kwabafundileyo ulutho olubhalwe kwelo phepha, mhlawumbi ngokungafundi okanye ngokunqena ukubuzisa ngenyewe ebhalelwe umntu, namntu umlungu ohlonitshiweyo nohlonelweyo ngabantsundu phesheya kwenciba.
Bakufika evenkileni inkwenkwe leyo yayikhokele, igama lingu-
	Thabile, yayidlulisa ngoko nangoko kubrili loo ncwadi.  Akukhova
	ukuyifunda incwadi abeyibhalelwe ngungculu ubrili wanika umakhwenkodwa ihempe, uthabile wamnika ingxowa yecuba
	ngokomyalelo womqeshi wabo, ngabula Ngculu kuloo ncwadi
. e-	wayeyibhalile.  Ubungakanani bobunzima boboya ubrili wabubhala
hu	encwadini.  Wemka umakhwenkodwa nothabile kuloo venkile
e-	kabrili bethe saa luncumo ngenxa yezo zinto zintsha bazinikwe
e.	ngumlungu.  Bafika ekhaya bayibalisa ngebhongo into entle abaye-
xa	nzelwe ngu Brili.  Akubuzisa ngemaii yoboya ugungqani kubathu-
athi akakhange abanike umlungu.  Loo nto yokunga-
	ali			ntwana bakhe abebathume evenkileni
	a			se, ingazanga immangalise kananialo.
	a-			abatha niengenqaku lokuba usisityebi
				e nangunovenkile wangapha ehebehebe
	ele	engowasen s n	e yi	. Nento yokunikwa kwabantwana
	0	bakhe iher	ngumlungu wevenkile yamkhukumalisa wathi

ngaphakatt - akabe ubrili uvuyela obuya boya bungaka abeye

loo	kumthengisela bona.
sa	Ukuphuma kwesikolo utitshala ungculu wayitsala inkabi yeha-

e-	she lakhe ukusinga evenkileni ehebehebe apho wafika wadomboza

ana	ebulela ubrili ngakwenzileyo ukunika izicaka zakhe ezo zinto abemyalele ukuba aze azinike zona.  Emva kwaloo mibulelo

e.	ungculu wamkela elo khipha lemali kubrili wemka kuloo venkile

	e-	ethe saa luncumo.
	obu-	Makuthi emva kweve
	. I	nokwamkelwa kwemal
	she	ugungqani nako ukusi
	va	kwamkela imali yakhe
	a	abantwana bakhe. Laf
	nie	"Bhota, nkosi."

enzekile inyewe yokuthengiswa koboya ophe inkabi yehashe ubawo ehebehebe, ngelakhe esiya e ngumlungu ongayinikanga ixhego labantu labulisa ngobubele,

she	"Ewe ke, bhota; ungubani kanene?" wabuza watsho ubrili.  "NdinguGungqani,,nkosi," waphendula watsho ugungqani.

a-	"Masithethe ngokukhawuleza, madala, ivenkile izele ngabeze

apho	kuthenga; ubuthetha?"
zima	"Ewe, nkosi, bendithetha," utshilo ugungqani ebumangaliswa

u	ngulo mbuzo.
a-	"Khawulezisa, mfondini, uthethe le nto uyihambeleyol" utshilo
nase-	ubrili efuna ukungamhoyi kuba ngenene umlungu wayexakeke
dube	ngabeze kuthenga.  Yena umlungu wabantu wayecinga ngeshishini

97


lakhe engenaxesha lengqondo yomntu ontsundu ethabatha kade
ukucinga nokungena kowona mxholo asukuba efuna

ukuwuthetha.
"Kaloku, nkosi, bendize kuthabatha laa mpahla," utshilo ugungqani ekhawulezisa ukuthetha yena ngelakhe.
"Bawo, biza ngegama le mpahla uthi uze kuyithabatha; musa ukuthetha ngezikweko, andiyontombi, wena akungomfana bona bancokolisanayo," utshilo umlungu ebukruquka.
"Yilaa mali, nkosi," utshilo ubawo ugungqani, ngelakhe ezama ukuhlangabezana nengqondo yomlungu ekhawulezayo.
"Yimali ebitheni, Bawo?  Ndiza kungakuhoyi ukuba akuthethi nto ithe ngqo," utshilo umlungu.
"Yilaa mali yoboya obabuziswe ngumfana nenkwenkwe ngenqwelo; abaya wabanika ihempe necuba."
"Oo! ndiyakhumbula ngoku; hayi, Bawo, makube uyaphazamal obo boya uthetha ngabo yayibobukatitshala ungculu; ingqina laloo uto abo bantu uthetha ngabo bafika bephethe iphetshana ababeliphathiswe ngutitshala ungculu ukuba ndilinganise uboya bakhe esikalini, imali ndiyigcine, abasebenzi bakhe aba uthetha ngabo ndibanike ihempe necuba.  Imali leyo ungculu waza kuyithabatha kwangaloo mva kwemini, ndamnika," watsho umlungu ukumca-

cisela ubawo ugungqani.
Alizanga likwazi nokuphendula ixhego ngumothuko nakukumangaliswa ngulo mhlola wentsomi liwubaliselwa ngulo mlungu.  Lafumana lathi emva kwethuba elide.  "Hayi, nkosi, yimali yam leyo wayinika ungculu; akazani nobo boya konke," litshilo ixhego libucaphuka.
"Hayi ke, Bawo, asiyomhemhe yam ukugqebhana kwenu iinduma nongculu; kwafika abantu abo uthi wawubathumile bephethe incwadi abayinika mna esandleni ukuba imali kangculu ndiyigcine; kwakutheni bona ukuze bangayifundi into eyayibhalwe kwelo phepha?" kubuza umlungu emangalisiwe naye bobo buyatha babantu abadlisa imali kayise ngomntu nje abadibana

naye esithubeni.
ngqani kalusizi.
"Hayi, nkosi, abafundanga." kutsho ubawo uGu
"Oo, balibele kukwalusa iigusha neenkomo ezifana namagqabi omthi avuthulukayo;tayeka imfundo elilifa labo?  Hayi ke asilotyala lam ukungafundi kwabo.  Nantsi into, mna, endikucebisa ukuba yenze: yiya kungculu uye kubiza imali yakho.  "
Okwenene ugungqani wemka ethe nxokotho intloko kukudana nakukucaphuka.  Yaba sisityambele inkabi yehashe ukuphala isiya kwangculu.  Ngethamsanqa wamfumana esekhaya engayanga sikolweni kuba yayi1oloMgqibelo usuku evekini.  UNgculu wambona esaqhumisa olumbhoxo uthuli ngenkabi yakhe yehashe.  UNgculu

98

	wathi sele efuna ukulizimela elo xhego wabona ukuba makaginye
	ilitye entliziyweni ajongane nalo.  Walibulisa ngobubele lakufika, walibuza amavelaphi namayaphi, akukhova ukulibuza impilo.
	Lamxelela ixhego ukuba livela evenkileni kwabrili ehebehebe ukuya kuthabatha imali yalo yoboya.  Ke kaloku livile ngomlungu
	wevenkile ukuba waya kuyithabatha; makasele enceda ke ngoko umntwa'kangculu amnike.
Waba ngathi uthethelwa isintsompothi ungculu lelo xhego, wathi maliphinde limcacisele eyona nto likho ngayo kanye apho emzini wakhe.
Laphendula bucaphuka ngoku ixhego la thi, "Ndithi ndinike laa mali yam waya kuyithabatha emlungwini evenkileni ehebehebe!  "Ke uxela nje nawe ukuba ndaya kuyithabatha emlungwini ungena phi wena kuloo nto yokunikana kwam imali nomlungu; ungumlungu, wena, okanye undim?" wabuza ungculu wamzuzu
	evath'iqaqa.  "Ukuba ziyakushiya, Bawo, mazingakushiyi uphakathi kwamasango omzi wam zikho izibhedlela zabashiywa
ziingqondo ibhofolo nendimanga ekomani." wahambisa watsho
	ungculu.
	Waba seso santanta ubawo ugungqani, wathi ekumlungu wabe ekungculu.  Ekugqibeleni wagqiba kwelokuba makamangale engqamakhwe.  Lamlahla ityala kuba ungculu wakhanyela wamunca izithupha.  Bathi bakuba kho ubungqina bokuba ubebanike iphepha eliya kumlungu wafuna iphepha elo kwanobungqina bokuba umlungu ebemnikile ngenene imali.  Waba kusuka umlungu esithi ubemnikile wakhwel'emthini ungculu efuna ubungqina baloo nto.  Waxakwa umthetho kukuwugweba lo
	mcimbi kuba kwabakho amathandabuzo macala omabini.  Kwicala
	lokuba umlungu wayelinikiwe iphepha akuzanga kubekho bungqina buphathekayo kuba lalingabonakali ndawo elo phepha kanti kwicala lokuba umlungu wayemnikile ungculu imali
	kwakungekho bungqina kuba babebobabini kungekho mntu wesithathu okanye into ebhaliweyo ngungculu ukuxela ukuba uyinikiwe imali ngumlungu.  Yaba ke imigudu kabawo ugungqani yokufumana imali yakhe kungculu iphelela eluhayeni.
Apho wayefundisa khona ungculu engcisininde kwakukho
	indoda eyayisele iqinile eyayisisinhanha sesinonophu.  Yayinga-
	tyebanga kancinci loo ndoda kuba kwakunyakazela yimfuyo, iinkomo, iigusha, iibhokhwe namahashe.  Ingqina lokuba yayihlutha loo ndoda yayinekari erholwa ziinkabi zamahashe ezimbini.
	Umntu owayekolo didi endulo phaya wayethatyathwa njengenene ethulelwa iminqwazi.  Lo mnumzana wayengowasemantshilibeni.
	UniNtshilibe lo wayenevenkile.athenga kuyo ngemali nangetyala awayelihlawula akucheba.  Loo venkile yayiyeyakwantintimeshe

99

edolophini engqamakhwe.  UNtshilibe lo wayenentwanazana yesihlobo sakhe eyayihlala apho kuye ifunda kwibanga lesiHIanu kweso sikolo sasetshetshi wayeyinqununu kuso ungculu.  Maxa wambi untshilibe lo wayethuma loo ntwanazana yayihlala emzini wakhe ukuya kuthabatha izinto ngetyala okanye ukuya kuthenga nje kodwa kwantintimeshe phaya.  Ngamanye amaxesha untshilibe wayeziyela ngokwakhe okanye athumele umfazi kuloo venkile.
Uthe kanti ungculu wamzuzu uyiqaphele le nto yokuthunywa kwale ntwanazana kwantintimeshe ngetyala nguntshilibe.  Wamana ukucwangcisa izinto azifunayo kuloo venkile athumele loo ntwanazana.  Nomntwana ngobuntwana wayefika adlulise nje iphepha emlungwini angatsho nokuba uthunywa ngubani na.  UmLungu ke yena wayecinga ukuba uthunywa nguntshilibe kuba eqhele ukumthuma kakade, netyala elo wayelibhala kwiphepha elinezinto ezithatyathwe ngubawo umntshilibe.  Yaqhuba ke loo nto yokuthunywa kwaloo mntwana ngutitshala ungculu lada landa kanobom ityala.  Ngokubona ukuba le nto iza kuyitshonisa ivenkile yakhe untintimeshe wayalela loo mntwana ukuba ancede angenzi ngakumbi atsho kuyise afike nakanjani na apho evenkileni.
Okwenene intombazana yafika yasidlulisa isigidimi kuyise owaya evenkileni eyekelele umzimba.  Wothuka wagodola akuboniswa ubungakanani betyala lakhe nguntintimeshe owamyalela ukuba enze into ephathekayo malunga nokulihlawula kungenjalo liza kulitshonisa ishishini lakhe.  Akubuza umntshilibe emlungwini ukuba yenzeke njani na into yokuba linyuke kangako elo tyala, untintimeshe wamyalela ukuba athabathe ubungqina kwintombazana ehlala emzini wakhe njengoko ibiyiyo ebiquqa apho evenkileni ngokomntu othutha ubisi okanye iposi.
Wemka ejongole ebusweni umfo wasemantshilibeni ukugoduka.  Wafika wayixela emfazini le ntlekele, naye umfazi washiywa luvalo.  Akufika umntwana ukuvela esikolweni bamjika-jika ukumbuza ukuba ubethunywa ngubani na ukuya kuthabatha izinto ngamatyala evenkileni, waxela umntwana ukuba ubethunywa
ngungculu kathathu nakane ngeveki.
"Ke, wena, mntwan'am, ufika ulithabathe ngegama lam nje uthini ngoku ndiza kuthinjwa yonke into endinayo nje kulo mzi ngulo mLungu?"- wabuza umfo wasemantshilibeni ezibambe

ngeenkophe kukukhathazeka.
"Hayi, malume, utitshala ubendinika iphepha nje kodwa abhale kulo izinto andithuma ukuba ndiye kuzithenga; nomlungu ubengandibuzi nto, ubesuka andinike ezo zinto andithume zone
utitshala." utshilo umntwana kalusizi.
"Hamba naye, Ntshilibe, uye kucacisela untintimeshe," ucebisi watsho umfazi.

100

Bakufika kwantintimeshe umntshilibe uye wathi umntwana makathethe konke emlungwini abekuthunywa ngungculu.  Wahlunguzelisa intloko umntwna womlungu esithi apho kurnntshilibe ayinanto yokwenza naye yena loo nto; le nto iphakathi kwabo bobathathu - untshilibe, ungculu nentombazana.  Into ayifunayo yena, Ntintimeshe, yintlawulo yezinto ezithatyathwe kwivenkile yakhe.  Kunjalonje mabamkhawulezele kuloo nto.  Akutsho umlungu kuntshilibe waqonda untshilibe ukuba xa kusithiwa lo mhlaba uyajikeleza ukwenza imini nobusuku kunyanisiwe kuba ngaloo mini nangaloo mzuzu wayethetha nontintimeshe lalitshone emini kumfo wasemantshilibeni.

Akuya kungculu umfo wasemantshilibeni wafika ekhwel'emthini engazi kwaukuba wayekhe wathuma kwamntwana lowo.  Kwabonakala ukuba xa kunje icebo linye makacele umthetho umahlulele umfo wasemantshilibeni.  Ngomhla ophambi kwemini yetyala ungculu wamzuzu wathumela intwanazana evana naleyo yayihiala kwamntshilibe ukuba iye kuyibiza.  Wayiyala ungculu ukuba ize ingatsho ukuba ithunywe nguye yena Ngculu; iz'e iye nje njengoko iqhele ukuya, ifike ibe ngathi ize kubutha babe buncokola.  Kuxa imkhaphayo sebethe qelele nekhaya apho aze ayicele ukuba baye kubona utitshala kuloo mzi wayekhe axhwarhe kuwo mhlenikwezeni izulu lisibekele.  Akuba eyenzile umntwana yonke loo nto wayeyalelwe yona yititshala yakhe wagaleleka ungculu ngemoto awayeyiqeshile yaya kumgoxisa kude loo mntwana.  Lakuxoxwa ityala enkundleni engqamakhwe imantyi yaliwisela kumfo wasemantshilibeni ityala kuba kwacaca ukuba akukho bungqina bumchaphazelayo ungculu njengoko yayingekho intombazana, kwaye nokuba yayikho kuyathandabuzeka ukuba kukho ulutho olungelwalumchaphazele ungculu kuba kwamaphepha lawo wayewathuma umntwana kwantintimeshe ayengaxakathanga gama lakhe.

Into embi yasemhlabeni!  Bakhothuluzwa ubuhlanti bendoda yasemantshilibeni akwasala nondancama wobisi.  Bathi ubuhlanti bendoda bebuphuphuma ngumgquba bamila ingca ngeentsuku ezimbalwa.  Kambe kakade kunjalo kulo mhlaba ujikelezayo ukuguqula imini nobusuku kwaneemeko zethu ekuhlaleni.  Indoda ithabatha iminyaka ukude iye kufika empumelelweni, kodwa ukubhanga kwaloo mpumelelo kifthabatha imini enye.  Kwaba njalo kumfo wasemantshilibeni.  Ngoku olo dwayi lwaluseluphila kukubeleka iingxowa zamalahle awayewathengisa kwezo zitalato zase-Orlando erhavvutini ukuze lulale lutyile.  Ngelo xesha ingxowa yamalahle yayiseyifagulweni.

"Inene ke ungculu lo unawo umthi kanomyayi," kwavakala kusitsho omnye umfo owayezazi ezo zimbo zobuqhetseba zika-

101

Ngculu, ebhekisa kuwabo awayehamba naye bevela edolophini engqamakhwe ngenye imini.  Ubuzile lowo kwakubhekiswa kuye ukuba utsho ngokuba kutheni na.  Uphendule lo ubethethe kuqala wathi, "Uyayiqonda indlela awagweqa ngayo imali yoboya bukaBawo ugungqani ngobuqhetseba.  Lathi ixhego labantu lakummangalela lalahlwa lityala; namhlanje udwayi lwasemantshilibeni lukhothuluzwe lonke uthango lwalo ngenxa yobuqhetseba bukangculu esenza imihlali yozuko lwakhe ngamandla abantu!  Alilikhulu nje ityala aya kuze aliphendule phambi kothixo!" itshilo loo ndoda ibithetha ingebuhlungu kancinci.
"Mfondini, athi amaciko okuthetha izulu lixhanyulwa apha emhlabeni; uxhamla elo zulu ke umfo wasemanywabeni," kuphendula laa ndoda bekubhekiswa kuyo.  Igqibele ngelithi leya ibiyisungule incoko, "Kodwa elo zulu ulixhamla ngokucudisa amagazi abantu.  "

Isiganeko sokugqibela ngokuphathelele kubomi bukangculu sesamhla wagrangxana nemantyi yalapho engqamakhwe egama layo lalinguntanyongo ngenxa enokuba yayinxiba iigilasi emehlweni.  UNgculu ke yena ngelo xesha wayesele esebenza apho engqamakhwe, njengonobhala emveni kokuba wayevela kwimfazwe yamajamani eyayingomnyaka we- 1 9 3 9 ukuya kowe- 1 94 5.

Le mantyi asikukho nokuba yayithandwa ngabasebenzi apho engqamakhwe edolophini nasesithilini.  Yayisithi ukuba ihambele esithilini ibuye ithiwe jize ngenkabi yegusha emazinyo asibhozo.  Ngenxa enokuba umlun u engayityeli ukuyibona oku inyama, 9

njengamaxhosa, yasuka yazala ifriji bubuninzi benyama.  Kwaba yimfuneko ukuba untanyongo azame enye indlela yokulondoloza ezo gusha.  Kungoko wayalela amabanjwa ukuba amakhele ubuhlantana kuloo ndawo zihlala kuyo zonke iimantyi ezixelenga apho engqamakhwe.  Zazide zawela eshumini ezo gusha wayephiwe zona untanyongo esithilini.

Uthe kanti ungculu wamzuzu uyijongile le nto yale mantyi yamkela ukunyotywa ukuze imenzele ulutho umntu.  Yangena intak'endlwini mhla ungculu waxabana naloo mantyi.  Kambe ke asisazi isizeka-bani sokuxabana kwabo.  Kaloku apho kuhlaliwa khona kunye akusoze kungaxatyanwa.  UNgculu wawa elusibeni kwangoko wabhalela epitoli, oko elo lasetranskei lalisephantsi kwayo ipitoli.  Kuloo ncwadi wayibhalayo ungculu wayechaza ukuba untanyongo lowo apho engqamakhwe uphila kukunyotywa, ngangokude abe unobuhlanti kuloo ndawo zihlala kuyo iimantyi apho engqamakhwe.  Utsho ekhankanya ukuba ucoceko alukho kakuhle apho edolophini njengoko umgquba wezo gusha azifuyileyo uphetshethwa ngumoya uzizalise zonke ezo zitalato zasengqamakhwe.  Kwakhona loo nto yokwakhiwa kobuhlanti

102

phakathi edolophini isa ekungeniseni isifo kuba iirnpukane ziy@@ana llomgquba; ukusuka kwazo kuloo mgquba ziya kuhlala kwizitya ekutyelwa kuzo ngabantu ngelixa lesidlo nokuba sesanini na. Yagxuma ipitoli vakuyifumana 100 ncwadi kwabonakala ukuba makungahlozingwa iuthunyelwe amarhulumente ngoko nangoko ukuya kuyihlola le nyewe intanywa Yiloo ncwadi.

Akakho urnntu ongenaye uthixo xa azungulwa Yinto embi.  Kwaba nialo nakuntaiyongo.  Wathiwa mvi Yimpukane eluhlaza ukuba azame ukuzigcina kwenye indawo ezo gusha kuba untanyiwe rigazo epitoli.  Ukuba amarhulumerite afike kukho nobuhlariti kundawo yeemantvi 100 nto Yomfaka kwembi yona inkathazo, ide iphathelele ekube-ni aphulukwe nasisonka sabantwaria bakhe.  Wagxuma untanyongo akuyiva loo nto wagxagxamisa wagxanya wangxama ukubiza uzamicebo wasernajwarheni apho engcisininde wamcela ukuba amgcinele ezo -aiisha.  Kananjalo untanyongo wayalela amabanjwa ukuba achithe obo buhlanti ayebakhile; wayalela kananialo abaseberizi bendlela ukuba bashenxise loo mgquba wawuse udaleke apho, bandindanise ngegrabile.  Ngenxa enokuba ilizwi lemantyi lingumthetho zonke ezo zirito zaziyalelwa nguntanyongo zenzeka ngokukhawuleza.
Okwenene ngomhl
a wawo agaleleka amarhulumente apho engqamakhwe evela epitoli.  Wava-kala ekhuza untanyongo ezithe-

thela yedwa esithi ngentetho yakowabo, "Good Lord! it was a narrow escape." Akukhova ukuhlola iincwadi zomsebenzi amaRhulurnente acela apho kuNtarlYongo ukuba afuria ukuya kubona indawo yeemantyi apho engqarnakhwe.  Okwenene untanyongo wawapheleka ukuwasa apho.  Afika abona eneengqondo nie ukuba loo ncwadi ibibhalelwe epitoli intama untanyongo ibingathethi mampunge.  Noko ke kuba kung kho nto ibambekayo afumana

athula ancoma ucoce
Rhulumente eziqon(
kwenyama nozipho. i
kuloo mntu wayemc

uridawo yeemantyi.  Emka ama-
ukuba usinde ebephakathi
cede wazithoba waya kubulela
ntlekele iphantse ukumhlela

ukumphulukanisa nesonka sabantwana bakhe.

Mayithi inkwenkwe kazamicebo isalondoloze ezo gusha zazigciniswe uyise riguntanyongo izidibanise nomhlarnbi wakowayo iborie kufika apho edlelweni izixhiphoti zeengqungumengqe zamakhwenkwe anxibe amanqashela zithunywe ngungculu ukuza kunqanda ezo gusha zikantanyongo azigcinise uzamicebo.  Kwacaca kunialo nie ukuba loo rnakhwenkwe eze ngokuzixelelwa ezo gusha umbhalo wazo kunye neempawu zazo kuba akazanga axoxe azikhetha kuloo mhlambi kazarnicebo akashiya noko iriye aziqhuba zoshurni ukuzisa kwangculu.  Ernka nazo ezo gusha eyalele loo nkwenkwe ukuba ukuba uyise unentetho aze aye


103

kubuza kungculu.  Loo nkwenkwana yayisalusa ezo gusha yawushiya loo mhlambi wakowayo iwuyaleze kwamanye amakhwenkwe yenza ingqobe ukuya kuxela kuyise ukuba nanga amaxhwili eze kuxwila iigusha zikamantyi.  Umntwana wayesele ecuntsula nakule nto yabantwana bubuhlungu bentliziyo.  Wothuka uzamicebo wagxuma akuyiva loo nto.  Wayalela loo nkwenkwana ukuba ilixhome isali ihashe lakhe ilinxibe nomkhala.  Lakuba ligqityiwe ukubotshwa ihashe waxakathulisa uzamicebo ukuya kwangculu.  Okwenene uthe esaya wakhwazwa yimizimba yazo zonke ezo gusha ixhonywe phezu kweentango zasemanywabeni.  Enkundleni nasezindlwini yayingengomntu iyinkungu nelanga ngokumenywa ngungculu kwisidlo awayesenzela imihlali yozuko lwakhe kuso. lwakhe kuso.

"Ngculu, uthi ubhadle kakuhle nje!  Uzixhelelani iigusha ezi zomlungu?" kubuza uzamicebo sele ebebezela ngumsindo.  OwasemaNywabeni umfo yena wayepholelwe ngamalanga.  Wamphendula cubhukileyo wathi, "Oyena mntu ngendimbuza ukuba ubhadlile nguwe lo kanye, ukuza kuphazamisa itheko endilenza errizini wam.  Musa ke ukuza kuziphambanisa apha likho ibhofolo nekomani iindawo zamageza.  Kucacile ukuba lo mantyi umtatazelelayo wakukhetha ngokukwazi ukuba you are a good, faithful boy.  Hamba ke uye kumxelela ukuba ungculu uzixhelile iigusha.  Nobabini naloo mantyi ndiya kunibhoya izandla neenyawo, ningamaqaba nobabini mos kum.  Mka, shenxa emzini wam ungekadlobi nomnqayi!" watsho umfo wasemanywabeni evathe iqaqa, waqonda naye uzamicebo ukuba kunyembelekile xa kunje, wemka ngosomvana kwangculu.
Waphalisa ukuya edolophini engqamakhwe kangangokuba wafika ekhefuza kunzima nokuthetha kumantyi.  Wathi esathi, "UNgculu emzini wakhe ndifike esenza imihlali yozuko lwakhe ngegush-" wamchila untanyongo ngokomshologu okanye ngokwempundulu wathi, "Hayi!  Hayi!!  Hayi!!!  Musa ukuthetha nento le ngezo gusha; ziphantse ukundiphelelisa ngesonka somfazi wam nabantwana bam!  Akanani nokuba uzityile!" KuNtanyongo kwasuka kwangathi kuza kungena laa marhulumente ayeze kuhlola okwakuntanywe yincwadi, esathetha ngezo gusha uzamicebo.  Ayengathi aza kufika athi, "Hlenje kanti yinyaniso leya yayithethwa ngawe ngezi gusha kulaa ncwadi!  " Kungoko wamchila okwempundulu uzamicebo.  Waphuma apho uzamicebo enyoshoza, ejingisa nentloko kukudana nokunyela.
Kwindlela egodukayo ukuya engcisininde ngelo hashe lalibile limdaka ukuya kwangculu nakumantyi, kanti liphalela ilize, wahamba eyijika-jika inyewe kangculu nezo gusha ebezigciniswe ngumantyi.  Wavakala ezithethela yedwa ezisola esithi.

104

"Yini, Thixo!  Ndingaxhamleka kangakanana ndilondoloze ezi gusha, nomntwana wam alalelwe yimibethe namazolo kanti akazi kufumana nondonci lo khona sekwatshiwo!
"Kwo!  Linamandla ixhwele owaya kuthwala kulo, mfo wasemaNywabeni, xa uda woyikwe, woyikwe naziimantyi ezi zibuthixorha

kuthi."
Laba likhulu itheko awayelenzela imihlali yozuko lwakhe ungculu emzini wakhe.  Abamaziyo ukusuka nokuhlala loo mfo, nababeyazi loo nto yokuxhelwa kweegusha zikamantyi bamncoma besithi uyindoda.  Naye ke umamali wakha amaxhaka esithi, "Bendinixelele ukuba abasoze bandenze nto umantyi naloo good boy yakhe inguzamicebo; ngamaqaba mos kum.  " Kambe lo mhlaba sikuwo uyajikeleza ukuhambisa amaxesha asekuhlaleni nawokufuduka kwethu kweli phakade.  Walishiya naye ungculu eli phakade kunialonje bathi abamelwane bakhe wabulawa ngabantwana bakhe ngezandla.  Asazi nokuba loo nto yenziwa zinyembezi zabantu awayekade ebahlungisa kusini na.
Ndlela-ntle, mnywabe omhle.








105




